UNGAMELANA NJANI NOKUNYUKA KWAMAXABISO?
Yisebenzise Kakuhle Imali Yakho
Ukudura kwezinto kubangela iingxaki kuthi sonke. Kodwa ke, loo nto ayithethi kuthi awunakuncedakala. Zingakhona izinto onokuzenza ukuze uncedakale.
KUTHENI KUBALULEKILE UKUYISEBENZISA KAKUHLE IMALI YAKHO?
Ukuba awuyisebenzisi ngobulumko imali yakho loo nto inokuzandisa iingxaki zakho zemali uze ube nestres namaxhala. Nokuba awunamali eninzi zikhona izinto onokuzenza ukuze uyisebenzise kakuhle imali yakho.
INTO ONOKUYENZA
Phila Ngale Mali Unayo. Xa uphila ngemali onayo, uza kuziva uzolile, ibe uza kukwazi nokubhatala izinto ezivele zathi gqi ungazilindelanga.
Ukuze ukwazi ukuphila ngemali onayo, yenza ibhajethi —ezakubonisa imali ozakuyifumana nemali ozakuyisebenzisa. Njengoko usenza ibhajethi yakho cingisisa kakhulu ngezona zinto ozidingayo uze uzame ngamandla akho onke ukuyilandela loo bhajethi, mane uyitshintsha njengoko amaxabiso ezinto etshintsha nemali oyifumanayo itshintsha. Kakade ke, ukuba utshatile lwenze nomntu otshate naye olo tshintsho.
Khawuzame le nto: Endaweni yokuthenga ngetyala, xa unako thenga ngemali onayo. Ngokwenza oku abanye baye babona ukuba ukuyisebenzisa kanje imali kuye kwabanceda ababinamatyala. Enye into, kukhuthalele ukumane ujonga istatement sakho sebhanki. Xa usazi ukuba unamalini ebhankini yakho uzakutsho ukwazi ukuceba indlela ozakuyisebenzisa ngayo loo mali, xa usenza loo nto awuzokuba nestres kangako.
Ukuphila ngemali onayo akukho lula. Kodwa ibhajethi ecingisiswe kakuhle nesebenzisekayo inokuba luncedo kakhulu. Inokukunceda ungazixhalabisi kakhulu ngemali.
Sebenza nzima ukuze ugcine umsebenzi wakho. Ziintoni onokuzenza ukuze ugcine umsebenzi wakho? Nazi ezimbalwa: Bamba ixesha. Wuthande umsebenzi wakho. Sebenza nzima, uze uncede nabanye. Yiba nentlonipho. Thobela imithetho, uze uqhubeke uphucula indlela owenza ngayo umsebenzi wakho.
Sukuthenga izinto ezingeyomfuneko. Khawuzibuze, ‘Ngaba ndisoloko ndisebenzisa imali ukuze ndithenge izinto eziduru?’ Ngokomzekelo, abanye abantu bayisebenzisa kakubi imali yabo abayisebenzele nzima, ngokusebenzisa iziyobisi, ukugemblisha, ukutshaya okanye ukusela kakhulu. Zonke ezi zinto zinokubabangela bagule baze baphelelwe ngumsebenzi.
Gcina imali onokuyisebenzisa xa kuvela iingxaki. Xa unako, mane ubeka imali ecaleni ozakuyisebenzisa xa kuvela iingxaki ungazilindelanga. Le mali ingakunceda ungabina stres xa wena okanye ilungu lakho lentsapho ligula ningalindelanga, omnye wenu elahlekelwa ngumsebenzi okanye kuvela nezinye iingxaki ebeningazilindelanga.