IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/15 iphe. 9
  • Ubulumko Obukhuselayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubulumko Obukhuselayo
  • Vukani!—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • “Unoyolo Umntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ubulumko Bokwenene Butsho Ngesikhalo Esikhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ukuqweqwedisa—Ngaba Sikho Isicombululo?
    Vukani!—2000
  • Ukuqweqwedisa—Ushishino Olunenkohlakalo
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2015
g 2/15 iphe. 9
Amadoda amabini ame ebumnyameni ngoxa kudlula isinhanha sebhinqa

Ubulumko Obukhuselayo

“Intlawulelo yomphefumlo womntu bubutyebi bakhe, kodwa osweleyo akeva kukhalinyelwa [akakho sichengeni].”—IMIZEKELISO 13:8.

NAKUBA ukuba sisityebi kukhe kube luncedo, kusenokuzisa neshwangusha, ingakumbi kweli xesha siphila kulo. (2 Timoti 3:1-5) Kwamanye amazwe abantu abazizityebi, nabakhenkethi ababonakala befumile baba ngamaxhoba amasela nokuxhwilwa kuze kufuneke bakhululwe ngemali.

Elinye ijelo leendaba lithi ngelizwe elithile elisakhasayo: “Ukuphangwa ngendlela ekhohlakeleyo, urhwaphilizo, ukuxhwilwa kwenza izityebi namahlwempu iintshaba. Iindawo zokutyela ziba noomantshingilane abaxhobileyo; yona imizi yezityebi ibiyelwa ngamacingo ahlabayo, ibenezibane zaphandle ezikhanyisa kakhulu, iikhamera kunye noomantshingilane.” Namanye amazwe amaninzi anayo le ngxaki.

Kodwa iBhayibhile ithi ngamahlwempu, “osweleyo akeva kukhalinyelwa [akakho sichengeni].” Singafunda ntoni kula mazwi obulumko? Ukuba uhlala kwindawo edume ngolwaphulo-mthetho nobundlobongela, okanye kufuneka uhambe kwindawo enjalo, musa ukuzibizela amehlo ngokubonakala njengomntu onemali. Zicebe kakuhle izinto ozinxiba okanye oziphatha phakathi kwabantu, ingakumbi ukuba ezo zinto zibiza amehlo. IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.”

Ubulumko esibufumana eBhayibhileni busibonisa indlela uMdali wethu asikhathalele ngayo. Ufuna sikhuseleke. INtshumayeli 7:12 ithi: “Ubulumko bubagcina bephila abo banabo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share