IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/13 iphe. 8-10
  • Kutheni Sithenga

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Sithenga
  • Vukani!—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubuchule Bokuthimb’ Ingqondo
    Vukani!—1998
  • Kutheni Kufuneka Ndikuphephe Ukufana Nabantu Abadumileyo?—Inxalenye 1: Yeyamantombazana
    Ulutsha Luyabuza
  • Indlela Yokuphepha Ukusafaza Imali
    Vukani!—2013
  • Kutheni Kufuneka Ndikuphephe Ukufana Nabantu Abadumileyo?—Inxalenye 2: Le nxalenye yeyabafana
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 6/13 iphe. 8-10

INQAKU ELINGUMXHOLO:NGABA SITHENGA KAKHULU?

Kutheni Sithenga Kakhulu?

Kuphando oluye lwapapashwa ngowama-2012, kuye kwafunyaniswa ukuba isiqingatha sabantu ekuthethwe nabo bayavuma ukuba bakhe bathenge izinto abangazidingiyo. Inkoliso yaba bantu ibona ngathi abantu bathenga kakhulu. Siyavakala isizathu sokuba aba bantu baxhalabe. Abathengi abaninzi bantyumpantyumpeka ematyaleni abangakwaziyo ukuwahlawula. Iingcali zithi ukuthenga yonke into le kunokusenza sixinezeleke size singonwabi! Ukuba kunjalo, kutheni sithenga kangaka?

INGXAKI yokuqala kukuba oosomashishini basingxixha ngezibhengezo zeentengiso. Yintoni injongo yabo? Kukusenza sicinge ukuba soze sikwazi ukuphila ngaphandle kwezinto esizibawelayo. Oosomashishini bayazi ukuba abantu abaninzi abaqali bacinge ngaphambi kokuba bathenge. Ngoko baye baqiniseke ukuba iintengiso zenziwa zibe nomtsalane, ize naloo nto ithengiswayo ibekwe evenkileni kwindawo nangendlela ethi “ndijonge.”

Incwadi ethi Why People Buy Things They Don’t Need ithi: “Xa umntu efuna ukuthenga into ethile, uba nomfanekiso-ngqondweni wakhe eyikhangela, azibone eyifumana yaye ekugqibeleni isiba yeyakhe.” Ezinye iingcali zithi abanye abantu baba nemincili de babe ngathi bayaphupha xa bethenga. Ingcali yezentengiso uJim Pooler uyicacisa ngolu hlobo le nto: “Kufuneka usomashishini alibone emanzini ixhoba elinxile kukuthenga, aze aqiniseke ukuba uyalosela.”

Ungazikhusela njani ukuze ungabi lixhoba lezentengiso? Cingisisa ngaphambi kokuba uthenge uze uzibuze ukuba iyinyani kangakanani le nto iboniswe kule ntengiso.

ISITHEMBISO: “Le Nto Iza Kubuphucula Ubomi Bakho”

Sonke siyafuna ukuphila ubomi obubhetele. Iintengiso zisintlitha zisintlithile ngesithembiso sokuba, “thenga nje wena le nto—yonke iminqweno yakho iya kuzaliseka”—enoba yeyempilo ebhetele, ukhuseleko, ukukhululeka kumaxhala nokuba nobuhlobo obuhle nabanye.

NANTSI INYANISO:

Xa sinezinto ezininzi, namaxhala ethu ayanda. Xa unezinto ezininzi kufuneka ube nexesha kunye nemali engakumbi ukuze ukwazi ukuzisebenzisa nokuzilondoloza. Abanye bade bagule kuba becinga ngamatyala abanawo, yaye ababi nalo ixesha labahlobo nentsapho.

Ivesi yeBhayibhile: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.”—Luka 12:15.

ISITHEMBISO: “Uza Kuba Ngumntu Ebantwini”

Bambalwa abantu abanokuvuma ukuba bathenga izinto kuba befuna ukunconywa ngabanye. Kodwa ke, uJim Pooler uphinda athi: “Xa abantu bethenga izinto, amaxesha amaninzi sukuba bekhuphisana nabahlobo, abamelwane, okanye abantu abasebenza nabo.” Ngenxa yesi sizathu, iintengiso zidla ngokubonisa oosaziwayo besitya okanye besebenzisa loo nto ithengiswayo. Ngamanye amazwi, bathi kuwe: “Inganguwe lo!”

NANTSI INYANISO:

Soze wonwabe ukuba usoloko uzithelekisa nabanye. Uthi wakufumana le, ufune leya!

Ivesi yeBhayibhile: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere.”—INtshumayeli 5:10.

ISITHEMBISO: “Uza Kubabonisa Ukuba Ungubani”

Incwadi ethi Shiny Objects ithi: “Enye yeendlela zokubonisa abanye ukuba singoobani (okanye sifuna ukuba ngoobani) kungezinto esinazo nendlela esiqhayisa ngayo ngazo.” Abathengisi bayiqonda kakuhle le nto yaye badla ngokunxulumanisa izinto abazithengisayo kunye nohlobo oluthile lwabantu okanye ubomi.

Uzazi ungumntu onjani yaye ufuna abanye bakujonge njani? Ngaba ufuna ukwaziwa njengomntu oyazi kakuhle ifashoni? Umthandi wezemidlalo? Enoba ufuna abanye bathini ngawe, ezentengiso zikuthembisa ukuba xa uthenga into ethile uza kuba yiloo nto ufuna ukuba yiyo.

NANTSI INYANISO:

Ayikho into ethengiswayo enokusitshintsha okanye isenze sibe neempawu ezintle, ezinjengokunyaniseka nokuthembeka.

Ivesi yeBhayibhile: ‘Ukuhomba kwenu makungabi . . . kokokufakwa kwezihombo zegolide okanye ukunxitywa kwezambatho zangaphezulu, kodwa makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:3, 4.

Xa sinezinto ezininzi namaxhala ethu ayanda

Eyona Ndlela Yokujonga Izinto Esinazo

Iintengiso ziye zikuthembise izulu nomhlaba. Kodwa ke, ikho eyona nto inokukunceda wonwabe ebomini. Onke amacebiso ekuthethwe ngawo kweli nqaku avela kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. IBhayibhile ayithi masingabi nazo izinto ezintle, kodwa isifundisa ukuba ukuze sonwabe, simele singabi “ngabathandi bemali.”—Hebhere 13:5.

Iindlela Zale Mihla Zokubhengeza Izinto Ezithengiswayo

Ukongezelela kumabonwakude, amaphephandaba, iincwadi kunye neIntanethi, oosomashishini banamhlanje basebenzisa nezinye iindlela ezichuliweyo ukuze babhengeze izinto abazithengisayo.

UKUQINISEKA UKUBA LOO NTO ITHENGISWAYO ISOLOKO ISEMEHLWENI ABANTU: Izinto ezithengiswayo kunye namagama eenkampani adla ngokuvezwa ngobuchule kwiinkqubo zikamabonwakude, kwiimuvi nakwimidlalo yekhompyutha.

UKUBHENGEZA NGOKUFIHLAKELEYO: Oosomashishini bahlawula abantu abathile ukuze bancome izinto abazithengisayo xa bencokola nabanye, ngaphandle kokubaxelela ukuba bayahlawulwa ukuze bancokole ngezo zinto.

UKUNCOKOLA NABANYE NGEZINTO EZITHENGISWAYO: Abantu abasebenza ngeentengiso bakhuthazwa ukuba bathethe ngezinto ezithengiswayo xa bencokola nabahlobo babo okanye bebhala imiyalezo kwiiWebhsayithi zokuncokola. Badla ngokunikwa ezi zinto zithengiswayo simahla okanye bahlawulwe ukuze benze lo msebenzi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share