Chapter 13
Ixesha Lokudalwa Ngokutsha
1. (a) Liliphi ithuba elingummangaliso eliya kulindelwa ngabaya kusindela ‘kumhlaba omtsha’? (b) Kodwa kuya kufuna ntoni oko?
UKUSINDA kwisiphelo sehlabathi elikhoyo elonakeleyo kulithemba elizukileyo. Siyakulangazelela ukwahlukana nokungekho sikweni, ukubawa nogonyamelo lweli hlabathi. Kodwa kukho enye into eyenza kunqweneleke ngokude kwangakumbi ukuba sisinde. Yintoni leyo? Sisibakala sokuba bonke ababa yinxalenye ‘yomhlaba omtsha’ kwakhona baya kuba nethuba lokwahlukaniswa nokungafezeki kwabo, nokugula nobomi obuneentlungu, ewe, kwanokufa. (ISityhilelo 21:1-5) Noko ke, ukuze oku kwenzeke, isono simele sishenxiswe ngokupheleleyo. Kunokwenzeka njani oko? Kudibene noko uYesu Kristu wakuchaza ‘njengokudalwa ngokutsha.’
2. Kuyintoni ‘ukudalwa ngokutsha’ okubhekiselwe kuko kuMateyu 19:28?
2 UYesu wathi kubapostile bakhe: “Ekuzalweni okutsha [ekudalweni ngokutsha, NW], xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.” (Mateyu 19:28) Ukudalwa ngokutsha iya kuba lixesha “lokuhlaziywa,” ixesha “laxa konke kwenziwe ngokutsha,” njengokuba ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zichaza. (The Emphasised Bible, ebhalwe nguRotherham; The Jerusalem Bible) Ngenxa yoku kudalwa ngokutsha, abantu baya kuphinda bayinandiphe imfezeko uluntu olwalunayo ekuqaleni.
3. (a) Ube yintoni umphumo wesono sika-Adam? (b) Kutheni le nto kungekho namnye kwinzala ka-Adam okwazileyo ukuzikhulula kwimiphumo yesono esizuzw’ ilifa?
3 Ngenxa yesono esazuzw’ ilifa kuAdam, yonke inzala yakhe kwaye kwafuneka ife, ibe abaninzi bathwaxwa zizigulo ezibuhlungu ezikhokelela ekufeni. (Roma 5:12) Abantu babengenakukhululeka ekufeni ngokusebenzisa imali. Umntu ongafezekanga wayengenakwenza misebenzi eyayiya kumenza akufanelekele ukuzikhulula okanye akhulule nabani na ongomnye. Okusesikweni kobuthixo kwakufuna ukuba, ukuba uluntu lwaluza kubuya lulizuze ithuba lokunandipha ubomi obungunaphakade, kwakumele kwenziwe umbingelelo olixabiso elilingana noko kwalahlwa nguAdam, okukoku, ubomi bobuntu obufezekileyo. Akukho namnye kwinzala ka-Adam owayenokunikela ubomi obunjalo.—INdumiso 49:7-9; INtshumayeli 7:20.
4. (a) Yalungiselelwa njani intlawulelo eyayifuneka? (b) Sinokungenelwa njani kuyo?
4 Ngokubonakalisa inceba, uYehova wenza ilungiselelo elifunekayo ngokuthumela okuphela koNyana amzeleyo, uYesu, ukuba eze emhlabeni njengomntu ofezekileyo ukuze anikele ngobomi bakhe ‘njengentlawulelo.’ (1 Timoti 2:5, 6) Enjani yona imbonakaliso ukuzuka yobabalo nothando lukaThixo ngoluntu! Ubomi esinokubufumana ngenxa yoko asinto esinokuyizuza njengemivuzo kodwa busisipho esivela kuThixo. Noko ke, bunikelwa kuphela kwabo bakuqonda ngokwenyaniso ukufuna kwabo eli lungiselelo lobuthixo, kwabanokholo kulo nababonakalisa olo kholo ngokuthobela uNyana kaThixo. (Roma 6:23; Yohane 3:16, 36) Kodwa iingenelo zelo dini zaziza kufunyanwa nini luluntu?
IINGENELO EZIFUMANEKAYO NGOKU KWIDINI LIKAKRISTU
5. (a) Yayingoobani abokuqala ukungenelwa kwidini likaKristu? (b) Liliphi elinye iqela elingenelweyo, yaye ingakumbi ukususela nini?
5 Iingenelo zaqalisa ukubachaphazela abantu emva nje kokuba uYesu Kristu (njengoMbingeleli Omkhulu kaThixo) wanikela ixabiso ledini lakhe phambi kukaThixo ezulwini. Okokuqala, ukususela ngePentekoste yama-33 C.E., ezi ngenelo zaqalisa ukufunyanwa ngabo, babizelwe ukuba ziindlalifa noKristu, nababeza kukhonza njengookumkani nababingeleli kunye naye ezulwini. (IZenzo 2:32, 33; Kolose 1:13, 14) Kwandula ke, ngokubalaseleyo ngowe-1935, abantu ababenethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni baqalisa ukuzibonakalisa. Amathemba abo, ngokunjalo, afumaneka ngenxa yedini likaKristu. (1 Yohane 2:1, 2) Oku kusetyenziswa kwexabiso lelo dini ngokwamabakala kwaboniswa ziziganeko ezathi zenzeka ngeMini Yocamagushelo kaSirayeli wamandulo.
6. Ngokufutshane yandlala okwenzekayo ngeMini Yocamagushelo.
6 Umbingeleli omkhulu owayelilungu lendlu kaLevi eyiyeka-Aron wayelungiselela kumnquba wakwaSirayeli ongcwele, yaye kamva walungiselela nasetempileni. Amanye amadoda endlu ka-Aron ayengababingeleli abangaphantsi, ibe amanye amadoda esizwe sakwaLevi ayekhonza njengabancedisi. Ukuze agubungele izono, umbingeleli omkhulu wayebingelela ngezilwanyana ezibini, ezigazi lazo lalinikelwa ngokwahlukahlukeneyo kweYona Ngcwele, njengokuba kwakumiselwe nguYehova. Esasibingelelwa kuqala yayiyinkunzi eselula eyayinikelwa ngumbingeleli omkhulu wendlu ka-Aron ezenzela ‘yena nendlu yakhe,’ eyayiquka sonke isizwe sakwaLevi. (Levitikus 16:11, 14) Emva koko kwakunikelwa ibhokhwe eyayibingelelwa njengedini lesono ‘elilelabantu,’ ezinye izizwe ezilishumi elinambini. (Levitikus 16:15) Ukongezelela, izono zakhe wonke uSirayeli zazixelwa phezu kwentloko yebhokhwe ephilileyo, ibe yayisiwa kude entlango. (Levitikus 16:21, 22) Kwakuthetha ntoni konke oku?
7. (a) Liliphi idini elinye elafanekiselwa kwangaphambili apho? (b) Kutheni le nto kwakusetyenziswa idini lezilwanyana ezibini?
7 Umpostile uPawulos ucacisa ukuba ukuzaliseka kwako kutsolise kwidini elinye likaYesu Kristu. “UKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu. . . . ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini.” (Hebhere 9:24-26) Ngoko kutheni le nto kwakusisiwa igazi lezilwanyana ezibini kweYona Ngcwele ngeMini Yocamagushelo kaSirayeli? Oku kwakusenzelwa ukutsalel’ ingqalelo kwiinkalo ezahlukeneyo zoko kwakufezwa lidini likaYesu lobuntu obufezekileyo. Ibe enye inkalo engakumbi yayibalaseliswa ngokuxelwa kwezono zohlanga phezu kwentloko yebhokhwe ephilileyo ize ke ithunyelwe kude entlango.
8. (a) Okwakusenzeka ngeMini Yocamagushelo kwabonisa njani ukuba ngoobani ababeza kungenelwa kuqala kwidini likaKristu? (b) Kukuphi ukusebenza kwedini likaYesu okwaboniswa lidini lesono elalisenzelwa ‘abantu’? (c) Sisiphi isibakala esibhekele phaya esacaciswa ngokuthatyathwa kwebhokhwe isiwe kude entlango?
8 Kwanjengokuba igazi lenkunzi yenkomo elalinikelwa ngenxa yendlu ka-Aron okokuqala lalithatyathelwa kweYona Ngcwele, ngokunjalo iingenelo zedini likaYesu okokuqala zasebenza kwabo babeza kunxulumana noKristu kububingeleli basezulwini. Oku kwenziwa ukususela ngowama-33 C.E. ukubhekisa phambili. UYesu Kristu wayengenazono ekwakumele kwenziwe intlawulelo ngenxa yazo, njengokuba kwakunjalo ngoAron, kodwa abo babeza kuba ngababingeleli abangaphantsi noKristu babenazo. Aba babingeleli bangaphantsi bafanekiselwa sisizwe sakwaLevi. (1 Petros 2:4, 5) Ukunikelwa kwegazi elivela kwidini lesibini, ibhokhwe yedini lezono ‘zabantu,’ kwabonisa ukuba abanye boluntu babeya kungenelwa kwidini likaYesu emva kodidi lwasezulwini. Aba yayiza kuba ngabantu ababeza kuzuza ubomi kwiParadisi ebuyiselweyo yasemhlabeni. Bafanekiselwa ‘zizizwe [ezingengobabingeleli] ezilishumi elinambini zakwaSirayeli’ ngeMini Yocamagushelo. (Mateyu 19:28; INdumiso 37:29) UYesu akazange nje kuphela afele bonke aba, kodwa ngokwenene uyazithwala azisuse izono zabo wabafelayo njengedini, ebakhulula. Oku kwaboniswa sisibakala sokuba, ekugqibeleni, emva kokuba izono zikaSirayeli zazixeliwe phezu kwebhokhwe ephilileyo, yayisiwa kude entlango, ingaze ibonwe kwakhona.—INdumiso 103:12; Isaya 53:4-6.
9. (a) Ziziphi iintsikelelo abo banokholo kwidini likaKristu abazinandiphayo ngoku? (b) Ziziphi iingenelo ezingakumbi eziya kufumaneka kamva?
9 Kubo bonke abanokholo kwilungiselelo likaYehova lothando ngoKristu, kunokwenzeka ngoku ukuba zixolelwe ngokwenyaniso izono zabo, babe nokuma okucocekileyo phambi kukaThixo, kungakhathaliseki indlela yabo yangaphambili yobomi. Banokunandipha intsikelelo exabisekileyo yokunikela inkonzo engcwele kuThixo ngesazela esicocekileyo. (1 Korinte 6:9-11; Hebhere 9:13, 14) Kodwa oku akuthethi ukuba ngoku banikwa ubomi obungenayo yonke imiphumo yesono. (1 Yohane 1:8-10; Roma 7:21-25) Kwabo baza kulawula ezulwini noKristu, ubomi obunjalo baya kubufumana kuphela xa beligqibile ikhondo labo lasemhlabeni baza bavuselwa ekungafini emazulwini. Kwabanye boluntu, ukukhululeka ngokupheleleyo esonweni kuya kwenzeka ngokudalwa ngokutsha.
“EKUDALWENI NGOKUTSHA”
10. (a) Kwaqalisa nini ukudalwa ngokutsha? (b) Ngaba bakho abasele benikwe iitrone ngokuzalisekisa idinga likaYesu?
10 Njengokuba uYesu watshoyo, ukudalwa ngokutsha kuya kubakho “xa athe wahlala uNyana woMntu [uYesu Kristu] phezu kwetrone yozuko lwakhe.” (Mateyu 19:28) Kakade ke, asizizo zonke izinto ezenzeka ngoko nangoko xa wathi wabekwa etroneni. Emva kokubekwa kukaYesu etroneni ngowe-1914 C.E., okokuqala wacoca amazulu, ekhupha uSathana needemon zakhe. Wandula ke wahlabela mgama wavusela abalandeli bakhe abathanjisiweyo kuzuko lwasezulwini. (ISityhilelo 12:5, 7-12; 1 Tesalonika 4:15-17) Asingabapostile bakaKristu abathembekileyo kuphela abanikwa ‘iitrone ezilishumi elinambini’ ababezithenjisiwe, kodwa ngokwamabakala bonke abanye be-144 000 babekwa etroneni esezulwini bakuvuka kwelabafileyo.—ISityhilelo 3:21.
11. “Ezinye izimvu” sele ziyiva ngayiphi indlela imiphumo yokudalwa ngokutsha?
11 Njengokuba ukukhethwa kwabantu ababumba udidi lwasezulwini lwafikelela esiphelweni, kwaqalisa ukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu,’ ingakumbi ukususela ngowe-1935 ukuya phambili. Naba, baqalisa ukunandipha iingenelo zedini likaKristu, ‘bezihlamba iingubo zabo bezenza mhlophe egazini leMvana.’ Bayancedwa ukuze ‘bambathe umntu omtsha othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.’ (ISityhilelo 7:9, 10, 14; Efese 4:20-24) Bengamanani asoloko esanda bayangenelwa kumalungiselelo kaThixo ngoKristu anokubakhokelela ekuphileni kwabo ngonaphakade kwiParadisi ebuyiselweyo.—ISityhilelo 7:17; 22:17.
12. (a) Ngoobani abamelwa ‘zizizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli’ uYesu azikhankanyayo apha? (b) Ngoobani ngaphandle kwabasindi abaya kungenelwa ekudalweni ngokutsha?
12 Kungekudala, ngoku, ihlabathi elingendawo liza kutshatyalaliswa. USathana needemon zakhe baya kuphoswa enzonzobileni. Kuya kuqalisa iMini Yomgwebo woluntu eya kuthabatha iwaka leminyaka. UYesu Kristu uya kuba nguMgwebi Owongamelayo, ibe uya kuqinisekisa ukuba bonke banikwa ithuba elipheleleyo noncedo olwaneleyo ukuze bakwazi ukufunda baze balandele iindlela zikaYehova zobulungisa. Abo balandeli bakaKristu bathanjisiweyo abazingqine bengabagcine ingqibelelo kwada kwasekufeni baya kwabelana naye emsebenzini, ‘begweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.’ (Luka 22:28-30; ISityhilelo 20:4, 6) Oku akuthethi ukuba baya kugweba kuphela inzala yokwemvelo kaSirayeli. Kunoko, baya kugweba bonke abafanekiselwa kwangaphambili ‘zizizwe [ezingengobabingeleli] ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli’ ngeMini Yocamagushelo. Oku kuquka lonke ihlabathi loluntu oluhlawulelweyo. (1 Korinte 6:2) Abasindi bembandezelo enkulu baya kuba ngabokuqala ukungenelwa kolu cwangciso lokuphucula uluntu. Kodwa amawaka ezigidi angakumbi nawo aya kuba nesabelo, kuba abo baza kugwetywa baya kuquka “abaphilileyo nabafileyo.” (2 Timoti 4:1; IZenzo 24:15) Hayi indlela ekuya kuchulumancisa ngayo xa beya kubuya abafileyo abahlawulelwe ngedini lentlawulelo likaKristu! Hayi indlela eziya kubonakala ngayo iinyembezi zovuyo njengokuba abathandekayo bemanyaniswa kwakhona!
13. Imiphumo yeMini Yomgwebo wewaka leminyaka ngokwenyaniso iya kuba kukudalwa ngokutsha njani?
13 Eli iya kuba lixesha laxa, ekugqibeleni, uluntu lukhululwe kwiziphene zokwenyama nezingokwengqondo eziveliswe sisono. Xa wayesemhlabeni, uYesu wabaphilisa ngoko nangoko abantu ababeneqhenqa, abo babeziimfama okanye bezizithulu okanye ababengenakuthetha, nabantu ababenenyama enesiphene okanye amandla abo awayentlithwe zizifo. Loo misebenzi yamandla yayikukungcamla nje kwangaphambili oko aya kukwenzela lonke uluntu ebudeni boLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka. Ngesizathu esilungileyo, nawuphi na obona ubungqina obungummangaliso ngolo hlobo bobubele bukaYehova aze alujongele phantsi ulongamo lwakhe uya kutshatyalaliswa ngonaphakade. Kodwa ngokufundiswa ngeendlela zikaYehova zobulungisa, indlela yokucinga neentshukumisa zabo babonakalisa ukholo lokwenyaniso nentobelo ngokuthe ngcembe iya kuhambela phambili de bafikelele kwimfezeko epheleleyo. Abathandi bakaYehova abanjalo ngokwenyaniso baya kuhlaziywa, badalwe ngokutsha. Kuya kuba ngathi banikwe isiqalo esitsha ebomini benoyise omtsha, uYise Ongunaphakade, uYesu Kristu.—Isaya 26:9; 9:6, NW.
14. Luluphi ulwalamano oluxabisekileyo bonke abaya kuphumela uvavanyo lokugqibela abaya kuba nelungelo lokulunandipha?
14 Kuya kwandula ke, emva kokuba bedlule uvavanyo lokugqibela ekupheleni kweminyaka eliwaka, bamkelwe nguYehova uThixo ngoKristu njengoonyana bakaThixo, njengenxalenye yentsapho Yakhe efezekileyo ekwindalo iphela. Elinjani ithemba ukukhuthaza eli elililo—kungekuphela nje kubasindi bembandezelo enkulu kodwa kubo bonke abafileyo abavuswayo ukuze babe nesabelo kuvuyo lobomi kumhlaba oyiParadisi!—Roma 8:20, 21.