Isahluko 4
UYesu Uza Nokhuthazo
1. UYohane ubhalela bani ngoku, yaye ngoobani namhlanje abamele bafumanise ukuba isigidimi sakhe sibangel’ umdla?
OKULANDELAYO kumele kube kokomdla omkhulu kubo bonke abanxulumene namabandla abantu bakaThixo namhlanje. Nalu ungcelele lwezigidimi. Zizaliseka ngokukhethekileyo njengoko “ixesha elimisiweyo” lisondela. (ISityhilelo 1:3) Siya kuncedakala ngonaphakade ukuba siyawathobela loo mazwi. Le ngxelo ifundeka ngolu hlobo: “UYohane kumabandla asixhenxe akwisithili saseAsiya: Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela ‘kuLowo ukhoyo nowayekho nozayo,’ nakubo oomoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe, nakuYesu Kristu.”—ISityhilelo 1:4, 5a.
2. (a) Inani ‘elisisixhenxe’ lithetha ntoni? (b) Ebudeni bemini yeNkosi, zisebenza koobani izigidimi eziya “kumabandla asixhenxe”?
2 Apha uYohane ubhalela ‘amabandla asixhenxe,’ yaye sichazelwa amagama awo kamva kwesi siprofeto. Inani ‘elisisixhenxe’ liphindaphindwa ngokufuthi kwiSityhilelo. Lithetha ukuphelela, ingakumbi ngokunxibelelene nezinto zikaThixo nebandla lakhe labathanjiswa. Ekubeni inani lamabandla abantu bakaThixo emhlabeni wonke liye landa ukuya kutsho kumashumi amawaka ebudeni bemini yeNkosi, sinokuqiniseka ukuba into ethethwa ikakhulu “kumabandla asixhenxe” abathanjiswa iyasebenza nakubo bonke abantu bakaThixo namhlanje. (ISityhilelo 1:10) Ewe, uYohane unesigidimi esibalulekileyo esiya kuwo onke amabandla amaNgqina kaYehova nakubo bonke abanxulumene nawo, kuzo zonke iindawo zalo mhlaba.
3. (a) Kumbuliso kaYohane, luvela kubani ‘ubabalo noxolo’? (b) Ngawaphi amazwi awasetyenziswa ngumpostile uPawulos afanayo nombuliso osetyenziswa nguYohane?
3 ‘Ububele obungasifanelanga noxolo’—hayi indlela ezinqweneleka ngayo ezi zinto ingakumbi xa siqonda apho zivela khona! ‘Lowo’ zivela kuye yiNkosi enguMongami uYehova, “uKumkani kanaphakade,” ophila “ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.” (1 Timoti 1:17; INdumiso 90:2) Okunye okubandakanyekileyo apha ‘ngoomoya abasixhenxe,’ binzana elo elibonisa ukusebenza ngokupheleleyo kwamandla kaThixo, okanye umoya oyingcwele, njengoko ubangela ukuqonda yaye usizisa intsikelelo kubo bonke abanikela ingqalelo kwisiprofeto. Omnye umntu okwanendima ephambili ‘nguYesu Kristu,’ awathi kamva uYohane wabhala ngaye esithi: “Wayezele bububele obungasifanelanga nayinyaniso.” (Yohane 1:14) Ngaloo ndlela, umbuliso kaYohane unamazwi afanayo nalawo akhankanywa ngumpostile uPawulos ekuqukumbeleni incwadi yakhe yesibini eya kwibandla laseKorinte: “Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu nothando lukaThixo nokwabelana kumoya oyingcwele makube nani nonke.” (2 Korinte 13:14) Kwanga loo mazwi angasebenza nakuye ngamnye wethu oyithandayo inyaniso namhlanje!—INdumiso 119:97.
“INgqina Elithembekileyo”
4. UYohane umchaza njani uYesu Kristu, yaye kutheni le nto la magama efaneleke kangaka nje?
4 UYesu ulandela uYehova ngokuba ngoyena uzukileyo kwindalo iphela, njengoko uYohane ekuvuma oko, yaye emchaza ‘njengeNgqina Elithembekileyo, Izibulo kwabafileyo, noMlawuli wookumkani bomhlaba.’ (ISityhilelo 1:5b) Njengenyanga esemazulwini, uye wamiselwa njengelona Ngqina liphambili lokuba nguThixo kukaYehova. (INdumiso 89:37) Emva kokugcina ingqibelelo ukusa ekufeni okulidini, waba ngowokuqala kuluntu ukuba avuselwe kubomi bomoya bokungafi. (Kolose 1:18) Ngoku njengoko ekunye noYehova, uphakanyiswe wangaphezu kwabo bonke ookumkani bomhlaba, ejizekwa ngalo “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18; INdumiso 89:27; 1 Timoti 6:15) Ngowe-1914 wamiselwa njengoKumkani ukuba alawule phakathi kweentlanga zomhlaba.—INdumiso 2:6-9.
5. (a) UYohane uqhubeka njani evakalisa umbulelo ngeNkosi uYesu Kristu? (b) Ngoobani abangenelwayo kwisipho sikaYesu sobomi bakhe njengomntu ofezekileyo, yaye amaKristu athanjisiweyo ayifumene njani intsikelelo ekhethekileyo?
5 UYohane uhlabela mgama evakalisa umbulelo ngeNkosi uYesu Kristu ngala mazwi afudumeleyo: “Kulowo usithandayo nowasikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe—yaye wasenza ukuba sibe bubukumkani, ababingeleli kuThixo wakhe noYise—ewe, kuye makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.” (ISityhilelo 1:5c, 6) UYesu wanikela ngobomi bakhe njengomntu ofezekileyo ukuze abantu abasehlabathini ababonakalisa ukholo kuye babuyiselwe kubomi obufezekileyo. Nawe mfundi othandekayo, unokuqukwa koku! (Yohane 3:16) Kodwa ukufa kukaYesu okulidini kwawazisela intsikelelo ekhethekileyo amaKristu athanjisiweyo njengoYohane. Aye agqalwa njengamalungisa ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu. Bencama onke amathemba okuphila emhlabeni, njengoko uYesu wenjenjalo, abo bomhlambi omncinane baye bazalwa ngomoya kaThixo, belindele ukuvuselwa ukukhonza njengookumkani nababingeleli noYesu Kristu kuBukumkani bakhe. (Luka 12:32; Roma 8:18; 1 Petros 2:5; ISityhilelo 20:6) Elinjani lona ukuzuka ilungelo! Akumangalisi ukuba uYohane abe wadanduluka eqiniseke kangako esithi uzuko namandla ngakaYesu!
“Uza Ngamafu”
6. (a) UYohane uvakalisa ntoni ‘ngokuza kukaYesu ngamafu,’ ibe sisiphi isiprofeto sikaYesu uYohane ekusenokwenzeka ukuba wakhunjuzwa sona? (b) UYesu “uza” njani, ibe ngoobani emhlabeni abaya kuba buhlungu kakhulu?
6 Emva koko, ngemincili uYohane uvakalisa la mazwi: “Khangela! Uza ngamafu, yaye onke amehlo aya kumbona, nabo bamhlabayo; zize zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisentlungwini ngenxa yakhe. Ewe, Amen.” (ISityhilelo 1:7) Alithandabuzeki elokuba oku kwamkhumbuza uYohane isiprofeto sikaYesu sangaphambili esingokupheliswa kwephakade eli. Apho uYesu wathi: “Uya kwandula ke umqondiso woNyana womntu ubonakale ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisenza isijwili, yaye ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nobuqaqawuli obukhulu.” (Mateyu 24:3, 30) Ngaloo ndlela, uYesu “uza” ngokuphethulela ingqalelo yakhe ekuphumezeni imigwebo kaYehova kwiintlanga. Oku kuya kuphumela kwiinguqulelo eziphawulekayo emhlabeni, yaye ekubeni “zonke izizwe zomhlaba” ziyityeshele inyaniso yokuba uYesu unguKumkani, ngenene ziya kudibana ‘nomsindo wengqumbo kaThixo uSomandla.’—ISityhilelo 19:11-21; INdumiso 2:2, 3, 8, 9.
7. Kuya kwenzeka njani ukuba ‘onke amehlo’ kuquka nawabo bangathobeliyo, ‘ambone’ uYesu?
7 Ebudeni besidlo sokugqibela sikaYesu nabafundi bakhe, wabaxelela oku: “Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona.” (Yohane 14:19) Ke, kwenzeka njani ukuba abe ‘uya kubonwa ngamehlo onke’? Asimele silindele ukuba iintshaba zikaYesu zaziya kumbona ngamehlo enyama, kuba emva kokunyukela kukaYesu ezulwini, umpostile uPawulos wathi ngoku uYesu ‘uhleli ekukhanyeni okungenakufikeleleka,’ yaye ‘akukho namnye umntu ombonileyo okanye onako ukumbona.’ (1 Timoti 6:16) Licacile elokuba uYohane wayesingisele ‘ekumboneni’ ngendlela ‘yokuqonda,’ kanye njengokuba iimpawu zikaThixo ezingabonakaliyo sinokuzibona, okanye siziqonde ngezinto azidalileyo. (Roma 1:20) UYesu “uza ngamafu” ngendlela yokuba akayi kubonakala kwiliso lenyama kanye njengokuba ilanga lingabonakali xa lingaphaya kwamafu. Kwanaxa ilanga lisithwe ngamafu ebudeni bexesha lasemini, siyazi ukuba likho ngenxa yokukhanya kwemini okusingqongileyo. Ngendlela efanayo, nangona iNkosi uYesu ingabonakali, iya kutyhilwa ‘njengomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingayo.’ Nabo aba kuya kunyanzeleka ukuba ‘bambone.’—2 Tesalonika 1:6-8; 2:8.
8. (a) Ngoobani ‘abo bamhlabayo’ ngowama-33 C.E., yaye bangoobani namhlanje? (b) Ekubeni uYesu engasekho apha emhlabeni, abantu ‘banokumhlaba’ njani?
8 UYesu uya ‘kubonwa’ kwanangabo “bamhlabayo.” Basenokuba bangoobani aba bantu? Xa uYesu wabulawayo ngowama-33 C.E. amajoni amaRoma amhlaba ngokoqobo. AmaYuda nawo aba netyala kweso senzo sokubulala, kuba uPetros wabaxelela oku abathile kuwo ngePentekoste: “UThixo umenze iNkosi wamenza noKristu, lo Yesu nambethelelayo nina.” (IZenzo 2:5-11, 36, thelekisa uZekariya 12:10; Yohane 19:37.) Loo maRoma namaYuda sele eneminyaka ephantse ibe ngama-2 000 afayo. Ngoko abo “bamhlabayo” namhlanje bamele ukuba bamela iintlanga nezizwe ezibonakalisa kwaisimo sengqondo sentiyo esabonakaliswa xa uYesu wabethelelwayo. UYesu akasekho apha emhlabeni. Kodwa xa abachasi bewatshutshisa ngokukrakra amaNgqina kaYehova, angqinela uYesu, okanye beyivumela impatho enjalo, kuba ngathi ‘bahlaba’ uYesu ngokwakhe.—Mateyu 25:33, 41-46.
“UAlfa No-Omega”
9. (a) Ngubani othethayo ngoku, ibe uthetha izihlandlo ezingaphi kwiSityhilelo? (b) Xa uYehova ezibiza ngokuba ‘unguAlfa no-Omega’ ‘noSomandla,’ kuthetha ukuthini oko?
9 Ngoku, khawuve eyona nto imangalisayo! Kuthetha iNkosi enguMongami uYehova ngokwakhe. Hayi indlela ekufaneleke ngayo oku njengentshayelelo yemibono esele iza kutyhilwa, ekubeni yena enguMyaleli wethu Omkhulu noyena Mthombo weSityhilelo! (Isaya 30:20) UThixo wethu uvakalisa la mazwi: “NdinguAlfa no-Omega, . . . Lowo ukhoyo nowayekho nozayo, uSomandla.” (ISityhilelo 1:8) Esi sisihlandlo sokuqala kwezithathu kwiSityhilelo apho uYehova athetha ngokwakhe esezulwini. (Bona kwaneSityhilelo 21:5-8; 22:12-15.) AmaKristu enkulungwane yokuqala ayeya kumqonda ngokukhawuleza ualfa no-omega njengonobumba wokuqala nowokugqibela wesiGrike. Ukuzibiza kukaYehova ngaba nobumba babini kugxininisa ukuba phambi kwakhe kwakungekho Thixo ungusomandla, ibe akusayi kubakho namnye emva kwakhe. Imbambano yobuThixo uya kuyizinzisa ngempumelelo, ingaze iphinde ibekho ngonaphakade kanaphakade. Uya kuthethelelwa ngonaphakade njengoThixo omnye nokuphela kwakhe ongusomandla, uMongami Ophakamileyo wayo yonke indalo yakhe.—Thelekisa uIsaya 46:10; 55:10, 11.
10. (a) UYohane uzichaza njani, ibe wayevalelwe phi? (b) Incwadi eyabhalwa nguYohane kumele ukuba yadluliselwa emabandleni ngoncedo lwantoni? (c) Ukutya kokomoya kulungiselelwa njani namhlanje?
10 Enentembelo kwizithembiso zikaYehova, uYohane uxelela amanye amakhoboka oku: “Mna Yohane, umzalwana wenu nonesabelo kunye nani kwimbandezelo nobukumkani nonyamezelo kunye noYesu, ndaba kwisiqithi esibizwa ngokuba yiPatmos ngenxa yokuthetha ngoThixo nokunikela ubungqina ngoYesu.” (ISityhilelo 1:9) UYohane owalupheleyo obanjwe ePatmos ngenxa yeendaba ezilungileyo, onyamezele imbandezelo nabazalwana bakhe nonethemba eliqinileyo lokuba nesabelo kuBukumkani obuzayo, ngoku ubona umbono wokuqala kwechazwe kwiSityhilelo. Alithandabuzeki elokuba wakhuthazwa gqitha yile mibono, kanye njengokuba udidi lukaYohane lukhuthazwa namhlanje kukubona ukuzaliseka kwayo. Asazi ukuba uYohane wayidlulisela njani na incwadi yeSityhilelo emabandleni, ekubeni wayevalelwe ngelo xesha. (ISityhilelo 1:11; 22:18, 19) Iingelosi zikaYehova zimele ukuba zancedisa ekuphumezeni oku, kanye njengokuba ziye zawakhusela ngokufuthi amaNgqina kaYehova athembekileyo akhonza phantsi kokuvalwa komsebenzi nokubekelw’ imiqathango namhlanje, kangangokuba aye akwazi ukudlulisela ukutya kokomoya okufika ngexesha elifanelekileyo kubazalwana bawo abalambele inyaniso.—INdumiso 34:6, 7.
11. Liliphi ilungelo elalixatyiswa kakhulu nguYohane, naludidi lukaYohane namhlanje?
11 Hayi indlela uYohane amele ukuba walixabisa ngokunzulu ngayo ilungelo lakhe lokusetyenziswa nguYehova njengejelo Lakhe lokunxibelelana namabandla! Ngokufanayo, udidi lukaYohane namhlanje lulixabise gqitha ilungelo lalo lokulungiselela indlu kaThixo ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Kwanga ungaba ngomnye wabo bomelezwayo leli lungiselelo lokomoya ukuze uzuze usukelo oluzukileyo lobomi obungunaphakade!—IMizekeliso 3:13-18; Yohane 17:3.
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Ukufumana Ukutya Kokomoya Ngamaxesha Anzima
Ebudeni bale mihla yokugqibela, ekuthe kuyo amaNgqina kaYehova atshutshiswa aza afumana ubunzima obukhulu, kubalulekile ukuba afumane ukutya kokomoya ukuze ahlale omelele elukholweni. Kwiimeko ezininzi, kuye kwalungiselelwa ukutya okwaneleyo, ngamandla avela kuYehova.
Ngokomzekelo, eJamani phantsi koHitler, amaNgqina akhuphela aza asasaza imibhalo yeMboniselo eyayivalwe ngokusemthethweni ngamagunya akhohlakeleyo amaNazi. EHamburg amaGestapo agqogqa indlu ekwakukhutshelwa kuyo imibhalo. Le ndlu yayincinane, ibe kwakungekho ndawo ekwakunokufihlwa kuyo nantoni na ngokukhuselekileyo. Umatshini wokuchwetheza wawushiywe ekhabhathini, ibe umatshini omkhulu wokukhuphela wawugcinwe kwibhokisi yeetapile eyenziwe ngenkcenkce eyayikwigumbi elingaphantsi komhlaba. Ngaphezu koko, emva kwale bhokisi kwakukho ityesi eyayizele ngamaphephancwadi! Kwakucacile ukuba ezi zinto zaziza kubonwa nakanjani na. Kodwa kwenzeka ntoni? Igosa elavula le khabhathi layivula ngendlela apha eyenza alabi nakuwubona umatshini wokuchwetheza. Ngokubhekisele kwigumbi elingaphantsi komhlaba, umninimzi unikela le ngxelo: “Amagosa amathathu ema embindini wegumbi, uz’ ukhumbule ke ukuba apho kulapho kanye kwakubekwe khona le bhokisi ekwakukho ityesi eyayizele ziiMboniselo emva kwayo. Kodwa akukho namnye kuwo owayibonayo; kwaba ngathi ayenziwe iimfama.” Ngenxa yale nkuselo yobuthixo, lo mninimzi wakwazi ukuqhubeka elungiselela ukutya kokomoya ngamaxesha anzima naneengozi.
Ngeminyaka yee-1960, kwakukho imfazwe yamakhaya phakathi kweNigeria nephondo elalifuna ukwahlukana nayo eliyiBiafra. Ekubeni iBiafra yayingqongwe ngokupheleleyo yiNigeria, ekuphela konxibelelwano olwaluphakathi kwayo nehlabathi langaphandle yayikukusebenzisa ibala elincinane leenqwelo-moya. Oku kwakuthetha ukuba amaNgqina aseBiafra ayesengozini yokungakufumani ukutya kwawo kokomoya. Kwandula ke, ekuqaleni kowe-1968, amagosa aseBiafra abela omnye wabasebenzi bawo baseburhulumenteni kwisikhundla esibalulekileyo eYurophu waza omnye wabelwa ukusebenza kwibala elincinane leenqwelo-moya eBiafra. Aba bantu babini kwathi kanti bangamaNgqina kaYehova, ibe yayingabo ababenokunceda kunxibelelwano eyayilulo kuphela olwalukho phakathi kweBiafra namazwe angaphandle. Bobabini baqonda ukuba eli lungiselelo limele ukuba livela kuYehova. Ngenxa yoko, bazinikela ukuba benze umsebenzi onzima nowokuzibeka engozini wokudlulisa ukutya kokomoya eBiafra. Yaye bakwazi ukukwenza oku ngalo lonke ithuba lemfazwe. Omnye wabo wathi: “Eli lungiselelo lalingeyonto inokucetywa ngabantu.”
[Isicangca esikwiphepha 19]
Amanani Okomfuziselo AkwiSityhilelo
Inani Intsingiselo Yokomfuziselo
2 Lithetha ukuqinisekiswa okungenakuguqulwa kombandela.
(ISityhilelo 11:3, 4; thelekisa iDuteronomi 17:6.)
3 Lithetha ukugxininisa. Likwathetha ubuqatha bento.
4 Libhekisela kwindalo iphela okanye iimbombo zone
ngokulinganayo. (ISityhilelo 4:6; 7:1, 2; 9:14; 20:8; 21:16)
6 Lithetha ukungafezeki, into engaqhelekanga, enkulu
gqitha. (ISityhilelo 13:18; thelekisa eyesi-2 kaSamuweli 21:20.)
7 Lithetha ukugqiba kukaThixo ukuba into ethile iphelele,
isenokuba ziinjongo zikaYehova okanye ezikaSathana.
12 Lithetha ulungelelwaniso lobuthixo, emazulwini okanye
emhlabeni. (ISityhilelo 7:5-8; 12:1; 21:12, 16; 22:2)
24 Lifanekisela ukuba yintabalala (ukuphindaphindeka)
kwezinto ezilungelelaniswe nguYehova kwintlangano yakhe.
Amanye amanani akhankanywe kwiSityhilelo amele aqondwe ngokoqobo. Ngokufuthi, umongo uyasinceda ukuba sikubone oku. (Bona iSityhilelo 7:4, 9; 11:2, 3; 12:6, 14; 17:3, 9-11; 20:3-5.)