IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 4 iphe. 4
  • 1. Sebenzisa Ingqondo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 1. Sebenzisa Ingqondo
  • Vukani!—2016
  • Amanqaku Afanayo
  • Vumela Imikhwa Elungileyo Ibe Yingenelo Kuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Intshayelelo
    Vukani!—2016
  • Ngaba Imikhwa Emibi Inokoyiswa?
    Vukani!—2004
  • 2. Zilawule Izinto Nabantu Obasondeza Kuwe
    Vukani!—2016
Khangela Okunye
Vukani!—2016
g16 No. 4 iphe. 4
Ibhinqa libhala uludwe

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKWENZA IMIKHWA YAKHO IBE MIHLE

1 Sebenzisa Ingqondo

Usenokufuna ukutshintsha yonke into ngexesha elinye. Uzixelela oku, ‘Yabona, kule veki ndiza kuyeka ukutshaya, ukuthuka nokulala ebusuku kakhulu, ndiqalise ukujima, ukutya kakuhle nokufowunela utat’ omkhulu nomakhulu.’ Ngokuqinisekileyo ukuzama ukwenza yonke into ngexesha elinye kubangela ukuba ungabi senza nenye yazo!

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Bunabathozamileyo ubulumko.”—IMizekeliso 11:2.

Umntu othozamileyo uyazazi izinto anokukwazi ukuzenza nangenakuzenza. Uyaqonda ukuba ixesha analo lilinganiselwe, ngokunjalo namandla nezinto anazo. Ngoko, kunokuba afune ukutshintsha yonke into ngexesha elinye, uzitshintsha ngokuthe ngcembe.

Ngokuqinisekileyo ukuzama ukwenza yonke into ngexesha elinye kubangela ukuba ungabi senza nenye yazo!

OKO UNOKUKWENZA

Zamana nomkhwa omnye okanye emibini ngexesha. Ezi ziindlela zokukwenza oku ibe zisenokukunceda:

  1. Yenza uludwe lwemikhwa elungileyo ofuna ukuba nayo nolwemikhwa emibi ofuna ukwahlukana nayo. Bhala yonke imikhwa ocinga ngayo.

  2. Yilandelelanise imikhwa ekuludwe lwakho ngokubaluleka kwayo.

  3. Khetha imikhwa embalwa—mhlawumbi omnye okanye emibini kuludwe ngalunye, uze uzame ukuba nayo okanye ukwahlukana nayo. Emva koko yiya komnye okanye emibini elandelayo kuludwe ngalunye.

Unokukukhawulezisa oku ngokuvala isikhewu somkhwa ombi ngolungileyo. Ngokomzekelo, ukuba kuludwe lwemikhwa emibi ubhale ukuba ubukela kakhulu umabonwakude waza kweyemikhwa elungileyo wabhala ukuba ufuna ukunxulumana nabantu obathandayo, usenokugqiba koku: ‘Endaweni yokuba ndivule umabonwakude ndisafika nje endlini, ndiza kufowunela umhlobo okanye isizalwana sikhe sincokole.’

IMIGAQO YEBHAYIBHILE ETHETHA NGOKU

“Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—Filipi 1:10.

“Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.”—INtshumayeli 7:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share