Ukuqweqwedisa—Ngaba Sikho Isicombululo?
INKULUMBUSO yaseChechnya yakhala ngelithi xa yayithembisa ukuwutshayela lo mhlola weriphabliki yakhe yaseRashiya enobhubhane wokuqweqwedisa: “Ukuthatyathwa ngenkani kufikelele kwelona qondo liphezulu nelingenakunyanyezelwa lilizwe lonke, yaye lonke uluntu lufanele luwulwe lo mshologu.”
Ngaba kuya kuze kutshayelwe ukuqweqwedisa? Luhle lona olo sukelo, kodwa umbuzo osalayo ngowokuba iya kwenziwa njani loo nto?
Imigudu Eyenziwayo
Amagunya aseColombia aye amisela abecuphi abasebenza ngokufihlakeleyo abangama-2 000, abatshutshisi abangama-24 baseburhulumenteni, kwanegosa elilwa ukuqweqwediswa. ERio de Janeiro, eBrazil, kwabakho umngcelele wasesidlangalaleni wabantu abamalunga ne-100 000 beqhankqalazela ukuqweqwedisa. EBrazil naseColombia, amaqela omkhosi aye aziphindezela ngokuqweqwedisa izizalwane zabaqweqwedisi. Yaye abanye abantu bakwiiPhilippines baye babhenela ekuthabatheleni umthetho ezandleni zabo—baye bababulala abaqweqwedisi bengamahlokondiba!
Amagunya aseGuatemala aye amisela isigwebo sentambo kubaqweqwedisi, yaye inkulumbuso yalapho iye yagaya umkhosi wokuthintela lo bhubhane wokuqweqwedisa. EItali urhulumente uye wasebenzisa iindlela ezingqongqo zokuthintela ukuqweqwedisa, ngokuthi imali yentlawulelo ayikho mthethweni aze ohluthe imali nempahla ukuze athintele izizalwane ekuhlawuleni. Amagosa aseItali azingomba isifuba esithi ezi ndlela ziye zanegalelo ekuthotheni kokuqweqwedisa. Noko ke, abanye bagxeka ngelithi oko kubangele ukuba iintsapho zizame ukulungisa iimeko zazo emfihlekweni yaye loo nto yehlisa inani leemeko zokuqweqwedisa ezaziwayo ngurhulumente. Iinkampani zabucala zokhuseleko ziqikelela ukuba inani lokuqweqwedisa eItali liye laphindaphindeka ukususela kwiminyaka yee-1980.
Amacebiso Maninzi—Izicombululo Zona Zimbalwa
Kwiintsapho ezininzi zamaxhoba aqweqwedisiweyo, sinye kuphela isicombululo esibonakala sisebenza—ukuhlawula imali yokukhulula abathandekayo babo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Kodwa iingcali zilumkisa ngelokuba ukuba imali yentlawulelo iphakamile yaye ihlawulwa ngokukhawuleza, abaqweqwedisi banokuyijonga le ntsapho njengesisulu baze babuye kwakhona. Okanye basenokufuna intlawulo yesibini ngaphambi kokukhulula ixhoba.
Ezinye iintsapho ziye zahlawula imali eninzi kanti lonke elo xesha ixhoba sele lifile. Ngoko iingcali zithi akufanele uhlawule okanye uthethane nabaqweqwedisi ngaphandle kobungqina bokuba ixhoba lisaphila. Obo bungqina kukubuza umbuzo onokuphendulwa lixhoba kuphela. Ezinye iintsapho ziye zicele umfanekiso wexhoba liphethe iphephandaba lakutshanje.
Kuthekani ngokuhlangulwa? Kuthiwa kusoloko kuyingozi kakhulu. UBrian Jenkins, oyingcali kwezokuqweqwediswa uthi: “Ama-79 ekhulwini abo bonke abantu abathinjiweyo bayabulawa ebudeni bokuhlangulwa kuMbindi noMzantsi Merika.” Noko ke, maxa wambi amalinge okuhlangula adla ngokuphumelela.
Akumangalisi ukuba, izicombululo ezininzi zigxininisa ekuthinteleni ukuqweqwedisa. Asingomagunya aseburhulumenteni kuphela enza umgudu wokukhusela ukuqweqwedisa. Amaphephandaba afundisa abantu indlela yokuphepha ukuqweqwediswa, indlela yokuhla kwinqwelo-mafutha ehambayo nendlela yokubamba abaqweqwedisi ngengqondo. Iindawo ezifundisa ubuchule bokulwa zikwafundisa nendlela yokuzikhusela ekuqweqwedisweni. Kukho iinkampani ezithengisa izixhobo ezincinane zokulanda umkhondo ezixabisa ii-R91 000, ezinokufakwa emazinyweni abantwana ukuze amapolisa akwazi ukukhangela abantwana xa beqweqwedisiwe. Kwabo banokuzifikelela, abavelisi beenqwelo-mafutha bavelisa iinqwelo-mafutha “ongenakuqweqwediswa kuzo” ezineendawo zokukhupha izintywizisi, ezineendawo zokujolisa imipu, ezineefestile ezingaphumeli mbumbulu, amatayala angagqabhukiyo neendawo zokukhupha ioli.
Abanye abantu abazizityebi bacinga ukuba, ukuba nabalindi kusisicombululo. Noko ke, ngokuphathelele le meko eMexico, ingcali ngezokhuseleko uFrancisco Gomez Lerma uthi: ‘Ukuba nabalindi akuncedi ngenxa yokuba bakubizela amehlo yaye kusenokwenzeka ukuba banento yokwenza nabaqweqwedisi.’
Ingxaki yokuqweqwedisa iyindidi yaye yendele kangangokuba akukho nto inokwenziwa ngumntu inokukwazi ukuyiphelisa. Ngoko, ngaba sikho isicombululo sokwenene?
Sikho Isicombululo
Ngokuphindaphindiweyo eli phephancwadi liye lachaza ekuphela kwesicombululo sokwenene kuzo zonke iingxaki olujamelene nazo uluntu. Eso sicombululo seso uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathetha ngaso xa wayefundisa abalandeli bakhe ukuthandaza: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:10.
Licacile elokuba, sifuna urhulumente wehlabathi onobulungisa ukuze alawule imicimbi yabantu abahlukahlukeneyo emhlabeni—ewe, uBukumkani bukaThixo awathetha ngabo uYesu. Ekubeni abantu bengakhange bakwazi ukumisela urhulumente ololo hlobo, kuya kuba bubulumko ukuba sikhangele kuMdali wethu, uYehova uThixo. ILizwi lakhe, iBhayibhile, lithi wayenenjongo yokwenza oku.—INdumiso 83:18.
Umproteti uDaniyeli wabhala wathi xa wayethetha ngenjongo kaYehova: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. . . . Buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.” (Daniyeli 2:44) IBhayibhile ichaza indlela lo rhulumente kaThixo aya kuthabatha ngayo amanyathelo okutshayela ulwaphulo-mthetho, kuquka ukuqweqwedisa.
Imfundo Efanelekileyo Ibalulekile
Ngokungathandabuzekiyo uya kuvuma ukuba ukufundisa abantu imilinganiselo efanelekileyo kubalulekile ukuze kuconjululwe ingxaki yokuqweqwedisa. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngendlela ebeliya kuncedakala ngayo ibutho labantu ukuba belinokuthobela esi siluleko seBhayibhile: “Uhlobo lwenu lobomi malube lolukhululekileyo kuthando lwemali, ngoxa nanelisekile zizinto ezikhoyo.” (Hebhere 13:5) “Musani ukuba natyala lanto nakubani na, ngaphandle kwelokuthandana.”—Roma 13:8.
Unokubona indlela ubomi ebebunokuba yiyo ngokuqwalasela inkqubo yokufundisa eyenziwa ngamaNgqina kaYehova kumazwe angaphezu kwama-230 emhlabeni wonke. Le nkqubo iye yanemiphumo emihle kubantu abaninzi ababebawa ngaphambili nababezizaphuli-mthetho ezinobungozi. Omnye owayesakuba ngumqweqwedisi wathi: “Ekuhambeni kwexesha, ndaqonda ukuba ukuze ndikholise uThixo kufuneka ndihlube ubuntu bam obudala ndize ndambathe obutsha—obo bokululama nobufana nobukaKristu Yesu.”
Sekunjalo, neyona nkqubo ifanelekileyo yokufundisa ayinakuzitshintsha zonke izaphuli-mthetho, mhlawumbi nezona zininzi. Kuya kwenzeka ntoni kwabo bangafuni kutshintsha?
Ukutshayelwa Kwabenzi Bobubi
Abo benza ububi ngabom abasayi kuvunyelwa ukuba babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo. IBhayibhile ithi: “Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, . . . nabantu ababawayo, . . . nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) “Abathe tye baya kulima ilizwe . . . banqunyulwe ezweni abangendawo.”—IMizekeliso 2:21, 22.
Ngokutsho koMthetho kaThixo ngemihla yamandulo, umqweqwedisi ongaguqukiyo wayemele abulawe. (Duteronomi 24:7) Abantu ababawayo njengabaqweqwedisi, abanandawo eBukumkanini bukaThixo. Namhlanje izaphuli-mthetho zinokukuphepha okusesikweni kwabantu, kodwa azinakukwazi ukuphepha okusesikweni kukaThixo. Nabaphi na abenzi bobubi kuya kufuneka batshintshe iindlela zabo ukuze baphile phantsi kolawulo loBukumkani bukaYehova lobulungisa.
Lizicacele elokuba, ukuba iimeko ezibangela ulwaphulo-mthetho zisekho, aluzi kuphela ke nolwaphulo-mthetho. Kodwa, uBukumkani bukaThixo abusayi kuyivumela loo nto, kuba iBhayibhile ithembisa ukuba: “Obo bukumkani . . . buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani,” kuquka bonke abantu abenza okubi. Esi siprofeto seBhayibhile siyaqhubeka sibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo buya kuma ngonaphakade. (Daniyeli 2:44) Khawucinge nje ngotshintsho oluya kwenzeka!
Ihlabathi Elitsha Lobulungisa
Khawucinge nje ngesinye isiprofeto seBhayibhile. Seso silichaza kakuhle ikamva ngala mazwi: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam.”—Isaya 65:21, 22.
UBukumkani bukaThixo buya kusitshintsha sonke esi sijikelezi-langa. Bonke abaphilayo baya kubunandipha ngokuzeleyo ubomi, ngokuphuhlisa ubuchule babo bemvelo ngokwenza umsebenzi owanelisayo nokuzihlaziya ngendlela efanelekileyo. Ehlabathini lonke iimeko ziya kubangela ukuba kungabikho mntu ucinga nokucinga ngokuqweqwedisa ummelwane wakhe. Abantu baya kuziva bekhuseleke ngokupheleleyo. (Mika 4:4) Ngaloo ndlela, uBukumkani bukaThixo buya kube bukususile ukuqweqwedisa njengesisongelo esisemhlabeni wonke namhlanje kungaze kubekho mntu ucinga ngako nanini na.—Isaya 65:17.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
“Kungabikho uboyikisayo.”—Mika 4:4