IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my inxa. 1
  • Indalo Kuse KuMkhukula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indalo Kuse KuMkhukula
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Izigidi Zezidalwa Zomoya
    Imimoya Yabafileyo—Imimoya Yabafileyo Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?
  • Imvukelo Kummandla Womoya
    Imimoya Yabafileyo—Imimoya Yabafileyo Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?
  • UThixo Uqalisa Ukudala
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Indoda Ekhaliphileyo
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my inxa. 1

ICANDELO 1

Indalo Kuse KuMkhukula

Avela phi amazulu nomhlaba? Ilanga, inyanga neenkwenkwezi kwanezinto ezininzi emhlabeni, zabakho njani? IBhayibhile inikela impendulo eyinyaniso xa isithi zadalwa nguThixo. Ngoko incwadi yethu iqalisa ngamabali eBhayibhile angendalo.

Sifunda ukuba izidalwa zokuqala zikaThixo zazingabantu bomoya abafana naye. Babeziingelosi. Kodwa umhlaba wadalelwa abantu. Ngoko uThixo wenza indoda nomfazi ekuthiwa nguAdam noEva waza wababeka emyezweni okanye esitiyeni esihle. Kodwa abazange bamthobele uThixo baza balahlekelwa lilungelo lokuhlala bephila.

Lilonke ukususela ekudalweni kuka-Adam kuse kuMkhukula omkhulu, yiminyaka eli-1 656. Ebudeni beli xesha kwaphila abantu abaninzi ababi. Ezulwini kwakukho abantu abayimimoya engabonakaliyo, uSathana neengelosi zakhe ezimbi. Emhlabeni, kwakukho uKayin kwanabanye abantu abaninzi ababi, kuquka abantu ababenamandla ngokungaqhelekanga. Kodwa kwakukho nabantu abalungileyo emhlabeni—uAbheli, uEnoki noNowa. KwiCandelo LOKUQALA siza kufunda ngabo bonke aba bantu nangeziganeko zexesha labo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share