Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Umzekeliso Womsitho Womtshato
NGOKWENZA imizekeliso emibini, uYesu uye wababhenca ababhali nababingeleli abakhulu, yaye bafuna ukumbulala. Kodwa uYesu usenokuninzi aza kuthetha ngabo. Uhlabela mgama aze abaxelele omnye umzekeliso, esithi:
“Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza.”
UYehova uThixo unguKumkani olungiselela umsitho womtshato woNyana wakhe, uYesu Kristu. Ekugqibeleni, umtshakazi wakhe obunjwa ngabalandeli abathanjisiweyo abali-144 000 uza kumanyaniswa naye ezulwini. Abantu abamenywe nguKumkani ngabantu bakwaSirayeli, abathi ngokungeniswa kumnqophiso woMthetho ngowama-1513 B.C.E., bafumana ithuba lokuba ‘ngababingeleli abangookumkani.’ Ngaloo ndlela, ngeso sihlandlo, banikwa okokuqala isimemo sokuza kumsitho womtshato.
Phofu ke, ubizo lokuqala kwabo bamenyiweyo aluzange lufike kubo de kwangowama-29 C.E., xa uYesu nabafundi bakhe (abakhonzi bakakumkani) baqalisa umsebenzi wabo wokushumayela uBukumkani. Kodwa amaSirayeli okwemvelo awamenywayo ngabakhonzi ukususela kowama-29 C.E. ukusa kowama-33 C.E. akazange avume ukuza. Ngoko uThixo wanika uhlanga olwalumenyiwe elinye ithuba, njengoko uYesu ecacisa:
“Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.” Oku kubizwa kwesibini nokokugqibela kwabo babemenyiwe kwaqalisa ngePentekoste yowama-33 C.E., xa umoya oyingcwele wathululwayo phezu kwabalandeli bakaYesu. Olu bizo lwaqhubeka de kwangowama-36 C.E.
Noko ke, uninzi lwaloo maSirayeli, kwakhona aluzange luvume ukuza. UYesu uyacacisa, “Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.” UYesu uyaqhubeka, “Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.” Oku kwenzeka ngowama-70 C.E., xa iYerusalem yatshatyalaliswayo ngamaRoma, baza abo babulali babulawa.
Wandula ke uYesu acacise oko kwenzekayo ebudeni belo thuba: “Aze [ukumkani] athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.” Abakhonzi bakwenza oku, ibe “wazala umsitho ngabamenyiweyo.”
Lo msebenzi wokuhlanganisa iindwendwe ezifumaneka ezindleleni ngaphandle kwesixeko sabamenyiweyo waqalisa ngowama-36 C.E. Igosa lomkhosi waseRoma uKorneli nentsapho yalo babengabantu bokuqala ababengengomaYuda angalukileyo abahlanganiswayo. Ukuhlanganiswa kwaba bantu bangengomaYuda, bonke ababeza kungena endaweni yabo bangazange basamkele isimemo sokuqala, kuye kwaqhubeka ukuza kuthi ga kule nkulungwane yama-20.
Kusebudeni bale nkulungwane yama-20 elithe eli gumbi lomsitho lazala. UYesu ubalisa ngoko kwenzekayo, esithi: “Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.”
Indoda engenayo ingubo yomsitho ifanekisela abantu beNgqobhoko abazibiza ngokuba bangamaKristu. UThixo akakhange abazi aba njengabo banophawu olufanelekileyo lwamaSirayeli okomoya. UThixo akazange abathambise ngomoya oyingcwele njengeendlalifa zoBukumkani. Ngoko bakhutshelwa ngaphandle ebumnyameni apho baya kutshatyalaliselwa khona.
UYesu uqukumbela umzekeliso wakhe ngokuthi: “Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.” Ewe, kwakukho abaninzi ababemenyiwe kuhlanga lwakwaSirayeli ukuba babe ngamalungu omtshakazi kaKristu, kodwa ngamaSirayeli okwemvelo ambalwa kuphela awanyulwayo. Inkoliso yeendwendwe zabali-144 000 abafumana umvuzo wasezulwini bangqineka bengengomaSirayeli. Mateyu 22:1-14; Eksodus 19:1-6; ISityhilelo 14:1-3.
◆ Ngoobani abamenywa okokuqala kumsitho womtshato, ibe basinikwa nini esi simemo?
◆ Bamenywa nini okokuqala abo bangaphandle, ibe ngoobani abakhonzi abasetyenziswayo ukuhambisa esi simemo?
◆ Isimemo sesibini sinikelwa nini, ibe kamva ngoobani abamenywayo?
◆ Ngoobani abafanekiselwa yindoda engenayo ingubo yomsitho?
◆ Ngoobani abaninzi abamenyiweyo, nabambalwa abanyuliweyo?