IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • gf isifu. 14 iphe. 22-23
  • Abahlobo BakaThixo Bayakuphepha Okubi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abahlobo BakaThixo Bayakuphepha Okubi
  • Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Izenzo Azithiyileyo UThixo
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sikholise UThixo?
    Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Icandelo 13
    Mamela UThixo
  • “Kukho Ixesha Lokuthanda Nexesha Lokuthiya”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
gf isifu. 14 iphe. 22-23

ISIFUNDO 14

Abahlobo BakaThixo Bayakuphepha Okubi

USathana ulinga abantu ukuba benze izinto ezimbi. Umntu ofuna ukuba ngumhlobo kaThixo kufuneka akuthiye oko uYehova akuthiyileyo. (INdumiso 97:10) Ezi zezinye zezinto abahlobo bakaThixo abaziphephayo:

Ezinye izinto azicaphukelayo uThixo kukuziphatha kakubi ngesondo, ukunxila, ukukhupha isisu, ubusela, ukungakwazi ukuwubamba umsindo nokungcakaza

Izono zeentlobano zesini. “Uze ungakrexezi.” (Eksodus 20:14) Nokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato kuphosakele.​—1 Korinte 6:18.

Ukunxila. ‘Amanxila akayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’​—1 Korinte 6:10.

Ukubulala, Ukuqhomfa. “Uze ungabulali.”​—Eksodus 20:13.

Ubusela. “Uze ungebi.”​—Eksodus 20:15.

Ukuxoka. UYehova uluthiyile ‘ulwimi oluxokayo.’​—IMizekeliso 6:17.

Ugonyamelo Nomsindo Ongalawulekiyo. “[UYehova] umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) “Imisebenzi yenyama [iquka] . . . ukugqajukelwa yimisindo.”—Galati 5:19, 20.

Ukungcakaza. “Niyeke ukunxulumana naye nabani na . . . umntu obawayo.”—1 Korinte 5:11.

Intiyo Yobuhlanga. “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.”—Mateyu 5:43, 44.

Izinto asixelela zona uThixo ziba yingenelo kuthi. Akusoloko kulula ukuphepha ukwenza izinto ezimbi. Ngoncedo lukaYehova nangoncedo lwamaNgqina akhe, unokukuphepha ukwenza izinto ezingamkholisiyo uThixo.—Isaya 48:17; Filipi 4:13; Hebhere 10:24, 25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share