IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/14 iphe. 7
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Amazwe AseAfrika Engezantsi KweSahara
  • EItali
  • EJapan
  • EBrazil
  • Uyazi Kakuhle Kangakanani IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • “Imbubhiso Ebangelwa Kukunqongophala Kwemali”
    Vukani!—1995
  • Amanani Awothusayo KaGawulayo!
    Vukani!—2001
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2013
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 1/14 iphe. 7

OKWENZEKA EHLABATHINI

Amazwe AseAfrika Engezantsi KweSahara

Inkosikazi yelinye lamazwe angezantsi kweSahara nosana lwayo

Ingxelo ekhutshwe yiUNICEF ethetha ngamazwe aseAfrika engezantsi kweSahara ithi, “yi-38 pesenti kuphela yabantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-5 enesiqinisekiso sokuzalwa.” UElke Wisch, isekela lomalathisi weUNICEF ejongene nommandla weMpuma noMzantsi weAfrika uthi kwamanye aloo mazwe, “kubalulekile ukubhaliswa kwabantwana ukuze bakwazi ukufumana unyango nemfundo, nokuze kuncedwe abantwana abafelwe ngabazali bakwazi ukufumana ilifa.”

EItali

Osemtsha waseItali olixhoba lokuxhatshazwa kwi-Intanethi

Ngokutsho kolunye uhlolisiso, eyona nto yoyikwa kakhulu lulutsha lwaseItali kukuxhatshazwa kwi-intanethi. Abantwana abayi-72 pesenti nabakwiminyaka ephakathi kweyi-12 neyi-17 bathi bakoyika kakhulu. Eli nani lilo gqitha lee elo labo bayi-55 pesenti abathi boyika iziyobisi, abayi-44 pesenti aboyika ukuxhatshazwa ngesini ngumntu omdala kunye nabo bayi-24 pesenti aboyika ukufumana izifo ezifumaneka ngokulala nomntu.

EJapan

Umfana waseJapan

Ngokutsho kweThe Japan Times, liyanda inani labantu abasebatsha baseJapan abangawathathiyo amathuba okunyuselwa emsebenzini. Abayi-40 pesenti kubo bathi abakuthandi ukunganyaniseki kwabantu abaphetheyo. Abasebenzi abaninzi bathi abakwazi ukuveza izimvo zabo okanye ukuthetha ngokukhululekileyo nabaqeshi babo. Nakubeni abantu abadala besagcine laa misebenzi yabo, i-60 pesenti yabasebenzi abasebatsha iqhubeka nemisebenzi yayo ngoxa ikhangela amadlelo aluhlaza.

EBrazil

Umpu

Ukususela ngo-1980 ukuya kutsho ngo-2010, ngabantu abaphantse babeyi-800 000 abaye badutyulwa bafa eBrazil. Abangaphezu kwe-450 000 kubo babeneminyaka ephakathi kweyi-15 neyi-29 ubudala. Uhlolisiso lolwaphulo-mthetho oluye lwenziwa kutshanje luvelise ukuba oyena nobangela woku kubulawa kwabantu ziingxabano emakhaya, iingxabano nabamelwane, umona okanye imilo phakathi kwabaqhubi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share