IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 57
  • Ukubonakalisa Imfesane Kwabalusizana

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukubonakalisa Imfesane Kwabalusizana
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Waba Nemfesane Kwabalusizana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • UYesu Uphilisa Intombi Nendoda Engevayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba Unayo “Ingqondo KaKristu”?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Indlela Iziphene Eziya Kupheliswa Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 57

Isahluko 57

Ukubonakalisa Imfesane Kwabalusizana

EMVA kokugxeka abaFarisi ngezithethe zabo zokuzikholisa, uYesu uyanduluka ehamba nabafundi bakhe. Usenokukhumbula ukuba kungethuba lide ngaphambi koko, ilinge lakhe lokubaleka ukuze aphumle nabafundi bakhe laphazanyiswa kukufika kwesihlwele. Ngoku, ekunye nabafundi bakhe, uyanduluka esinge kummandla waseTire neTsidon, iikhilomitha ezininzi ukuya emantla. Kuyabonakala ukuba olu kuphela kohambo olungaphaya kwemida yakwaSirayeli uYesu aluthabatha nabafundi bakhe.

Emva kokufumana indlu aza kuhlala kuyo, uYesu uthi akafuni kubekho namnye ubaziyo apho bakhoyo. Kanti, kwanakulo mmandla ungengowakwaSirayeli, akanakuzifihla ebantwini. Kufika umGrikekazi, owayezalelwe eKanan yelaseSiriya yaye uyamcela esithi: “Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi.” Noko ke, uYesu akamphenduli nelizwi eli.

Ekugqibeleni, abafundi bakhe bamxelela oku uYesu: “Mndulule, ngokuba usilandela ekhala.” Echaza isizathu sokungamnanzi, uYesu uthi: “Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.”

Noko ke, lo mfazi akanikezeli. Uya kuYesu, aze aqubude phambi kwakhe. Uyambongoza esithi, “Nkosi, ndisize.”

Hayi indlela ekumele ukuba yachukumiseka ngayo intliziyo kaYesu sisicelo esinyanisekileyo salo mfazi! Kanti, uyaphinda achaze imbopheleleko yakhe yokuqala, ukulungiselela abantu bakaThixo amaSirayeli. Kwangaxeshanye, ngokucacileyo ukuze avavanye ukholo lwakhe, usebenzisa imbono yamaYuda yokuba nomkhethe kwezinye iintlanga, esima ngelithi: “Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.”

Ngelizwi lovelwano nembonakalo yakhe yobuso, ngokuqinisekileyo uYesu utyhila iimvakalelo zothando lwakhe ngabangemaYuda. Ude ayidambise imbono yokufanisa abeeNtlanga nezinja ngokubhekisela kubo ‘njengeenjana’ okanye imibundlwana. Endaweni yokukhubeka, lo mfazi uyaqonda ukuba uYesu wayebhekisela ekubeni nomkhethe kwamaYuda aze ngokuzithoba athi: “Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.”

UYesu uphendula esithi: “Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe njengokuthanda kwakho.” Yaye kwenzeka njalo! Xa ebuyela ekhaya, ufumana intombi yakhe ilele phezu kwesingqengqelo, iphile qete.

Ukusuka kummandla ongaselunxwemeni waseTsidon, uYesu nabafundi bakhe bacanda ilizwe besiya ngasemthonjeni woMlambo iYordan. Kuyabonakala ukuba bayiwela iYordan kwinyoba ndaweni ithile ngasentla koLwandle lwaseGalili baze bangene kummandla waseDekapoli kwimpuma yolwandle. Apho benyuka intaba, kodwa izihlwele ziyabafumana yaye ziza kuYesu neziqhwala, izilima, iimfama, izidenge, nenye inkitha eyayigula neyayineziphene ngezinye iindlela. Zibabeka kakuhle ezinyaweni zikaYesu, yaye uyabaphilisa. Aba bantu bayamangaliswa kukubona izidenge zithetha, iziqhwala zihamba, neemfama zibona yaye zizukisa uThixo kaSirayeli.

Kuziswa kuYesu indoda esisithulu nekwalithintitha ukuba ayinyamekele ngokukhethekileyo. Izithulu ngokuqhelekileyo zicaphuka ngokulula, ingakumbi phakathi kwesihlwele. UYesu uyabuphawula ubuphakuphaku bale ndoda. Ngoko uYesu esikwe yimfesane uyayithabatha ayisuse esihlweleni aze aye nayo ngasese. Ngoxa bebodwa, uYesu uyibonisa oko aza kuyenzela kona. Ufaka iminwe yakhe ezindlebeni zayo, athi etshicile, achukumise ulwimi lwayo. Emva koko, uYesu ukhangela ezulwini aze aphefumle enesingqala esithi kuyo: “Vuleka.” Kwaoko, zavuleka iindlebe zayo, yakwazi nokuthetha kakuhle.

Akuba uYesu ephilise abaninzi, izihlwele zibonisa uxabiso ngako oku. Zithi: “Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.” Mateyu 15:21-31; Marko 7:24-37.

▪ Kutheni le nto uYesu engamphilisi ngokukhawuleza nje umntwana womGrikekazi?

▪ Emva koko, ubasa phi uYesu abafundi bakhe?

▪ Esikwe yimfesane uYesu uyiphatha njani indoda esisithulu nelithintitha?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share