IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ed iphe. 31
  • Umqukumbelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umqukumbelo
  • AmaNgqina KaYehova Nemfundo
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova NgamaKristu Okwenene?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Ngaba Abantwana Bafanele Bafunde NgoThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Siyintoni Isiseko Seenkolelo Zakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
AmaNgqina KaYehova Nemfundo
ed iphe. 31

Umqukumbelo

IINKOLELO zonqulo zamaNgqina kaYehova azixutyushwanga zonke kule ncwadana inemifanekiso. Kunoko, siye sazama ukucacisa eminye yemigaqo amaNgqina akholelwa kuyo nokubonisa ngokucacileyo uhlobo lwentsapho aphuma kuyo umntwana omfundisayo ukuba umzali omnye okanye bobabini bangamaNgqina.

AmaNgqina kaYehova agxininisa kakhulu ekuhambeleni phambili kwabantwana bawo ngokomoya. Ibe avakalelwa kukuba oku kumenza umntwana ahambele phambili nakwezinye izinto. Iinkolelo azamkelayo nemigaqo ayithobelayo yenza ubomi bawo bube nentsingiselo ize iwancede akwazi ukumelana neengxaki ezivelayo mihla le. Ukongezelela, ezo nkolelo nemigaqo zifanele zibenze bafune ukuba ngabafundi abakhutheleyo nabemi abalungileyo ebomini bawo bonke.

AmaNgqina azabalazela ukunyaniseka ebomini bawo, ngoko ayixabise gqitha imfundo. Ngoko ke, anomdla ngokungazenzisiyo wokusebenzisana nawe. Emakhayeni awo nakwiindawo anqulela kuzo ehlabathini lonke, aya kuqhubeka ekhuthaza abantwana bawo baphumeze eyabo indima kule ntsebenziswano intle.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share