IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 33
  • Uzalisekisa Isiprofeto SikaIsaya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uzalisekisa Isiprofeto SikaIsaya
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Wenza Into Eyaprofetwa NguIsaya
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba Ubuya Kuwucima Umsonto Oqhumayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • “Onyuliweyo Wam, Lowo Ukholisiweyo Nguye Umphefumlo Wam!”
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
  • UYehova—Umthandi Wobulungisa Nokusesikweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 33

Isahluko 33

Uzalisekisa Isiprofeto SikaIsaya

EMVA kokuba uYesu eye waqonda ukuba abaFarisi neqela labalandeli bakaHerode baceba ukumbulala, yena nabafundi bakhe babuyela kuLwandle lwaseGalili. Apha izihlwele zabantu eziphuma kulo lonke elasePalestina, kwaneziphuma ngaphandle kwemida yayo, ziyagxalathelana ukuza kuye. Uphilisa abaninzi, nto leyo ebangela ukuba bonke abo banezifo ezoyikekayo batyhudise ukuza kumchukumisa.

Ngenxa yobukhulu bezihlwele, uYesu uxelela abafundi bakhe ukuba basoloko bemgcinele iphenyane. Ngokushenxa elunxwemeni, unokwenza ukuba izihlwele zingamxini. Unokuzifundisa ekwiphenyane okanye ahambele komnye ummandla ongaselunxwemeni ukunceda abantu apho.

Umfundi uMateyu uphawula ukuba umsebenzi kaYesu uzalisekisa “okwathethwayo ngoIsaya umprofeti.” Aze ke uMateyu acaphule isiprofeto asizalisekisayo uYesu esisesi:

“Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.”

Kakade ke, uYesu ungumkhonzi oyintanda lowo uThixo akholiswayo nguye. Ibe uYesu uyakucacisa oko kukokusesikweni ngokwenyaniso, okufihlwa zizithethe zonqulo lobuxoki. Ngenxa yokusebenzisa kwabo umthetho kaThixo ngokungafanelekanga, abaFarisi abanakumnceda kwaukumnceda umntu ogulayo ngeSabatha! Ngoko, ecacisa ukuba sesikweni kukaThixo, uYesu uyabakhulula abantu kumthwalo wezithethe ezingekho sikweni, nto leyo ebangela ukuba iinkokeli zonqulo zizame ukumbulala.

Kuthetha ukuthini ukuthi ‘akayi kunkqangaza, okanye aliphakamise ilizwi lakhe ukuze libe nokuviwa ezitratweni’? Xa ephilisa abantu, uYesu ‘ubakhalimela ngokungqongqo ukuba bangamtyhili.’ Akafuni ukubabazwa ezitratweni okanye kubaliswe iingxelo ezingaye nezigqwethiweyo.

Kwakhona, uYesu uvakalisa isigidimi sakhe esithuthuzelayo kubantu abafanekiswa nengcongolo etyumkileyo, evikivekileyo nenyhashiweyo. Banjengomsonto oqhumayo, ontlantsi yawo yokugqibela ephantse yacima. UYesu akayityumzi ingcongolo evikivekileyo okanye acime umsonto olozizayo noqhumayo. Kodwa ngothantamiso nangothando, uthi ngobuchule aphakamise abo balulamileyo. Ngokwenyaniso, uYesu ungulowo ezinokuthi iintlanga zithembele kuye! Mateyu 12:15-21; Marko 3:7-12; Isaya 42:1-4.

▪ UYesu ukucacisa njani okusesikweni, engankqangazi okanye aliphakamise ilizwi lakhe ezitratweni?

▪ Ngoobani abanjengengcongolo evikivekileyo nomsonto oqhumayo, yaye uYesu ubaphatha njani?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share