IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/14 iphe. 6
  • Ucinga Ngokuzibulala?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucinga Ngokuzibulala?
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki Esehlabathini Lonke
    Vukani!—2001
  • Ukuzibulala—Isibetho Sabantu Abaselula
    Vukani!—1998
  • Isizathu Sokuba Abantu Baxhom’ Izandla Ebomini
    Vukani!—2001
  • Ukuzibulala—Ubhubhane Ofihlakeleyo
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 4/14 iphe. 6
Indoda exhelekileyo ecinga ngokuzibulala

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ucinga Ngokuzibulala?

XA UBUNOKUDIBANA noDiana,a ubuya kufumanisa ukuba yintombi ekrelekrele, enobuhlobo nethand’ abantu. Nangona ebonakala engumntu owonwabileyo, kodwa ixesh’ elininzi intliziyo yakhe isoloko ilihlwili, kwaye eziva engento yanto. Uthi: “Mihla le ndinqwenela ukuba ngaske ndife. Ndikholelwa ukuba ihlabathi lingabhetele ngaphandle kwam.”

“Kuye kwafunyaniswa ukuba sihlandlo ngasinye kukho umntu ozibulalayo, kukho abayi-200 abakhe bazama ukuzibulala nabanye abayi-400 abakhe bacinga ngako.”—ITHE GAZETTE, yaseMONTREAL, eKHANADA.

UDiana uthi akasoze azibulale. Kodwa maxa wambi akasiboni isizathu sokuba aphile. Uthi: “Eyona nto ndiyinqwenelayo kukufa ngengozi. Ukufa ndikujonga njemhlobo kunokuba kube lutshaba.”

Baninzi abantu abafana noDiana, ibe abanye kubo baye bazama ukuzibulala. Noxa kunjalo, iingcali zithi uninzi lwabantu abazama ukuzibulala abafuni kufa; sukuba nje befuna ukuphelisa intlungu. Ngamany’ amazwi, bakholelwa ukuba banesizathu sokufa; kodwa eyona nto bayifunayo sisizathu sokuphila.

Kutheni bemele baphile? Funda ngezizathu ezithathu zokuqhubeka siphila.

UBUXOKI: Ukuthetha ngokuzibulala, kubangela abantu bazame ukuzibulala.

INYANISO: Ukuthetha ngokuzibulala kuye kumncede umntu ofuna ukuzibulala ukuba atshintshe indlela acinga ngayo.

a Igama litshintshiwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share