IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/13 iphe. 3
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • E-Gulf of Mexico
  • ERashiya
  • EPeru
  • E-Itali
  • EMzantsi Afrika
  • Ioli—Ifumaneka Njani?
    Vukani!—2003
  • Iintsholongwane Ezitya Ioli
    Vukani!—2015
  • Kutheni Kufuneka Uhlobo Olutsha Lomthombo Wamandla?
    Vukani!—2005
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2015
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 1/13 iphe. 3

OKWENZEKA EHLABATHINI

E-Gulf of Mexico

Emva kokugqabhuka kwemibhobho yeoli ngoAprili 2010, kwachitheka izantyala-ntyala zeoli nepetroli elwandle kangangeenyanga ezintathu. Abanye abaphandi bafumanisa ukuba kwiinyanga ezimbini ezinesiqingatha emva koko, ezinye zezo khemikhali zingcolisayo zazingasabonakali—ibe bagqiba kwelokuba zityiwe ziibacteria. Kodwa ke ezinye iingcali zisenamathandabuzo. Zikholelwa ukuba uninzi lwale oli luye lwehla lwaya enzulwini yolwandle.

ERashiya

Iphephandaba ekuthiwa yi-Rossiiskaya Gazeta lithi, ngokutsho kolunye uhlolisiso i-59 pesenti yabantu baseRashiya abaneminyaka ephakathi kweli-18 nengama-35 bakholelwa ukuba, “ngamanye amaxesha kufuneka ukhe unganyaniseki ukuze uphumelele ebomini.”

EPeru

Ezinye zezona nkozo zombona zindala kwezakhe zafunyanwa, (njengezi ziboniswe ngasentla) zibonisa ukuba kwiminyaka emalunga nama-3,000 eyadlulayo, abantu bakumntla Peru babesele besenza ugcado nomgubo.

E-Itali

ULucio Soravito De Franceschi, ongubhishopu wamaKatolika aseAdria-Rovigo uthi ivangeli ifanele “ishunyayelwe ngqo ebantwini kwiindawo abahlala kuzo.” Uthi: “Abefundisi bafanele bayeke ukubetha iintsimbi bebiza abantu, kunoko bafanele bankqonkqoze emizini yabantu.”

EMzantsi Afrika

Xa uluthenga esitratweni, ixabiso lophondo lomkhombe olusetyenziselwa ukunyanga liye lantinga laya kutsho kwiR540 000 ikhilogram. Ngowama-2011, eMzantsi Afrika kuphela, amasela aye abulala imikhombe engaphezu kwama-448. EYurophu amasela aye aqhekeza kwiindawo ezigcina izinto zakudala kunye nezizithengisayo ekhangela ezi mpondo. Kuthiwa nemikhombe ekwiindawo ezigcina izilwanyana eYurophu isengozini.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share