IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 4/8 iphe. 30-31
  • Ngaba Imikhwa Emibi Inokoyiswa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Imikhwa Emibi Inokoyiswa?
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuxhathisa Iminqweno Emibi
  • Unako Ukutshintsha
  • Vumela Imikhwa Elungileyo Ibe Yingenelo Kuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • 1. Sebenzisa Ingqondo
    Vukani!—2016
  • Ukuthintela Ukubuya Kwemikhwa Emibi
    Vukani!—1991
  • Intshayelelo
    Vukani!—2016
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 4/8 iphe. 30-31

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Imikhwa Emibi Inokoyiswa?

UMBHALI uMark Twain, ngeliqhulayo wakha wathi: “Ukwahlukana nomkhwa wokutshaya yeyona nto ilula. Ndiyakwazi oko kuba ndiye ndakwenza izihlandlo eziliqela.” Ngokuqinisekileyo abantu abaninzi bayavumelana nalo kaTwain. Ngoxa besenokuba bayazi ukuba imikhwa ethile mibi kwaye iyingozi, bayaqonda ukuba kunzima ukwahlukana nayo. Njengoko iminyaka ihamba, imikhwa isenokwendela nzulu emntwini kangangokuba kunokuba nzima kakhulu ukwahlukana nayo. Ukuzama ukulwa naloo mikhwa kunokumthez’ amandla umntu yaye kunokuba buhlungu.

UGqr. Anthony Daniels osebenza entolongweni waphawula ukuba amabanjwa adla ngokuthi abotshwe iinyawo nezandla yimikhwa yawo emibi. Athi xa umntu sele eyiqhelile into, “ayisafunwa nguye kodwa ifunwa ligazi, yaye kunzima ukulwisana naloo mnqweno.” Ukuba oku bekuyinyaniso, besingayi kubekek’ ityala ngezenzo zethu. Kodwa ngaba yinyaniso ukuba singamaxhoba angenakuzenzela nto eminqweno yethu? Okanye ngaba sinokuyoyisa imikhwa emibi? Ukuze sifumane impendulo echanileyo, makhe sive oko iBhayibhile ikutshoyo ngalo mbandela.

Ukuxhathisa Iminqweno Emibi

IBhayibhile iyibeka icace into yokuba uThixo uya kusiphendulisa ngezenzo zethu. (Roma 14:12) Kwakhona, ufuna siphile ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe yobulungisa. (1 Petros 1:15) NjengoMdali wethu, uyakwazi oko kusilungeleyo, yaye imigaqo yakhe ayivumelani nemikhwa emininzi ekhoyo namhlanje. (1 Korinte 6:9, 10; Galati 5:19-21) Noko ke, usebenzisa ingqiqo novelwano xa eqhubana nabantu abangafezekanga.—INdumiso 78:38; 103:13, 14.

Ngoko umdumisi wabhala wenjenje: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) Ewe, uYehova uyazi ukuba “intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:21) Imfuza, ubuthathaka esizalwa sinabo nezinto esiye sajamelana nazo ngaphambili zenza ukuba singakwazi ukuphepha zonke iingcinga neminqweno emibi. Ngoko, ngenxa yothando uYehova akalindelanga senze izinto ngendlela egqibeleleyo.—Duteronomi 10:12; 1 Yohane 5:3.

Noko ke, nakuba uThixo enenceba sifanele silwe neminqweno emibi. Umpostile uPawulos wavuma ukuba wayesilwa neminqweno emibi, kodwa akazange anikezele. (Roma 7:21-24) Wathi: “Ndiyawuqoba umzimba wam ndize ndiwuphathe njengekhoboka.” Ngoba? Ukuze “mna ngokwam ndingabi ngongakholekanga ngandlel’ ithile.” (1 Korinte 9:27) Ewe, kubalulekile ukukwazi ukuzilawula ukuze woyise iminqweno nemikhwa emibi.

Unako Ukutshintsha

Iingcali ngokusebenza kwengqondo zithi kanye njengokuba kunjalo ngemikhwa emihle, imikhwa emibi iyafundwa. Ukuba oku kunjalo, ngokuqinisekileyo umntu unokufunda ukwahlukana nemikhwa emibi! Njani? “Cinga ngeengenelo zokwahlukana nomkhwa ombi,” batsho njalo ababhali bencwadi yokunceda abantu abaxinezelekileyo. Emva koko “bhala indlela ukwahlukana kwakho naloo mkhwa ekuya kubuphucula ngayo ubomi bakho.” Ewe, ukucinga ngeengenelo zokwahlukana nomkhwa ombi kuya kukushukumisela ukuba utshintshe.

Cinga ngesibongozo sikampostile uPawulos sokuba ‘sihlaziye amandla ethu engqondo.’ (Efese 4:22, 23) Loo mandla lutyekelo lwethu lwengqondo. Loo mandla uwahlaziya ngokusondela kuThixo nangokuhlakulela uthando ngemilinganiselo yakhe. Ukwazi ukuba uvuyisa uYehova kuya kukukhuthaza wenze utshintsho olufunekayo.—INdumiso 69:30-33; IMizekeliso 27:11; Kolose 1:9, 10.

Kakade ke, ukwahlukana nemikhwa ebesisoloko sinayo kangangeminyaka akuyi kuba lula. Asifanelanga siwuthabathe lula umlo esijamelene nawo. Ngokuqinisekileyo uza kumana ubuyela kuyo. Kodwa qiniseka ukuba ekuhambeni kwexesha izinto ziza kuya zisiba lula. Njengoko uzama ngamandla, ziza kuba lula izinto.

Umntu othanda uThixo unokuqiniseka ukuba uya kumnceda aze amsikelele. UPawulos uyathembisa: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa . . . uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.” (1 Korinte 10:13) Kungekudala, uYehova uThixo uza kutshabalalisa le nkqubo yezinto nazo zonke izilingo, neminqweno emibi. (2 Petros 3:9-13; 1 Yohane 2:16, 17) Ekugqibeleni, bonke abantu abangafezekanga abaya kusinda, baya kukhululwa kuzo zonke iimbandezelo abajamelana nazo—emzimbeni nasengqondweni. UThixo uthembisa ukuba: “Izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” (Isaya 65:17) Phakathi kwezi “zinto zangaphambili” yiminqweno emibi. Ngaba esi ayisosizathu sibalaseleyo sokuba senze konke okusemandleni silwe nemikhwa emibi?

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 31]

UKULWA NEMIKHWA EMIBI

1. Yiqonde uze uyivume imikhwa emibi. Zibuze, ‘Ngaba ngokwenene lo mkhwa uluncedo? Ngaba uyabacaphukisa abanye? Ngaba uyayichaphazela impilo yam, imeko yam yezoqoqosho, impilo-ntle yam, nentsapho yam okanye uxolo lwam lwengqondo? Kuya kundinceda kangakanani ukwahlukana nawo?’

2. Endaweni yomkhwa ombi, yenza izinto ezintle. Ngokomzekelo, ngaba uchitha ixesha elininzi kwi-Internet, mhlawumbi ubukele izinto ezingakhiyo? Ngoko lungiselela ukuba elo xesha ulichithe ufunda izinto ezakhayo okanye ulolonga umzimba.

3. Hlola inkqubela yakho. Suku ngalunye, ziph’ ithuba lokuhlola inkqubela yakho. Ukuba uphinde wabuyela kumkhwa wakho, khangela ukuba ziintoni ezikhokelele kuloo meko.

4. Funa uncedo nakwabanye. Xelela abahlobo nentsapho ukuba uzama ukwahlukana nomkhwa othile uze ubacele bakuxelele xa bebona ngathi ubuyela kuwo. Thetha nabantu abaye bakwazi ukulwa nomkhwa ozama ukwahlukana nawo.—IMizekeliso 11:14.

5. Yiba ngolungeleleneyo usebenzise ingqiqo. Ungalindeli ukuba yonk’ into iza kulunga ngokukhawuleza. Kuza kuthabath’ ixesha ukwahlukana neminye imikhwa obunayo kangangeminyaka.

6. Thandaza kuThixo. Ngoncedo lukaThixo, unokoyisa nawuphi na umkhwa ombi.—INdumiso 55:22; Luka 18:27.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share