IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g23 No. 1 iphe. 9-11
  • Amahlathi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amahlathi
  • Vukani!—2023
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingxaki Akuyo Amahlathi
  • Umhlaba Wethu​—Udalelwe Ukuba Ukwazi Ukuzilungisa
  • Iinzame Ezenziwe Ngabantu
  • Izizathu Zokuba Nethemba​—Ithini IBhayibhile?
  • Amahlathi Ashinyeneyo—Ngubani Oya Kuwasindisa?
    Vukani!—2003
  • Amahlathi Ashinyeneyo—Ngaba Anokusindiswa?
    Vukani!—2003
  • Ngaba Amahlathi Aya Kuhlala Ekho?
    Vukani!—1990
  • Iingenelo Zamahlathi Ashinyeneyo
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2023
g23 No. 1 iphe. 9-11
Umntu ongusisi uhamba kwiblorho enqumla ehlathini.

NGABA UMHLABA UNOKUKWAZI UKUSINDA?

AMAHLATHI

XA ABANTU bechaza amahlathi baye bathi “yimiphunga ebangela ukuba ubomi buqhubeke bukho emhlabeni,” ibe siyavakala nesizathu sokuba batsho. Imithi ifunxa icarbon dioxide ukuze ingasonzakalisi. Ikwakhupha neoxygen eyinxalenye ebalulekileyo yomoya esiwuphefumlayo. Phantse zonke izityalo nezilwanyana ezikhoyo emhlabeni zihlala emahlathini. Ngaphandle kwamahlathi besingenakuphila.

Ingxaki Akuyo Amahlathi

Qho ngonyaka iibhiliyoni zemithi ziyasikwa, ixesha elininzi kuba kufun’ukulinywa. Ukususela ekupheleni koo-1940, ihafu yamahlathi anetha imvula kakhulu emhlabeni wonke aye agawulwa.

Xa amahlathi egawulwa okanye etshiswa, izityalo nezilwanyana eziphila kuwo nazo ziyafa.

Umhlaba Wethu​—Udalelwe Ukuba Ukwazi Ukuzilungisa

Iyamangalisa indlela imithi ekhawuleza ikhule ngayo ibe ngamahlathi kwindawo apho yayikhe yagawulwa kuyo. Kutshanje abaphandi ngezityalo baye bamangaliswa kukubona indlela akhawuleza azikhulela ngayo amahlathi ebegawuliwe aza aphinda angamahlathi kwakhona. Khawucinge ngale mizekelo:

  • Kukho iindawo ebezinamahlathi zaza zagawulwa ukuze kulinywe kodwa emva kwexesha kwayekwa ukulinywa. Abaphandi baye baqhubeka beyijongile into eye yenzeka kula mahlathi. Olunye uphando oluye lwenziwa kwiindawo eziyi-2 200 eMerika naseNtshona Afrika luye lwabonisa ukuba umhlaba uye wakwazi ukuphinda ubuyele ube ngamahlathi kungaphelanga neminyaka eyi-10.

  • Ngokutsho kophando olukwiScience magazine kuqikelelwa ukuba kwiminyaka emalunga neyi-100, imihlaba ingakwazi ukuphinda ibuyele kwindlela eyayiyiyo, inemithi eyahlukeneyo nezilwanyana ezazihlala kuyo.

  • Oososayensi baseBrazil basandokwenza uphando ukuze bathelekise ukuba ngaba amahlathi akhawuleza aphinde akhule xa eyekiwe okanye xa abantu bephinde benza iinzame zokuphinda bawakhulise.

  • Ibhekisela kolu phando, iNational Geographic ithe: “Bavuyiswe kukufumanisa ukuba ukutyalwa kwakhona kwemithi akuyomfuneko.” Kwiminyaka nje emihlanu, kwiindawo ekungakhange kutyalwe mithi kuyo, “kuye kwaphinda kwagcwala qhu imithi eyayikhula apho ngaphambili.”

    NGABA UBUSAZI?

    Iifama Ziba Ngamahlathi

    Umfanekiso obonisa indawo ekugawulwe amahlathi ukuze kulinywe aza emva koko ashiywa. Emva kweminyaka eyi-10 iyakhula imithi emhlabeni. Emva kweminyaka eyi-100 nangaphezulu, kunokulindelwa ukuba amahlathi akhule ngokupheleleyo.

    Amahlathi aye agawulwa ukuze kulinywe aza ayekwa aye aphinda akhula ngokumangalisayo. Namanye amahlathi aye onakaliswa ngenxa yezinye izizathu, anokuphinda azikhulele.

Iinzame Ezenziwe Ngabantu

Emhlabeni wonke, kuye kwenziwa iinzame zokukhusela amahlathi akhoyo ibe kuye kwalungiswa umonakalo walawo agawuliweyo. Ngenxa yaloo nto, ingxelo ephume Kwizizwe Ezimanyeneyo ithi, ‘kule minyaka iyi-25 idlulileyo kuye kwagawulwa nje ihafu yamahlathi xa kuthelekiswa naleyo ibikade igawulwa ngaphambili.’

Ezi nzame azanelanga ekusindiseni amahlathi. IGlobal Forest Watch ikhuphe ingxelo ethi, “amanani okugawulwa kwemithi kwiindawo ezinetha kakhulu awakatshintshi kule minyaka idlulileyo.”

Iinkampani eziye zisike imithi ukuze zenze amaplanga ngokungekho semthethweni, ziye zenza iibhiliyoni zemali ibe oku kunyoluka sesona sizathu esenza ukuba amahlathi onakaliswe.

Umntu ojongene namahlathi uhlola imithi ehlathini.

Amaqela ajongene namahlathi ayawakhusela ngokusika imithi embalwa esele ikhulile aze atyale eminye

Izizathu Zokuba Nethemba​—Ithini IBhayibhile?

“UYehovaa uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi eyayibukeka yaye ilungele ukutyiwa.”​—Genesis 2:9.

UMdali wenze amahlathi ukuba akwazi ukuphinda akhule aze aqhubeke eluncedo ebantwini. Ufuna ukuwagcina ekho amahlathi nezinto ezimangalisayo eziphila kuwo.

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uza kukuphelisa ukonakaliswa kwezinto azidalileyo ukuze umhlaba wethu nezinto eziphila kuwo zikwazi ukuqhubeka ziphila. Jonga inqaku elithi “Isithembiso SikaThixo Sokuba Ukungcoliswa Komhlaba Kuza Kuphela,” kwiphepha 15.

a UYehova ligama likaThixo.​—INdumiso 83:18.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Abantu abatshatileyo bonwabele ukuba separadesi elapha emhlabeni.

Kutheni sinokuqiniseka ukuba ukungabinasiphatho kwabantu ngezinto ezisemhlabeni akuzuwutshabalalisa umhlaba? Bukela ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze uThixo Adale Umhlaba? eku-jw.org/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share