Umqukumbelo
IINKOLELO zonqulo zamaNgqina kaYehova azixutyushwanga zonke kule ncwadana inemifanekiso. Kunoko, siye sazama ukucacisa eminye yemigaqo amaNgqina akholelwa kuyo nokubonisa ngokucacileyo uhlobo lwentsapho aphuma kuyo umntwana omfundisayo ukuba umzali omnye okanye bobabini bangamaNgqina.
AmaNgqina kaYehova agxininisa kakhulu ekuhambeleni phambili kwabantwana bawo ngokomoya. Ibe avakalelwa kukuba oku kumenza umntwana ahambele phambili nakwezinye izinto. Iinkolelo azamkelayo nemigaqo ayithobelayo yenza ubomi bawo bube nentsingiselo ize iwancede akwazi ukumelana neengxaki ezivelayo mihla le. Ukongezelela, ezo nkolelo nemigaqo zifanele zibenze bafune ukuba ngabafundi abakhutheleyo nabemi abalungileyo ebomini bawo bonke.
AmaNgqina azabalazela ukunyaniseka ebomini bawo, ngoko ayixabise gqitha imfundo. Ngoko ke, anomdla ngokungazenzisiyo wokusebenzisana nawe. Emakhayeni awo nakwiindawo anqulela kuzo ehlabathini lonke, aya kuqhubeka ekhuthaza abantwana bawo baphumeze eyabo indima kule ntsebenziswano intle.