IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 5 iphe. 10-11
  • Ummangaliso Wendalo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ummangaliso Wendalo
  • Vukani!—2016
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Iziqalelo Zendalo Zabakho Ngamabona-ndenzile?
    Vukani!—2000
  • Imijikelo Yobomi
    Vukani!—2009
  • Khanindiboleke Ipensile
    Vukani!—2007
  • Ukonakaliswa Komhlaba Wethu—Intlaselo Ethwaxa Imimandla Emininzi
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
Vukani!—2016
g16 No. 5 iphe. 10-11

Ummangaliso Wendalo

Iiathom zekhabhon

“Akukho nto ibaluleke ebomini njengekhabhon,” itsho njalo incwadi ethi Nature’s Building Blocks. Ikhabhon iyakwazi ukudibana neminye imichiza eziindidi ezininzi eziye zafunyanwa okanye zenziwa kule mihla.

Njengoko kubonisiwe apha, iiathom zekhabhon ziyakwazi ukudibana zize zimile ngeendlela ezahlukeneyo, zibe ngamatsheyina, izazinge, oonxantathu, amacwecwe nemibhobho. Ngokwenene ikhabhon ngummangaliso wendalo!

IDAYIMANI

Idayimani

Iiathom zekhabhon zenza oonxantathu ababizwa ngokuba ziitetrahedrons, nto leyo eyenza idayimani iqine. Idayimani esulungekileyo yingqokelela yeeathom zekhabhon.

UMSIZI

Umsizi

Iiathom zekhabhon ezixineneyo ziyakwazi ukwahlukana zibe yimicwe enokwahlukaniswa ngokulula ngokungathi utyhila iphepha. Ngenxa yoku, umsizi uyakwazi ukuba yinto yokuqaba okanye udityaniswe ube ngumsizi wokubhala.a

IGRAPHENE

Umzobo wepensile

Lo ngumcwe weeathom zekhabhon ezinamacala amathandathu. IGraphene iqine ngaphezu kwentsimbi. Umsizi wento yokubhala unokuba neeathom zegraphene ezingumcwe omnye okanye emininzi.

IFULLERENE

IFullerenes

Olu hlobo lwekhabhon lumile okweebhola ezincinane ezidityaniswe yimibhobho ebizwa ngokuba ziinanotubes. Zilinganiswa ngeemitha ezincinane kakhulu (nanometers).

IZINTO EZIPHILAYO

Iiseli eziphilayo ezinekhabhon

Iiseli ezikwizityalo, kwizilwanyana nasebantwini zenziwe ngeenxalenye zekhabhon​—efumaneka kwiicarbohydrates, amafutha, neeamino acids.

“Iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo ziqondeka ngezinto ezenziweyo.”​—Roma 1:20.

a Bona inqaku elithi “Khanindiboleke Ipensile?” KuVukani! kaJulayi 2007.

Inkwenkwezi

Ikhabhon​—Yenziwe Kakuhle Ezinkwenkwezini

Ikhabhon ibunjwa kukudibana kweehelium nuclues ezintathu. Oososayensi bakholelwa ukuba le nto yenzeka ngaphakathi kwiinkwenkwezi ezibizwa ngokuba ziired giants. Ukuze umchiza oyihelium udibane, kufuneka iimeko eziwungqongileyo zilunge kakuhle. Usosayensi uPaul Davies wabhala wathi: “Xa kunokutshintsha [imithetho yemvelo] nokuba kukancinane kangakanani na bekungazi kubakho ndalo, ubomi, nditsho nabantu.” Sinokuthi ibangelwa yintoni yonke le nto? Abanye bathi iyazenzekela. Ukanti abanye bathi bubungqina bokuba uMdali wethu ulumkile. Ngabaphi ocinga ukuba bachanile?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share