IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gt isahl. 83
  • Wamkelwa NgumFarisi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wamkelwa NgumFarisi
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Amanqaku Afanayo
  • Wamkelwa NgumFarisi Omi Kakuhle
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Izimemo Zesidlo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Umzekeliso Womsitho Womtshato
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Umzekeliso Womsitho Womtshato
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
Khangela Okunye
Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
gt isahl. 83

Isahluko 83

Wamkelwa NgumFarisi

UYESU usezimbekweni kwikhaya lomFarisi omi kakuhle yaye usandul’ ukuphilisa umntu obegula yigalimoya. Njengokuba ephawula ukuba abo baziindwendwe kunye naye bakhetha iindawo eziphezulu esidlweni, uthetha ngombandela ofundisa ngokuthobeka.

UYesu ucacisa athi, “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye, eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.”

Ngoko uYesu ucebisa esithi: “Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.” UYesu uqukumbela ngokuthi: “Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

Emva koko, uYesu uthetha ebhekisa kumFarisi ammemileyo yaye umchazela indlela yokulungiselela isidlo unolwalamano olufanelekileyo noThixo. “Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwane bakho, nemizalwana yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe. Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe.”

Ukulungiselela abalusizana isidlo esinjalo kuya kuzisa uvuyo kulowo usilungiseleleyo, kuba kunjengokuba uYesu echazela lo ummemileyo, “Uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.” Le nkcazelo kaYesu yesi sidlo afanele azukiswe umntu ngokusenza ikhumbuza omnye okwalundwendwe okunye naye apha olunye uhlobo lwesidlo. Olu ndwendwe luthi: “Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.” Kanti, asingabo bonke abalixabisa ngokufanayo eli themba lonwabisayo, njengoko uYesu eqhubeka ebonisa ngomzekeliso.

“Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi. Wasusa umkhonzi wakhe . . . ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe. Baqala bonke ngakunye ukuzilandulela; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.”

Hayi indlela ezife amanqe ngayo ezi zingxengxezo! Intsimi okanye impahla ngokuqhelekileyo zihlolwa ngaphambi kokuba zithengwe, ngoko ke akukho lungxamiseko lokwenene lukhoyo lokuzikhangela emva koko. Ngokufanayo, umtshato womntu awufanele umthintele ekubeni angasivumi isimemo esinje ukubaluleka. Ngoko ke ekuveni kwayo ngezi zingxengxezo, inkosi iyaqumba ize iyalele umkhonzi wayo isithi:

“Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama. Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo. Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale. . . . Akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.”

Yimeko enjani echazwa ngulo mzekeliso? Eneneni, “inkosi” elungiselela isidlo imela uYehova uThixo; “umkhonzi” odlulisela isimemo, nguYesu Kristu; yaye “isidlo esikhulu,” ngamathuba okufanelekela uBukumkani bamazulu.

Abokuqala ukufumana isimemo sokufanelekela uBukumkani, ngaphezu kwabo bonke abanye, yayiziinkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu. Noko ke, azizange zisamkele esi simemo. Ngaloo ndlela, ingakumbi ekuqaleni kwePentekoste yowama-33 C.E., isimemo sesibini sadluliselwa kwabadelekileyo nabathobekileyo bohlanga lwamaYuda. Kodwa abo basabelayo abazange banele ukuzalisa iindawo ezili-144 000 kuBukumkani bukaThixo basezulwini. Ngoko ke ngowama-36 C.E., kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, isimemo sesithathu nesokugqibela sadluliselwa kwabo bangengomaYuda nabangalukileyo, yaye ukuhlanganiswa kwabanjalo kuye kwaqhubeka ukuza kuthi ga kumhla wethu. Luka 14:1-24.

▪ Sisiphi isifundo uYesu asifundisayo esingokuthobeka?

▪ Umamkeli weendwendwe unokusilungiselela njani isidlo enolwalamano olufanelekileyo noThixo, yaye kutheni siya kumzisela ulonwabo nje?

▪ Kutheni izingxengxezo zeendwendwe ezimenyiweyo zif’ amanqe nje?

▪ Yintoni emelwa ngumzekeliso kaYesu ‘wesidlo esikhulu’?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share