IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 12/15 iphe. 8-9
  • Wamkelwa NgumFarisi Omi Kakuhle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wamkelwa NgumFarisi Omi Kakuhle
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Amanqaku Afanayo
  • Wamkelwa NgumFarisi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Izimemo Zesidlo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Umzekeliso Womsitho Womtshato
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Ngaba Usoloko Ufuna Ukuba Ngoyena Uphambili?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 12/15 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Wamkelwa NgumFarisi Omi Kakuhle

UYESU ulundwendwe kwikhaya lomFarisi omi kakuhle, apho asandul’ ukuphilisa khona indoda ebigula yigalimoya. Ngoku, njengokuba uYesu ephawula ukuba abo baziindwendwe kunye naye bakhetha iindawo eziphezulu esidlweni, ubafundisa ukuthobeka.

UYesu ululeka esithi, “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye, eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.”

Ngoko uYesu ucebisa esithi: “Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla; wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.” Ebethelela esi sifundo, uYesu uqukumbela ngokuthi: “Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

Emva koko, uYesu uthetha nalo mFarisi ummemileyo yaye umchazela indlela yokulungiselela isidlo unolwalamano olufanelekileyo noThixo. “Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwana yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe. Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe.”

Ukulungiselela abalusizana isidlo esinjalo kuya kuzisa uvuyo kulowo usilungiseleleyo kuba kunjengokuba uYesu echazela lo ummemileyo: “Uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.” Le nkcazelo kaYesu yesi sidlo sifanelekileyo izisa engqondweni yondwendwe akunye nalo olunye uhlobo lwesidlo. Olu ndwendwe luthi: “Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.” Kanti, asingabo bonke abalixabisa ngokufanayo eli themba lonwabisayo, njengoko uYesu eqhubeka ebonisa ngomzekeliso.

“Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi. Wasusa umkhonzi wakhe . . . ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe. Baqala bonke ngakunye ukuzilandulela; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, ndifuna ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo. Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.”

Hayi indlela ezife amanqe ngayo ezi zingxengxezo! Intsimi okanye impahla ngokuqhelekileyo zihlolwa ngaphambi kokuba zithengwe, ngoko ke akukho lungxamiseko lokwenene lukhoyo lokuzikhangela emva koko. Ngokufanayo, umtshato womntu awufanele umthintele ekubeni angasivumi isimemo esinje ukubaluleka. Ngoko ke ekuveni kwayo ngezi zingxengxezo, inkosi iyaqumba ize iyalele umkhonzi wayo isithi:

“Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama. Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo. Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale. . . . Akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.”

Yimeko enjani echazwa ngulo mzekeliso? Eneneni, “inkosi” elungiselela isidlo imela uYehova uThixo; “umkhonzi” odlulisela isimemo, nguYesu Kristu; yaye “isidlo esikhulu,” ngamathuba okufanelekela uBukumkani bamazulu.

Abokuqala ukufumana isimemo sokufanelekela uBukumkani, ngaphezu kwabo bonke abanye, yayiziinkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu. Noko ke, azizange zisamkele esi simemo. Ngaloo ndlela, ingakumbi ekuqaleni kwePentekoste yowama-33 C.E., isimemo sesibini sadluliselwa kwabadelekileyo nabathobekileyo bohlanga lwamaYuda. Kodwa abazange banele abasabelayo ukuzalisa iindawo ezili-144 000 kuBukumkani bukaThixo basezulwini. Ngoko ke ngowama-36 C.E., kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, isimemo sesithathu nesokugqibela sadluliselwa kwabo bangengomaYuda nabangalukileyo, yaye ukuhlanganiswa kwabanjalo kwaqhubeka kwade kwayinkulungwane yama-20. Luka 14:1-24.

◆ Sisiphi isifundo uYesu asifundisa ngokuthobeka?

◆ Umamkeli weendwendwe unokusilungiselela njani isidlo esamkelekileyo kuThixo, yaye kutheni siya kumzisela ulonwabo nje?

◆ Kutheni izingxengxezo zeendwendwe ezimenyiweyo zif’ amanqe nje?

◆ Yintoni emelwa ngumzekeliso kaYesu ‘wesidlo esikhulu’?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share