IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • si iphe. 115-117
  • Incwadi YeBhayibhile 22—INgoma yazo iiNgoma

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi YeBhayibhile 22—INgoma yazo iiNgoma
  • “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimbalasane Zencwadi YeNgoma yazo iiNgoma
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Uthando Lokwenyaniso Luyoyisa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Umzekelo Wokuxeliswa—UmShulamikazi
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
si iphe. 115-117

Incwadi YeBhayibhile 22—INgoma yazo iiNgoma

Umbhali: NguSolomon

Indawo Eyabhalelwa Kuyo: EYerusalem

Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowe-1020 B.C.E.

1.Kungayiphi indlela ethi le ibe ‘yiNgoma yazo iiNgoma’?

“IHLABATHI liphela lalingakufanele ukubona imini ekwathi ngayo le Ngoma iluncuthu yadluliselwa kuSirayeli.” Leyo yindlela “umfundisi” ongumYuda uAkiba, owayephila kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, awakuvakalisa ngayo ukuxabisa kwakhe INgoma yazo iiNgoma.a Igama lale ncwadi liyimo efinyeziweyo yamazwi ayo okuvula athi, “Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.” Ibinzana elithi “ingoma yazo iingoma,” libonisa ukuba yeyona ibalaseleyo, ngokufanayo nakwibinzana elithi “amazulu awo amazulu,” xa kubhekiselwa kwawona mazulu aphakamileyo. (Dut. 10: 14) Le asiyongqokelela yeengoma koko yingoma enye, “eyona ngoma igqibeleleyo, eyona yona kwezakha zakho, okanye kwezakha zabhalwa.”b

2.(a)Ngubani owabhala INgoma yazo iiNgoma, ziintoni ezazimenza akufanelekele oko, kwaye kutheni kunokuthiwa le ncwadi yingoma yothando olwaphuthiswayo? (b) Le ncwadi yabhalelwa phi, kwaye nini?

2 Le ngoma yabhalwa nguKumkani uSolomon waseYerusalem, njengoko kuboniswe kwintshayelelo yayo. Wayekufanelekele gqitha ukubhala lo mzekelo uluncuthu wemihobe yesiHebhere. (1 Kum. 4: 32) Ngumbongo omhle nonentsingiselo kwaye ubalasele gqitha ekuchazeni ubuhle. Umfundi onokuba nomfanekiso-ngqondweni wembonakalo yelizwe laseMpuma uya kukuqonda ngakumbi oku. (INgoma 4: 11, 13; 5: 11; 7:⁠4) Yabhalwa ngesihlandlo esikhethekileyo. Ukumkani omkhulu uSolomon, owayesaziwa ngobulumko, eligorha elinamandla, kwaye eqaqambile ngenxa yobunewunewu bobutyebi bakhe obuphathekayo, obabangela ukuba kwanokumkanikazi waseShebha amncome, abuzange bube namtsalane kwintombi eqhelekileyo yasemaphandleni awayeyithanda gqitha. Ngenxa yokunyaniseka kothando lwayo kumfana ongumalusi, ukumkani watsho phantsi. Ngoko ke, le ncwadi inokubizwa ngokufanelekileyo kuthiwe yiNgoma Yothando Olwaphuthiswayo LukaSolomon. UYehova uThixo wamphefumlela ukuba aqambe le ngoma ukuze kungenelwe abafundi beBhayibhile bezizukulwana ezaziza kulandela. Wayibhalela eYerusalem. Mhlawumbi oku kwenzeka malunga nowe-1020 B.C.E., iminyaka eliqela emva kokugqitywa kwetempile. Ngexesha lokubhala kwakhe le ngoma, uSolomon ‘wayenookumkanikazi abangamashumi amathandathu, namashweshwe angamashumi asibhozo,’ xa kuthelekiswa “nabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; amakhulu amathathu amashweshwe” ekupheleni kolawulo lwakhe.—INgoma 6:⁠8; 1 Kum. 11:⁠3.

3.Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba INgoma yazo iiNgoma iyinxalenye yemibhalo engcwele?

3 Into yokuba INgoma yazo iiNgoma iyinxalenye yemibhalo engcwele ayizange icelwe mngeni ngokupheleleyo kumaxesha amandulo. Yayigqalwa njengenxalenye epheleleyo nephefumlelweyo yemibhalo engcwele yesiHebhere kude kudala ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Yafakwa nakwiSeptuagint yesiGrike. UJosephus wayifaka kuludwe lwakhe lweencwadi ezingcwele. Ngoko ke, inobungqina obufanayo bokuba iyinxalenye yemibhalo engcwele kanye njengokuba kuqhele ukunikelwa ubungqina bayo nayiphi na enye incwadi yeZibhalo zesiHebhere.

4.(a)Ngaba ukungabikho kwegama elithi “Thixo” kungqina ukuba INgoma yazo iiNgoma asiyonxalenye yemibhalo engcwele? (b) Yintoni eyenza ukuba ibe yinxalenye ekhethekileyo yemibhalo engcwele yeBhayibhile?

4 Noko ke, bambi baye bakuthandabuza ukuba yinxalenye yemibhalo engcwele kwale ncwadi ngesibakala sokuba ayithethi ngoThixo. Ukungakhankanywa kukaThixo akunakuyenza ingafaneleki le ncwadi kanye njengokuba ukukhankanywa nje kwegama elithi “Thixo” bekungayi kuyenza ibe yinxalenye yemibhalo engcwele. Igama likaThixo liyavela ngendlela eshunqulelweyo kwisahluko 8, indinyana 6, (NW) apho uthando luchazwa ngokuthi “ngamadangatye kaYa.”c Ngokungathandabuzekiyo le ncwadi iyinxalenye yemibhalo uYesu Kristu awabhekisela kuyo njengekholekileyo xa wathi: “Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo.” (Yoh. 5: 39) Ngaphezu koko, indlela elubonakalisa ngamandla ngayo uphawu olubalaseleyo lothando lobudlelane, njengolo lukho, ngokomoya, phakathi koKristu ‘nomtshakazi’ wakhe, iyenza INgoma yazo iiNgoma ibe yinxalenye ekhethekileyo yemibhalo engcwele yeBhayibhile.—ISityhi. 19: 7, 8; 21:⁠9.

OKUQULETHWE YINGOMA YAZO IINGOMA

5.(a)Abantu abanenxaxheba kwesi siganeko bafaniswa njani? (b) Nguwuphi umxholo ochukumisayo ovakaliswayo?

5 Umbandela okule ncwadi unikelwe ngongcelele lwezincoko. Kusoloko kukho izithethi ezahlukahlukeneyo. Abantu abathethayo nguSolomon ukumkani waseYerusalem, ngumalusi, umShulamikazi wakhe othandekayo, abanakwabo, iintokazi zasentendelezweni (“iintombi zaseYerusalem”) nabafazi baseYerusalem (“iintombi zaseZiyon”). (INgoma 1: 5-⁠7; 3: 5, 11) Bafaniswa ngoko bakuthethayo ngabo okanye okuthethwa kubo. Esi siganeko senzeka ngaseShunem, okanye eShulem, apho uSolomon agxumeke khona iintente namalungu entendelezo yakhe. Ivakalisa umxholo ochukumisayo—uthando lwentombi yasemaphandleni kwidolophana yaseShunem ngeqabane layo elingumalusi.

6.Ithini incoko ephakathi kwentombi neentokazi zasentendelezweni yomnquba kaSolomon?

6 Intombi engumShulami kumnquba kaSolomon (1: 1-14). Le ntombi ibonakala ikwiintente zasebukhosini ukumkani ayingenise kuzo, kodwa ilangazelela kuphela ukubona isithandwa sayo esingumalusi. Njengoko ilangazelela ukubona othandekayo wayo, ithetha ngokungathi ukho. Iintokazi zasentendelezweni ezinyamekela ukumkani, “iintombi zaseYerusalem,” zimqwalasela ngamehlo akrokrayo umShulamikazi ngenxa yolusu lwakhe olufe mnyama. Uyazicacisela ukuba utshiswe lilanga ngoxa ebenyamekela izidiliya zabanakwabo. Wandula ke athethe nesithandwa sakhe ngokungathi wayekhululekile aze abuze ukuba angasifumana phi na. Iintokazi zasentendelezweni zimyalela ukuba ahambe aze aluse umhlambi wakhe ngakwiintente zabalusi.

7.Liliphi ilinge lokucela uthando uSolomon alenzayo, kodwa uba yintoni umphumo?

7 Kuvela uSolomon. Akakulungele ukumyeka ahambe. Uncoma ubuhle bakhe kwaye uthembisa ukumnika “iingcaca zegolide ezinamaqhula esilivere.” UmShulamikazi ulikhaba ngawo omane ilinge lakhe lokucela uthando aze amxelele ukuba ekuphela komntu amthandayo sisithandwa sakhe.—1:⁠11.

8.Isithandwa sentombi siyikhuthaza njani? Yintoni eyilangazelelayo?

8 Kuvela umalusi othandwayo (1: 15–2:⁠2). Isithandwa somShulamikazi siya kumnquba kaSolomon size simkhuthaze. Siyamqinisekisa ukuba siyamthanda. UmShulamikazi ulangazelela ukuba kufuphi nesithandwa sakhe kwaye ulangazelela uyolo oluqhelekileyo lokukhe abethwe ngumoya kunye naso ngaphandle edlelweni naphakathi kwemithi.

9.Le ntombi nesithandwa sayo babubalaselisa njani ubuhle bayo?

9 UmShulamikazi yintokazi ethozamileyo. Uthi, “Ndingumfiyo waseSharon.” Isithandwa sakhe esingumalusi sicinga ukuba akanakuthelekiswa nanto, sisithi: “Njengenyibiba phakathi kweminga, unjalo uwethu phakathi kweentombi.”—2: 1, 2.

10.Le ntombi ikhumbula ntoni ngothando lwayo?

10 Intokazi ilangazelela ukubona umalusi wayo (2:⁠3–3:⁠5). Ahluliwe kwakhona kwisithandwa sakhe, umShulamikazi ubonisa indlela asixabise ngayo ngaphezu kwabo bonke abanye, kwaye uxelela iintokazi zaseYerusalem ukuba ziphantsi kwesifungo sokungazami ukuvuselela kuye uthando lomnye umntu angamfuniyo. UmShulamikazi ukhumbula elaa xesha umalusi wakhe waphendula ubizo lwakhe waza wammemela ezintabeni ngentwasahlobo. Umbona enyuka ezintabeni, exhumaxhuma ngenxa yovuyo. Umva edanduluka esithi kuye: “Sukume, wethu, nzwakazi yam, uze.” Noko ke, abanakwabo, ababengaqinisekanga ngokuzinza kwakhe, bacaphuka baza bamnika umsebenzi wokunyamekela izidiliya. Uvakalisa oku, “Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo,” kwaye uyayibongoza ukuba igidimele ecaleni lakhe.—2: 13, 16.

11.UmShulamikazi uzikhumbuza ngasiphi isifungo iintombi zaseYerusalem?

11 UmShulamikazi uchaza ukuvalelwa kwakhe kumnquba kaSolomon. Ebusuku emandlalweni, ulangazelela umalusi wakhe. Kwakhona ukhumbuza iintokazi zaseYerusalem ukuba ziphantsi kwesifungo sokungavuseleli kuye uthando ngomntu angamfuniyo.

12.Luluphi ukhuthazo olungakumbi intanda yakhe elunikelayo xa le ntombi ithatyathwa nguSolomon eyisa eYerusalam?

12 UmShulamikazi eYerusalem (3:⁠6–5:⁠1). USolomon ubuyela eYerusalem kubungangamsha basebukhosini, kwaye abantu bancoma umngcelele wabalindi bakhe. Kweli lixa lamanqam, umalusi othandekayo akamphoxi umShulamikazi. Ulandela inzwakazi yakhe, efakwe isigqubuthelo, aze ayibambe. Uyasomeleza isithandwa sakhe ngokuthetha amazwi afudumeleyo othando. Le nzwakazi imxelela ukuba ifuna ukukhululeka ize ihambe kwesi sixeko, kwaye wandula ke umalusi adubuleke ngenxa yokuqhutywa luthando esithi: “Uyinzwakazi kwaphela, wethu.” (4:⁠7) Ukuyithi krwaqu nje kwakhe kuyenza intliziyo yakhe ibe semafutheni. Amazwi akhe othando alunge ngakumbi kunewayini, ivumba lakhe linjengelaseLebhanon, kwaye ulusu lwakhe lunjengomyezo weerharnate. Le ntombi imema intanda yayo ukuba ingene “emyezweni wayo,” kwaye iyangena. Abafazi baseYerusalem abanobuhlobo bayabakhuthaza besithi: “Yidlani bethu, selani nibe mnandi, zintanda.”—4: 16; 5:⁠1.

13.Le ntombi iphupha ntoni, kwaye iyichaza njani intanda yayo kwiintokazi zasentendelezweni?

13 Iphupha lentombi (5:⁠2–6:⁠3). UmShulamikazi uxelela iintokazi zasentendelezweni ukuba uphuphe esiva kunkqonkqozwa. Intanda yakhe ingaphandle, imbongoza ukuba ayivulele. Kodwa usemandlalweni. Xa ekugqibeleni evuka ukuya kuyivulela umnyango, inyamalele ebumnyameni. Uyaphuma eyilandela, kodwa akayifumani. Abalindi bamphatha gadalala. Uxelela iintokazi zasentendelezweni ukuba ukuba ziyibonile intanda yakhe, zinyanzelekile ukuba ziyixelele ukuba uyafa luthando. Ziyambuza ukuba yintoni le iyenza ibalasele kangaka. Uqalisa ukuyichaza ngokucokisekileyo, esithi intanda yakhe “iqaqambile, iyingqombela, iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.” (5: 10) Abafazi basentendelezweni bayambuza ukuba iphi na. Uthi iyokwalusa ngasemasimini.

14.Phezu kwabo nje bonke ubuciko bakhe, uSolomon uwa phantsi njani kwiphulo lakhe?

14 Ilinge lokugqibela likaSolomon lokucela uthando (6:⁠4–8:⁠4). UKumkani uSolomon ubonana nomShulamikazi. Kwakhona umxelela indlela amhle ngayo, indlela athandeka ngayo ngaphezu ‘kookumkanikazi abangamashumi amathandathu, namashweshwe angamashumi asibhozo,’ kodwa yena umkhaba ngawo omane. (6:⁠8) Ekuphela kwento emenza abe lapha kufuphi nomnquba kaSolomon kukuthunywa. Uyambuza, ‘Ubona ntoni na kum?’ Esebenzisa eli thuba lokuphendula lo mbuzo unyanisekileyo uSolomon umxelela ngobuhle bakhe, ukususela eluzwaneni lwakhe kuse kwisithsaba sentloko yakhe, kodwa le ntokazi iyabuxhathisa bonke obu buciko bakhe. Ngenkalipho ivakalisa ukuzinikela kwayo ngokupheleleyo kumalusi wayo, imkhalela. Okwesihlandlo sesithathu, ikhumbuza iintombi zaseYerusalem ukuba ziphantsi kwesifungo sokungaluvuseleli uthando nxamnye nomnqweno wayo. USolomon uyamvumela ukuba agoduke. Uwe phantsi kwiphulo lakhe lokuzuza uthando lomShulamikazi.

15.(a)Le ntombi ibuyela kubanakwayo inasiphi isicelo? (b) Ukuzinikela okupheleleyo koyise njani?

15 UmShulamikazi uyabuya (8: 5-14). Abanakwabo bambona esiza, kodwa akahambi yedwa. ‘Wayame ngentanda yakhe.’ Ukhumbula ukuba uye wadibana nesithandwa sakhe ngaphantsi komapile aze athi akukho nto inokuluphelisa uthando lwakhe ngaso. Amanye amagqabaza awathethwa ngabanakwabo ngaphambilana ngokumxhalabela kwabo xa ‘wayesemncinane’ ayakhankanywa, kodwa uthi uye wazingqina engumfazi okhulileyo nozinzileyo. (8:⁠8) Ngoku abanakwabo mabamvumele atshate. UKumkani uSolomon angahlala nobutyebi bakhe! Wanelisekile ngesidiliya sakhe esinye, kuba uthanda lowo uyintanda yakhe ethe ngco entliziyweni. Kuye olu thando lunamandla njengokufa kwaye ukuvutha kwalo ‘kunjengokwamadangatye kaYehova.’ Ukuzingisa kokuzinikela okupheleleyo ‘okunjengelabafileyo ukuba lukhuni’ kuye koyisa kwaye kuye kwakhokelela ekumanyanisweni kwakhe okuzukileyo nesithandwa sakhe esingumalusi.—8: 5, 6.

ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO

16.Yintoni exabisekileyo enokufundwa kule ngoma?

16 Yintoni efundiswa kule ngoma yothando anokuthi umntu kaThixo ayifumane iyingenelo namhlanje? Kubalaseliswa ukuthembeka, ukunyaniseka nokugcina ingqibelelo kwimigaqo yobuthixo. Le ngoma ifundisa ukubaluleka kwehambo entle yokuziphatha nokunyaniseka kwisithandwa sokwenene. Ifundisa ukuba uthando lokwenene alunakoyiswa, alunakutshitshiswa, alunakuthengwa. Abafana neentombi kwanamadoda nabafazi abangamaKristu banokungenelwa kulo mzekelo ufanelekileyo wengqibelelo xa kuvela izilingo kwaye kubakho nezihendo.

17.(a)UPawulos ubonisa njani ukuba le ngoma yayibhalelwe ukufundisa ibandla lamaKristu? (b) Kutheni uPawulos asenokuba wayecinga ngayo nje xa wabhalela amaKristu aseKorinte nawase-Efese? (c) Kukuphi ukuthelekiseka okubangel’ umdla okusenokwenziwa phakathi kwale ncwadi nemibhalo ephefumlelweyo kaYohane?

17 Kodwa le ngoma iphefumlelweyo ikwayeyengenelo gqitha kwibandla lamaKristu xa lilonke. Yayigqalwa njengenxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo ngamaKristu enkulungwane yokuqala, omnye wawo owabhala oku: “Izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:⁠4) Kwalo mbhali ukwamnye uphefumlelweyo, uPawulos, unokuba wayecinga ngothando olupheleleyo umShulamikazi awayenalo ngomalusi wakhe xa wabhalela ibandla lamaKristu esithi: “Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu.” Kwakhona uPawulos wabhala efanisa uthando lukaKristu ngebandla nolo lwendoda ngomfazi. (2 Kor. 11:⁠2; Efe. 5: 23-27) UYesu Kristu akangoMalusi Olungileyo nje kuphela kubo kodwa ukwanguKumkani wabo odlulisela kubalandeli bakhe abathanjisiweyo uvuyo olungenakuchazwa ‘lokutshata’ naye emazulwini.—ISityhi. 19:⁠9; Yoh. 10:⁠11.

18.Abalandeli abathanjisiweyo bakaKristu Yesu banokungenelwa ngayiphi indlela kumzekelo womShulamikazi?

18 Ngokuqinisekileyo aba balandeli bathanjisiweyo bakaKristu Yesu banokungenelwa gqitha kumzekelo womShulamikazi. Nabo bamele banyaniseke kuthando lwabo, bangahendwa bubuqaqawuli bezinto eziphathekayo zeli hlabathi, bayigcine ngokungagungqiyo ingqibelelo yabo de kuse ekuzuzeni umvuzo. Iingqondo zabo zimiliselwe kwizinto zaphezulu kwaye ‘bafuna tanci ubukumkani.’ Bayazamkela iimbonakaliso zothando loMalusi wabo, uYesu Kristu. Bavuya gqitha ngokwazi ukuba lo uthandekayo, nangona engabonakali, ubondele ngeliso elibukhali, ebakhuthaza ukuba bomelele baze baloyise ihlabathi. Bemthanda ngothando olungenakutshitshiswa, olunamandla ‘njengamadangatye kaYehova,’ uKumkani wawo onguMalusi, ngokwenene baya koyisa baze bamanyaniswe naye njengeendlalifa ezidlelana naye kuBukumkani obuzukileyo basemazulwini. Ngaloo ndlela igama likaYa liya kungcwaliswa!—Mat. 6: 33; Yoh. 16:⁠33.

[Imibhalo esemazantsi]

a IMishnah yamaYuda (Yadayim 3:⁠5).

b ICommentary kaClarke, Umqu. III, iphepha 841.

c “UYehova,” ngokweBhayibhile yesiXhosa.

[Imibuzo YeSifundo]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share