Isifundo 10
Izenzo Azithiyileyo UThixo
Ufanele uvakalelwe njani ngezinto uThixo athi zimbi? (1)
Luhlobo olunjani lokuziphatha ngokwesini oluphosakeleyo? (2)
UmKristu ufanele akujonge njani ukuxoka? (3) ukungcakaza? (3) ubusela? (3) ugonyamelo? (4) ukusebenzelana nemimoya? (5) ubunxila? (6)
Umntu unokwahlukana njani nemikhwa nezenzo ezinjalo? (7)
1. Abakhonzi bakaThixo bayakuthanda okulungileyo. Kodwa kwakhona bamele bafunde ukukuthiya okubi. (INdumiso 97:10) Oku kuthetha ukuphepha izenzo ezithile uThixo azithiyileyo. Ziziphi ezinye zezo zenzo?
2. Uhenyuzo: Ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, ukukrexeza, ukulala nesilwanyana, umbulo nobufanasini zonke ezi zizono ezinzulu kuThixo. (Levitikus 18:6; Roma 1:26, 27; 1 Korinte 6:9, 10) Ukuba isibini esingatshatanga siyahlalisana, sifanele sahlukane okanye sitshate ngokusemthethweni.—Hebhere 13:4.
3. Ukuxoka, Ukungcakaza, Ubusela: UYehova uThixo akanakuxoka. (Tito 1:2) Abantu abafuna ukwamkelwa nguye bamele bakuphephe ukuxoka. (IMizekeliso 6:16-19; Kolose 3:9, 10) Lonke uhlobo lokungcakaza lunento yokwenza nokubawa. Ngoko amaKristu akangcakazi nangayiphi na indlela, njengelottery, ukudlala amahashe, nebingo. (Efese 5:3-5) Yaye amaKristu akebi. Akathi esazi athenge into ebiweyo okanye athabathe izinto ngaphandle kwemvume.—Eksodus 20:15; Efese 4:28.
4. Ukufutheka Ngumsindo, Ugonyamelo: Umsindo ongalawulwayo unokukhokelela kugonyamelo. (Genesis 4:5-8) Umntu onogonyamelo akanakuba ngumhlobo kaThixo. (INdumiso 11:5; IMizekeliso 22:24, 25) Akulunganga ukuziphindezelela okanye ukubuyisela okubi ngenxa yezinto ezimbi abanye abantu abasenokusenza zona.—IMizekeliso 24:29; Roma 12:17-21.
5. Imilingo Nokusebenzelana Nemimoya: Bambi babhenela kumandla oomoya ukuzama ukunyanga ukugula. Abanye benza imilingo kwiintshaba zabo ukuzenza zigule okanye kwanokuzibulala. Umntu okhuthaza nonikela amandla okwenza konke oku nguSathana. Ngoko amaKristu akafanele abandakanyeke nanjani na kwezi zinto. (Duteronomi 18:9-13) Ukusondela kuYehova kuyeyona nkuselo kwimilingo abanye abanokuyenza kuthi.—IMizekeliso 18:10.
6. Ubunxila: Akuphosakele ukusela intwana yewayini, ibhiya, okanye obunye utywala. (INdumiso 104:15; 1 Timoti 5:23) Kodwa ukusela ngokugqithiseleyo nobunxila buphosakele kuThixo. (1 Korinte 5:11-13; 1 Timoti 3:8) Ukusela ngokugqithiseleyo kunokuyenzakalisa impilo yakho kuze kuphazamise intsapho yakho. Kwakhona kunokukwenza uwele lula kwezinye izilingo.—IMizekeliso 23:20, 21, 29-35.
7. Abantu abenza izinto athi uThixo zimbi “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (Galati 5:19-21) Ukuba umthanda ngokwenene uThixo yaye ufuna ukumkholisa, unokwahlukana nezi zenzo. (1 Yohane 5:3) Funda ukukuthiya oko uThixo athi kubi. (Roma 12:9) Nxulumana nabantu abanemikhwa yokuhlonel’ uThixo. (IMizekeliso 13:20) Izinxulumani ezingamaKristu aqolileyo zisenokungqineka ziluncedo. (Yakobi 5:14) Ngaphezu kwako konke, thembela ngoncedo lukaThixo olufumaneka ngomthandazo.—Filipi 4:6, 7, 13.
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
UThixo ubuthiyile ubunxila, ubusela, ukungcakaza nezenzo zogonyamelo