USindiso
Ingcaciso: Kukulondolozwa okanye kukuhlangulwa kwingozi okanye kwintshabalalo. Oko kusenokuba kukuhlangulwa kwizandla zabacinezeli okanye zabatshutshisi. Kuwo onke amaKristu okwenyaniso, uYehova ngoNyana wakhe ulungiselela usindiso kwinkqubo ekhoyo nengendawo yezinto nokuhlangulwa kubukhoboka besono nokufa. Kwisihlwele esikhulu sabakhonzi abathembekileyo bakaYehova abaphila ebudeni ‘bemihla yokugqibela,’ usindiso luya kuquka ukulondolozwa ukutyhubela imbandezelo enkulu.
Ngaba uThixo, ngenceba yakhe enkulu, uya kuthi ekugqibeleni asindise lonke uluntu?
Ngaba eyesi-2 kaPetros 3:9 ibonisa ukuba iya kusindiswa yonke indalo? Ithi: “INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani [“ayifuni ukuba kutshabalale nabani na,” TEV]; inga bonke bangasinga enguqukweni.” Kungumnqweno kaThixo wenceba ukuba yonke inzala ka-Adam iguquke, ibe ngobubele wenze ilungiselelo lokuxolelwa kwezono zabo baguqukayo. Kodwa akanyanzeli nabani na ukuba alamkele elo lungiselelo. (Thelekisa iDuteronomi 30:15-20.) Abaninzi bayalichasa. Bafana nomntu orhaxwayo otyhiliza isilondolozi-bomi xa siphoselwa kuye nguthile onqwenela ukumnceda. Noko ke, kumele kuphawulwe ukuba xa umntu engaguquki akathunyelwa kwisihogo somlilo esingunaphakade. Njengoko eyesi-2 kaPetros 3:9 ibonisa, abo bangaguqukiyo baya kubhujiswa, okanye ‘batshabalale.’ Indinyana 7 ikwabhekisela ‘kwintshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.’ Apha akuthethwa ngokusindiswa kwendalo yonke.—Bona kwanomxholo omkhulu othi “IsiHogo.”
Ngaba eyoku-1 yabaseKorinte 15:22 ingqina ukuba bonke abantu ekugqibeleni baya kusindiswa? Ithi: “Njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke.” Njengoko kuboniswe kwiindinyana ezingqonge leyo, into ekuthethwa ngayo apha luvuko. Ngoobani abaya kuvuswa? Ngabo bonke abo ukufa kwabo okuye kwabangelwa sisono sika-Adam (bona indinyana 21) kodwa abangathanga ngokobuqu benza izono zangabom ezandlalwe kumaHebhere 10:26-29. Njengoko uYesu wavuswayo kwelabafileyo (Ize. 2:31), ngoko bonke abanye abakwelabafileyo baya kwenziwa ‘badle ubomi’ ngovuko. (ISityhi. 1:18; 20:13) Ngaba bonke aba baya kuzuza usindiso olungunaphakade? Baya kuvulekelwa lelo thuba, kodwa asinguye wonk’ ubani oya kulixhakamfula, njengoko kuboniswe kuYohane 5:28, 29, obonisa ukuba umphumo kwabathile uya kuba ‘ngumgwebo’ oqatha.
Kuthekani ngesibhalo esinjengoTito 2:11, esibhekisela ‘kusindiso lwabo bonke abantu,’ ngokutsho kwenguqulelo yeTE? Ezinye izibhalo ezinjengoYohane 12:32, amaRoma 5:18, neyoku-1 kuTimoti 2:3, 4, zidlulisela ingcamango efanayo kwiBX, TE, RS, KJ, NE, TEV, njl. Ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “bonke” nelithi “wonk’ ubani” kwezi ndinyana aziintlobo eziguqulweyo zegama elithi pas. Njengoko kuboniswe kwiExpository Dictionary of New Testament Words kaVine (London, 1962, Umqu. I, iphe. 46), upas ukwanokuthetha “zonk’ iintlobo okanye uhlobo olwahlukahlukeneyo.” Ngoko, kwiindinyana ezingasentla, endaweni yokuthi “bonke,” kunokusetyenziswa ibinzana elithi “zonk’ iintlobo”; okanye “zonk’ iindidi,” njengoko kwenziwe oko kwiNW. Yiyiphi echanileyo—ngaba yethi “bonke” okanye yingcamango edluliselwe ngokuthi “zonk’ iintlobo”? Kaloku, yiyiphi inguqulelo ekwavisisana nayo yonke iBhayibhile? Yile ichazwe kamva. Qwalasela IZenzo 10:34, 35; ISityhilelo 7:9, 10; 2 Tesalonika 1:9. (Phawula: Kwakhona ezinye iinguqulelo ziyayivuma le ntsingiselo yeli gama lesiGrike, njengoko kuboniswe yindlela eziguqulele ngayo uMateyu 5:11—“zonke iintlobo zezinto,” RS, TEV.)
Ngaba zikho izibhalo ngokuqinisekileyo ezibonisa ukuba abathile abayi kuze basindiswe?
2 Tes. 1:9: “Bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo.” (Akekeliswe sithi.)
ISityhi. 21:8: “Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.”
Mat. 7:13, 14: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”
Akuba umntu esindisiwe, ngaba usoloko engosindisiweyo?
Yuda 5: “Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.” (Akekeliswe sithi.)
Mat. 24:13: “Onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.” (Ngoko usindiso lomntu lokugqibela aluqinisekiswa ngethuba aqalisa ngalo ukuba nokholo kuYesu.)
Fil. 2:12: “Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela.” (Oku kwakubhekiselwa kwiingcwele, okanye ‘kwabangcwele,’ eFilipi, njengoko kuchazwe kumaFilipi 1:1. UPawulos wababongoza ukuba bangazithembi gqitha kodwa baqonde ukuba usindiso lwabo lokugqibela lwalungekaqinisekiswa.)
Heb. 10:26, 27: “Xa sithi sone ngabom, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.” (Ngaloo ndlela iBhayibhile ayihambisani nengcamango yokuba kungakhathaliseki ukuba ziziphi na izono umntu asenokuzenza emva kokuba ‘esindisiwe’ akayi kuphulukana nosindiso lwakhe. Ikhuthaza ukuthembeka. Bona kwanamaHebhere 6:4-6, apho kubonisiweyo ukuba kwanomntu othanjiswe ngomoya oyingcwele unokuphulukana nethemba lakhe losindiso.)
Ngaba kufuneka into engaphezu kokholo ukuze umntu azuze usindiso?
Efe. 2:8, 9: “Nisindiswe ngokubabalwa [“ngenceba,” RS] nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.” (Lonke ilungiselelo losindiso luyimbonakaliso yobabalo lukaThixo. Ayikho indlela inzala ka-Adam enokuzuza ngayo usindiso ngamandla ayo, kungakhathaliseki ukuba izuke kangakanani na imisebenzi yayo. Usindiso lusisipho esivela kuThixo esinikwa abo banokholo kwixabiso elicamagushela izono ledini loNyana wakhe.)
Heb. 5:9: “Waza [uYesu], egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo.” (Akekeliswe sithi.) (Ngaba oku akungqubani namazwi athi amaKristu ‘asindiswa ngokholo’? Akunjalo konke konke. Intobelo ibonisa nje ukuba ukholo lwawo lolokwenyaniso.)
Yak. 2:14, 26: “Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo.” (Umntu akalufumani usindiso ngemisebenzi yakhe. Kodwa nabani na onokholo lokwenyaniso uya kuba nemisebenzi ehambisana nalo—imisebenzi yokuthobela imiyalelo kaThixo noKristu, imisebenzi ebonakalisa ukholo nothando lwakhe. Ngaphandle kwemisebenzi enjalo, ukholo lwakhe lufile.)
Ize. 16:30, 31: “Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe? Bathi ke bona [UPawulos noSilas], Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.” (Ukuba loo ndoda nendlu yayo babekholwa ngokwenyaniso, ngaba babengayi kwenza ngokuvisisana nokukholwa kwabo? Ngokuqinisekileyo babeya kwenjenjalo.)
Ukuba Ubani Uthi—
‘Mna ndisindisiwe’
Usenokuphendula uthi: ‘Ndiyavuya ukukwazi oko, kuba kundixelela ukuba uyakholelwa kuYesu Kristu. Umsebenzi endinesabelo kuwo ngulowo uYesu awawabela abalandeli bakhe ukuba bawenze, oko kukuthi, ukuxelela abanye ngokumiselwa koBukumkani bakhe. (Mat. 24:14)’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Buyintoni obo Bukumkani? Ukuza kwabo kuya kuthetha ntoni kwihlabathi? (Dan. 2:44)’ (2) ‘Ziziphi iimeko eziya kuba lapha emhlabeni phantsi kwaloo rhulumente wasezulwini? (INdu. 37:11; ISityhi. 21:3, 4)’
Okanye unokuthi: ‘Ngoko uyakuqonda okwathethwa ngumpostile uPetros, apha kwiZenzo 4:12, akunjalo na? . . . Wakha wazibuza na ukuba igama likaYesu lanikelwa ngubani ukuze thina sibe nokholo kulo?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘UYesu uyasixelela. (Yoh. 17:3)’ (2) ‘Phawula ukuba uYesu wathi wayelazisile igama likaYise. (Yoh. 17:6) Lingubani igama Lakhe? Lidlulisela ntoni kwingqondo yakho? (Eks. 3:15; 34:5-7)’
‘Ngaba usindisiwe?’
Usenokuphendula uthi: ‘Ukuza kuthi ga ngoku, ndisindisiwe. Oko ndikuthetha kuba ndikwasiphaphele isiluleko seBhayibhile sokungakuthembi gqitha ukuma kwam. Ngaba uqhelene nesi sibhalo? (1 Kor. 10:12)’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: ‘Siyintoni isizathu soko? Ebhekisa kubantu abazelwe ngokutsha nabanethemba lobomi basezulwini (Heb. 3:1), umpostile uPawulos wabhala . . . (Heb. 3:12-14) Kungokukhula elwazini lweLizwi likaThixo esithi siqinise ukholo lwethu.’
Okanye unokuthi: ‘Ndinokukuphendula koko ngokusuka nje ndithi, Ewe ndisindisiwe. Kodwa ubusazi na iBhayibhile ithetha ngokusindiswa okuziindidi ezithile? Ngokomzekelo, wakha wayiqwalasela na intsingiselo yeSityhilelo 7:9, 10, 14? . . . Ngoko, kukho abantu abaya kusindiswa ukutyhubela imbandezelo enkulu ezayo, ukuze baphile apha emhlabeni. (Mat. 5:5)’
‘Ngaba uyamamkela uYesu njengoMsindisi wakho siqu?’
Bona iphepha 405, 406, phantsi komxholo othi “UYesu Kristu.”
‘Nina nithi kuphela li-144 000 eliza kusindiswa’
Usenokuphendula uthi: ‘Kuyandivuyisa ukuba ube uyivelisile loo nto ukuze ndikuxelele esikukholelwa ngokwenene. Usindiso lolwabantu abaninzi abaya kubonakalisa ukholo lokwenyaniso kwilungiselelo uThixo alenze ngoYesu. Kodwa iBhayibhile ithi kuphela li-144 000 eliza kuya ezulwini noKristu. Ngaba wakha wakubona oko eBhayibhileni? . . . Kulapha kwiSityhilelo 14:1, 3.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Baza kwenza ntoni ezulwini? (ISityhi. 20:6)’ (2) ‘Kucacile ukuba baya kulawula phezu kwabathile. Isenokuba ngoobani abo? . . . (Mat. 5:5; 6:10)’