IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 8/1 iphe. 3
  • Ngaba Abantwana Bafanele Bafunde NgoThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Abantwana Bafanele Bafunde NgoThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Unqulo Luyabenzakalisa Abantwana?
  • Yintoni Imfihlelo?
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bathande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Abantwana Bethu—Ilifa Elixabisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 8/1 iphe. 3

Ngaba Abantwana Bafanele Bafunde NgoThixo?

“Sineenkonzo ezaneleyo zokusenza sibe nentiyo, kodwa azanele ukusenza sithandane.”—UJONATHAN SWIFT, UMBHALI OLINGESI.

USWIFT wakubhala oku ngenkulungwane ye-18, kodwa abaninzi namhlanje bayavumelana naye. Abantu abaninzi bakholelwa ekubeni abazali abanalo igunya lokufundisa abantwana babo ngoThixo. Bavakalelwa kukuba abantwana abakhuliswe ngonqulo baphoswa zizinto ezibalulekileyo.

Uthini wena? Kwezi ngxelo zilandelayo, yiyiphi eyona ivakala inengqiqo?

● Abazali abamele bavunyelwe ukuba bafundise abantwana babo ngoThixo.

● Abazali bafanele balinde de abantwana babo babebadala ngaphambi kokuba bathethe nabo ngonqulo.

● Ngoxa abantwana beselula, abazali bafanele babafundise ngeenkolelo zabo ngoThixo. Kodwa njengoko besiya bekhula, abazali bafanele babafundise ukuqiqa.

● Abantwana bafanele bamkele iinkolelo zabazali babo ngoThixo.

Ngaba Unqulo Luyabenzakalisa Abantwana?

Akakho umzali onenkathalo ofuna ukwenzakalisa umntwana wakhe. Kodwa ngaba zikho izibakala ezixhasa abo bafuna ukuthintela abantwana ekufundeni ngoThixo? Kangangamashumi eminyaka, abaphandi bebephanda impembelelo unqulo lomzali olunayo emntwaneni. Baye bafumanisa ntoni?

Abaphengululi baye bafumanisa ukuba, kunokuba unqulo lumenzakalise umntwana, lunokuba nempembelelo entle. Ngowama-2008, ingxelo kalindixesha iSocial Science Researcha yathi: “Unqulo luye lomeleza ulwalamano lomntwana nabazali.” Le ngxelo yahlabela mgama yathi: “Unqulo nobumoya buyinxalenye ebalulekileyo yobomi babantwana abaninzi yaye bubalulekile ukuze intsapho izinze.” Phawula indlela okufana ngayo oku noko kwathethwa nguYesu Kristu: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, kuba ubukumkani bamazulu bobabo.”—Mateyu 5:3.

Kuthekani ngoluvo lokuba abantwana bafanele baqale bakhule ngaphambi kokuba bafunde ngoThixo nonqulo? Loo mbono ayisinanzi esi sibakala: Ingqondo yomntwana ifana ne-emele engenanto efuna ukuzaliswa. Abazali banokhetho; ukuzalisa loo “emele” ngeenkolelo nemigaqo yokuziphatha efanelekileyo okanye bavumele iingqondo neentliziyo zabantwana babo zizaliswe zezinye iimfundiso.

Yintoni Imfihlelo?

Imbali ibonisa ukuba unqulo lunokubenza abantu babe nentiyo nekhethe. Abazali banokuwuphepha njani umphumo ochazwa nguJonathan Swift? Banokubafundisa njani abantwana babo iinkolelo ezibanceda bathande abanye abantu?

Ukuze siyifumane le mfihlelo, kufuneka siphendule le mibuzo mithathu: (1) Yintoni abafanele bayifunde abantwana? (2) Ngubani ofanele abafundise? (3) Bamele bafundiswe njani?

[Umbhalo osemazantsi]

a Olu phengululo lwalusekelwe kuphando olwenziwa kubantwana abangaphezu kwama-21 000 abahlala eUnited States, kuquka abazali nootitshala babo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share