Ithemba Elikhethekileyo!
“Wonk’ ubani ophilayo aze aqhelisele ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.”—YOHANE 11:26.
XA IZIGIDI zabantu zivusiwe, aziyi kubuyiselwa kumhlaba othe bhe. (IZenzo 24:15) Ziya kuvuselwa kumhlaba omhle yaye ziya kuba namakhaya, impahla, kunye nentabalala yokudla okulungiselelwe zona. Ngubani oza kulungisa zonke ezi zinto? Lizicacele elokuba, abantu baya kuphila kwihlabathi elitsha ngaphambi kokuba uvuko luqalise. Kodwa ngoobani abo?
2 Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto.a (2 Timoti 3:1) Kungekudala, uYehova uThixo uza kungenelela kwiimeko zabantu aze atshayele ubungendawo emhlabeni. (INdumiso 37:10, 11; IMizekeliso 2:21, 22) Ngelo xesha, kuya kwenzeka ntoni kwabo bakhonza uThixo ngokuthembeka?
3 UYehova akayi kutshabalalisa amalungisa nabangendawo. (INdumiso 145:20) Akakaze ayenze into elolo hlobo, yaye akayi kuyenza naxa esusa ububi emhlabeni. (Thelekisa iGenesis 18:22, 23, 26.) Enyanisweni, incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithetha ‘ngesihlwele esikhulu, ekungekho mntu ukwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi,’ siphuma ‘embandezelweni enkulu.’ (ISityhilelo 7:9-14) Ewe, indimbane yabantu iya kusinda kwimbandezelo enkulu eya kuqukumbela le nkqubo yezinto, yaye iya kungena kwilizwe elitsha likaThixo. Apho, abantu abathobelayo banokungenelwa ngokupheleleyo kwilungiselelo likaThixo lokukhulula abantu kwisono nokufa. (ISityhilelo 22:1, 2) Ngaloo ndlela, “isihlwele esikhulu” akuyomfuneko ukuba sife kuqala. Elinjani lona ukukhetheka ithemba!
4 Ngaba singaqamela ngeli themba likhetheke ngolu hlobo? Ngokuqinisekileyo! UYesu Kristu wabonisa ukuba kuya kubakho ixesha apho abantu baya kuphila bangafi. Kanye ngaphambi kokuvusa umhlobo wakhe uLazaro, uYesu waxelela uMarta oku: “Wonk’ ubani ophilayo aze aqhelisele ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.”—Yohane 11:26.
Nawe Unokuphila Ngonaphakade
5 Ngaba uyafuna ukuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni? Ngaba ulangazelela ukuphinda ubone abantu obathandayo kwakhona? Ngoko umele ungenise ulwazi oluchanileyo ngokuthanda kukaThixo neenjongo zakhe. Xa wayethandaza kuThixo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumeleyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
6 Kukuthanda kukaThixo ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:3, 4) Eli lixesha lokuba wena ndawonye nezigidi zabanye esele zisenza ukuthanda kukaThixo, ufunde indlela onokuphila ngayo ngonaphakade eParadesi esemhlabeni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ufunde okungakumbi ngoThixo nezinto azifunayo. Kutheni ungadibani nawo kwiHolo yoBukumkani ekufutshane nawe okanye ubhalele kwikhelingi ekufutshane ekwiphepha elilandelayo?
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, iphepha 98-107, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Imibuzo YeSifundo]
1. Izigidi ezifileyo ngoku ziya kuvuselwa kwindawo enjani?
2-4. Liliphi ithemba elikhethekileyo abajonge kulo abaphila kule ‘mihla yokugqibela’?
5, 6. Ukuba ufuna ukuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni, yintoni ofanele uyenze?
[Umfanekiso okwiphepha 31]
“Isihlwele esikhulu” akuyomfuneko ukuba sife kuqala