Isahluko 11
Le Yimihla Yokugqibela!
1. Kutheni abaninzi beziva bedidekile xa becinga ngeemeko ezisehlabathini, kodwa inokufunyanwa phi ingcaciso enokuthenjwa yezinto ezenzekayo ehlabathini?
KWENZEKA njani ukuba eli hlabathi lethu lizaliswe ziziphithiphithi libe nje? Sisinge phi? Ngaba wakha wayibuza imibuzo enjalo? Abaninzi baziva bedidekile xa bejonga iimeko zehlabathi. Izinto ezenzeka ngokwenene ezinjengeemfazwe, izifo nolwaphulo-mthetho zibashiya abantu bengazi ukuba ikamva liya kuba njani na. Iinkokeli zoorhulumente azinikeli themba libhekele phi. Noko ke, inkcazelo enokuthenjwa yale mihla inamanzithinzithi iyafumaneka eLizwini likaThixo. Ngendlela enokuthenjwa iBhayibhile isinceda sibone ukuba sindawoni na kumsinga wexesha. Isibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo ikhoyo yezinto.—2 Timoti 3:1.
2. UYesu wabuzwa umbuzo othini ngabafundi bakhe, ibe waphendula wathini?
2 Ngokomzekelo, khawuqwalasele impendulo uYesu awayinikelayo kweminye yemibuzo yabafundi bakhe. Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokuba uYesu afe, bambuza: “Uya kuba yini na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwale nkqubo yezinto?”a (Mateyu 24:3, thelekisa iNW.) Ephendula, uYesu wabaxelela ngeziganeko ezithile neemeko ezaziya kuphawula ngokucacileyo ukuba le nkqubo ingahloneli Thixo ikwimihla yayo yokugqibela.
3. Yintoni eyabangela iimeko zambi ngakumbi emhlabeni ekuqaliseni kukaYesu ukulawula?
3 Njengokuba kubonisiwe kwisahluko esandulelayo, ubalo-maxesha lweBhayibhile lukhokelela kwisigqibo sokuba uBukumkani bukaThixo sele buqalisile ukulawula. Kodwa kunokwenzeka njani oko? Iimeko zimbi ngakumbi, azikho bhetele. Eneneni, lo ngumqondiso onamandla wokuba uBukumkani bukaThixo sele buqalisile ukulawula. Ngoba? Kaloku, INdumiso 110:2 isixelela ukuba okwethuba elithile uYesu wayeya kulawula ‘phakathi kweentshaba zakhe.’ Eneneni, isenzo sakhe sokuqala njengoKumkani wasezulwini yayikukulahlela uSathana nezithunywa zakhe eziziidemon kummandla womhlaba. (ISityhilelo 12:9) Waba yintoni umphumo? Waba koko kanye kwaxelwa kwangaphambili kwiSityhilelo 12:12: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! Ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” Ngoku siphila kwelo ‘xesha lincinane.’
4. Ziziphi ezinye zeenkalo zemihla yokugqibela, ibe zibonisa ntoni? (Bona ibhokisi.)
4 Ngoko ke, akumangalisi ukuba xa uYesu wabuzwa ukuba wawuya kuba yini na umqondiso wobukho bakhe nowokupheliswa kwale nkqubo yezinto, impendulo yakhe yayisothusa. Iinxalenye ezahlukahlukeneyo zaloo mqondiso zifumaneka kwibhokisi ekwiphepha 102. Njengoko usenokubona, umpostile ongumKristu uPawulos, uPetros noYohane basinika iinkcukacha ezingakumbi ngokuphathelele imihla yokugqibela. Liyinyaniso elokuba, iinkalo ezininzi zomqondiso wemihla yokugqibela zibandakanya iimeko ezinxunguphalisayo. Sekunjalo, ukuzaliseka kwezi ziprofeto kufanele kusiqinisekise ukuba le nkqubo ingendawo isondela esiphelweni sayo. Makhe sikhangele ngokusondeleyo kwezinye zeenkalo eziphambili zale mihla yokugqibela.
IINKALO ZEMIHLA YOKUGQIBELA
5, 6. Zizaliseka njani iziprofeto ezingemfazwe nendlala?
5 “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.” (Mateyu 24:7; ISityhilelo 6:4) Umbhali uErnest Hemingway wabiza iMfazwe Yehlabathi I ngokuthi “kukubulawa ngobugwinta kwabona bantu baninzi kwakha kwenzeka emhlabeni.” Ngokutsho kwencwadi ethi The World in the Crucible—1914-1919, le “yayiyimfazwe yokuqala yohlobo lwayo, imfazwe yokuqala epheleleyo abakha bayibona abantu. Ubude, inkohlakalo, nomkhamo wayo waba ngaphezu kwayo nayiphi na eyayisaziwa ngaphambili okanye abantu abaninzi ababeyilindele.” Kwandula ke kwalandela iMfazwe Yehlabathi II, eyangqineka itshabalalisa ngaphezu kweMfazwe Yehlabathi I. Injingalwazi yezembali uHugh Thomas uthi: “Eyona nto ibibalasele kule nkulungwane yamashumi amabini ibingoombayimbayi, iinqwelo zokulwa ezinkulu, iinqwelo-moya ezineziqhushumbisi ii-B-52, ibhombu yenyukliya yaye, ekugqibeleni, imijukujelwa. Ibibalasele ngeemfazwe ekuye kwaphalala izantyalantyala zegazi kuzo zaza zenza umonakalo ngaphezu kwazo naziphi na kwiinkulungwane zangaphambili.” Liyinyaniso elokuba kuninzi okwathethwa ngokuncitshiswa kwezixhobo emva kokuphela kweMfazwe Yomlomo. Ukanti, enye ingxelo iqikelela ukuba emva kokuba zincitshisiwe ebekuvunyelenwe ngazo kuya kusala iintolo zemijukujelwa yenyukliya ezimalunga ne-10 000 ukusa kuma-20 000—eziziphinda ngaphezu kwezihlandlo ezingama-900 ezo zasetyenziswa ebudeni beMfazwe Yehlabathi II.
6 “Kuya kubakho iindlala [“ukunqongophala kokutya,” NW].” (Mateyu 24:7; ISityhilelo 6:5, 6, 8) Ukususela ngowe-1914 kuye kwakho ubuncinane iindlala ezinkulu ezingama-20. Kwimimandla eye yachaphazeleka singabala iBangladesh, iBurundi, iEthiopia, iGrisi, i-Indiya, iKhambodiya, iNigeria, iRashiya, iRwanda, iSomalia, iSudan, neTshayina. Kodwa indlala ayisoloko ibangelwa kukunqongophala kokutya. Iqela lezazinzulu ngezolimo nezazi ngezoqoqosho lagqiba kwelokuba, “ukutya okuye kwaveliswa ehlabathini lonke kumashumi eminyaka akutshanje kuye kwanda ngokukhawuleza kunabemi bomhlaba. Kodwa ngenxa yokuba ubuncinane abantu abazizigidi ezingama-800 besengamahlwempu ngendlela engathethekiyo, . . . abakwazi kuthenga ukutya okwaneleyo kuloo ntabalala ukuze baphelise ukungondleki okungapheliyo.” Kwezinye iimeko kubandakanyeka ukugxuphuleka kwezobupolitika. UGqr. Abdelgalil Elmekki weYunivesithi yaseToronto ucaphula imizekelo emibini apho amawaka alambayo ngoxa amazwe awo ethumela ukutya okuninzi kwamanye amazwe. Aba rhulumente babebonakala bexhalabele ukungenisa imali evela kumazwe angaphandle ukuze baxhase iimfazwe zabo kunokondla abemi babo. Wagqiba kwelithini uGqr. Elmekki? Ngokufuthi indlala “ibangelwa yindlela ekwabiwa ngayo nemithetho karhulumente.”
7. Ziziphi izibakala ezingezifo namhlanje?
7 ‘Iindyikitya zokufa.’ (Luka 21:11; ISityhilelo 6:8) UMbathalala we-1918-19 wabulala ubuncinane izigidi ezingama-21 zabantu. Ebhala kwiThe Great Epidemic uA. A. Hoehling uthi: “Ihlabathi alikaze embalini lidlavulwe ngumbulali owatshabalalisa abantu abaninzi kangako ngokukhawuleza kangako.” Namhlanje, iindyikitya zezifo zisagquba. Nyaka ngamnye, umhlaza ubulala izigidi ezihlanu zabantu, izifo ezinxulumene nesifo sorhudo zibulala iimveku nabantwana abangaphezu kwezigidi ezithathu, yaye isifo sephepha sibulala izigidi ezithathu. Izifo zamalungu okuphefumla, ngokuyintloko inyumoniya, ngonyaka zibulala abantwana abazizigidi ezisisi-3,5 abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala. Yaye inani elothusayo lamawaka ezigidi ezisisi-2,5—isiqingatha sabemi bomhlaba—ligula zizifo ezibangelwa kukungabi namanzi aneleyo okanye ukusebenzisa angcolileyo nokunganyanyekelwa kakuhle kwenkqubo yogutyulo. UGawulayo usikhumbuza ngokubhekele phaya ukuba umntu, phezu kwako nje konke akufezileyo kwezonyango, akakwazi ukuziphelisa iindyikitya zokufa.
8. Abantu bazingqina njani ‘bengabathandi bemali’?
8 ‘Abantu baya kuba ngabathandi bemali.’ (2 Timoti 3:2) Emazweni asehlabathini lonke, abantu babonakala benganeliseki bubutyebi. Ngokufuthi “impumelelo” ijongwa ngemali ubani ayamkelayo, “oko akufezileyo” kujongwa ngoko ubani anako. Usekela-mongameli wenkampani yezibhengezo wathi: “Ukuthanda izinto eziphathekayo kuya kuqhubeka kuyenye yezinto eziqhuba abantu baseMerika . . . yaye impembelelo yako iya kuqhubeka isanda nakwamanye amazwe.” Ngaba oku kuyenzeka kwindawo ohlala kuyo?
9. Kunokuthiwani ngokungeviwa kwabazali okwaxelwa kwangaphambili?
9 “Abangeva bazali.” (2 Timoti 3:2) Abazali, abafundisi-ntsapho nabanye abaninzi namhlanje banobungqina bokuzibonela ukuba abantwana abaninzi abanantlonelo yaye abeva. Bambi kolu lutsha baziphatha ngale ndlela ngenxa yokungaziphathi kakuhle kwabazali babo okanye kuba belinganisa bona. Inani elandayo labantwana alisenantembelo—yaye liyavukela—esikolweni, kwimithetho, kunqulo, nakubazali balo. Elinye igqala lomfundisi-ntsapho lithi, “ubukhulu becala abanantlonelo kangako nangantoni na.” Noko ke, okuvuyisayo kukuba abantwana abaninzi aboyika uThixo bangumzekelo ngokuziphatha.
10, 11. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba abantu banobundlobongela yaye abanawo umsa wemvelo?
10 “Iindlobongela.” (2 Timoti 3:3, NW) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “iindlobongela” lithetha ‘ubundlongondlongo, ukuba nobulwanyana, ukungabi nalo uvelwano lwabantu.’ Hayi indlela oku okubafanela ngayo abaphembi bogonyamelo abaninzi namhlanje! Elinye inqaku lomhleli lathi: “Ubomi buneengozi, buzaliswe zizenzo ezihambis’ umzimba zophalazo-gazi kangangokuba umele uginye ilitye ukuze ufunde iindaba zamihla le.” Enye isajini yamapolisa alinda isakhiwo esinamagumbi aqeshisayo yaphawula ukuba ulutsha oluninzi alucingi ngemiphumo yezenzo zalo. Yathi: “Kukho imvakalelo yokuba, ‘Ingomso alaziwa mntu. Ndiza kufumana oko ndikufunayo namhlanje.’”
11 “Bengenawo umsa wemvelo.” (2 Timoti 3:3, NW) Eli binzana liguqulelwe kwigama lesiGrike elithetha “ukungabi nazimvakalelo, ukungabi nabuntu” nelithetha “ukungabi nawo umsa wokwemvelo, wentsapho.” (The New International Dictionary of New Testament Theology) Ewe, ngokufuthi umsa awubikho kweyona ndawo ubumele ukuba uyintabalala kuyo—ekhaya. Iingxelo zokuxhatshazwa kwamaqabane omtshato, abantwana, kwanabazali abakhulileyo ziqheleke ngendlela engathandekiyo. Elinye iqela elalisenza uphando lathi: “Ugonyamelo lwabantu—enokuba yimpama okanye ukutyhala, ukuhlaba okanye ukudubula—luxhaphake kakhulu kwisangqa sentsapho kunakuyo nayiphi na enye indawo kwibutho lethu.”
12. Kutheni kunokuthiwa abantu banokumila kokuhlonela uThixo nje kuphela?
12 “Benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako.” (2 Timoti 3:5) IBhayibhile inamandla okuguqula ubomi bube bobulunge ngakumbi. (Efese 4:22-24) Kodwa, abaninzi namhlanje basebenzisa unqulo lwabo njengesigqubuthelo sokwenza izenzo ezingabonisi bulungisa ezingamkholisiyo uThixo. Ukuxoka, ukuba, nokuziphatha kakubi ngokwesini ngokufuthi kuyakhuthazwa ziinkokeli zonqulo. Iinkonzo ezininzi zishumayela uthando kodwa zixhasa imfazwe. Inqaku lomhleli kwiphephancwadi i-India Today lathi: “Egameni loMdali oPhakamileyo abantu baye benza izenzo zenkohlakalo ezihlasimlisayo kwezinye izidalwa.” Eneneni, ezona mfazwe kwaphalala igazi elininzi kuzo kumaxesha akutshanje—iMfazwe Yehlabathi I neyesi-II—zaqalisa phakathi kwiNgqobhoko.
13. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba umhlaba uyonakaliswa?
13 ‘Ukonakalisa umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Izazinzulu ezingaphezu kwe-1 600, kuquka abantu abali-104 abafumana imbasa kaNobel, zisuka ehlabathini lonke zaxhasa isilumkiso, esakhutshwa luManyano Lwezazinzulu Ezixhalabileyo (UCS [Union of Concerned Scientists]), esasisithi: “Kuza kubakho ungquzulwano phakathi kwabantu nemvelo. . . . Ngamashumi eminyaka ambalwa kuphela esisenawo ukuba singayilungisa le meko.” Le ngxelo yathi izenzo zabantu ezisongela ubomi “zinokuliguqula ihlabathi kangangokuba lingakwazi ukuxhasa ubomi ngendlela esazi ngayo.” Ukutshatyalaliswa kwe-ozone, ukungcoliswa kwamanzi, ukuphela kwamahlathi, ukuphela kwamandla omhlaba okuvelisa, nokuphela kwezilwanyana nezityalo ezininzi kwacatshulwa njengeengxaki ezingxamisekileyo ezimele zilungiswe. I-UCS yathi: “Ukuphazamisa kwethu uthungelwano lobomi, kunokuba nemiphumo esasazekileyo, kuquka ukuwohloka kwenkqubo yezinto eziphilayo esingayiqondi ngokugqibeleleyo ukuba isebenza njani.”
14. Unokungqina njani ukuba uMateyu 24:14 uyazaliseka kulo mhla wethu?
14 “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela.” (Mateyu 24:14) UYesu waxela kwangaphambili ukuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani zaziya kushunyayelwa emhlabeni wonke, ukuze zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga. Ngoncedo nentsikelelo kaThixo, izigidi zamaNgqina kaYehova zinikela amawaka ezigidi zeeyure kulo msebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Ewe, amaNgqina ayaqonda ukuba aya kuba netyala legazi ukuba akazivakalisi iindaba ezilungileyo. (Hezekile 3:18, 19) Kodwa ayavuya kuba nyaka ngamnye ngombulelo amawaka ayasabela kwisigidimi soBukumkani aze eme njengamaKristu okwenyaniso, oko kukuthi, amaNgqina kaYehova. Kulilungelo elingathethekiyo ukukhonza uYehova uze ngaloo ndlela usasaze ulwazi ngoThixo. Yaye emva kokuba ezi ndaba zilungileyo zishunyayelwe kulo elimiweyo liphela, le nkqubo ingendawo iya kuphela.
SABELA KUBUNGQINA
15. Iya kuphela njani le nkqubo ingendawo ikhoyo?
15 Iya kuphela njani le nkqubo? IBhayibhile isixelela kwangaphambili ‘ngembandezelo enkulu’ eya kuqalisa ngokuthi ezobupolitika zeli hlabathi zihlasele “iBhabheli Enkulu,” ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (Mateyu 24:21; ISityhilelo 17:5, 16) UYesu wathi ngeli xesha ‘ilanga laliya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.’ (Mateyu 24:29) Oku kusenokubonisa into eya kwenzeka esibhakabhakeni ngokoqobo. Nokuba imeko iyintoni na, izikhanyiso zonqulo lweli hlabathi ziya kubhencwa zize zitshatyalaliswe. Uya kwandula ke uSathana, obizwa ngokuba ‘nguGogi wasezweni lakwaMagogi,’ asebenzise abantu abakhohlakeleyo ukuba bahlasele ngolunya abantu bakaYehova. Kodwa uSathana akayi kuphumelela, kuba uThixo uya kubahlangula. (Hezekile 38:1, 2, 14-23) “Imbandezelo enkulu” iya kufikelela incopho yayo eArmagedon, ‘imfazwe yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.’ Iya kutshayela yonke imizila yentlangano kaSathana yasemhlabeni, ize ivule indlela yokuba iintsikelelo ezingapheliyo zimpompozele uluntu olusindileyo.—ISityhilelo 7:9, 14; 11:15; 16:14, 16; 21:3, 4.
16. Sazi njani ukuba iinkalo ekwaprofetwa ngazo zemihla yokugqibela zisebenza kwixesha lethu?
16 Xa zijongwa njengokuba zinjalo, iinkalo ezithile zeziprofeto ezichaza imihla yokugqibela zisenokubonakala zisebenza kwamanye amaxesha embali. Kodwa xa buhlanganisiwe, ubungqina obanikelwa ngeziprofeto balatha kulo mhla wethu. Ngokomzekelo: Imigca eyenza imizila yesithupha yomntu othile yakheke ngendlela engenakufana neyomnye umntu. Ngokufanayo, imihla yokugqibela ineempawu, okanye iziganeko, ezenzeke kuyo kuphela. Ezi ziyila “imizila yesithupha” engenakuba yeyalo naliphi na elinye ixesha. Xa obu bungqina buqwalaselwa kunye nemiqondiso eseBhayibhileni yokuba uBukumkani bukaThixo basezulwini buyalawula ngoku, bunikela isiseko esomeleleyo sokugqiba kwelokuba le ngokwenene yimihla yokugqibela. Ngaphezu koko, kukho ubungqina obucacileyo eZibhalweni bokuba le nkqubo ikhoyo ingendawo iza kutshatyalaliswa kungekudala.
17. Ukwazi ukuba le yimihla yokugqibela kufanele kusishukumisele ekubeni senze ntoni?
17 Uya kusabela njani kubungqina bokuba le yimihla yokugqibela? Khawuqwalasele oku: Ukuba kuza isichotho esitshabalalisayo, sizama ukuzikhusela ngaphandle kokulibazisa. Kaloku, oko iBhayibhile ikuxela kusengaphambili ngale nkqubo ikhoyo kufanele kusishukumisele ekubeni senze okuthile. (Mateyu 16:1-3) Sinokubona ngokucacileyo ukuba siphila kwimihla yokugqibela yale nkqubo yehlabathi. Oku kufanele kusishukumisele ekubeni senze naziphi na iinguqulelo eziyimfuneko ukuze sizuze inkoliseko kaThixo. (2 Petros 3:3, 10-12) Ezichaza njengembangi yosindiso, uYesu uhlab’ ikhwelo ngokungxamisekileyo esithi: “Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo. Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke. Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu.”—Luka 21:34-36.
[Imibhalo esemazantsi]
a Zimbi iiBhayibhile zisebenzisa igama “ihlabathi” endaweni yelithi “inkqubo yezinto.” IExpository Dictionary of New Testament Words kaW. E. Vine ithi igama lesiGrike elithi ai·onʹ “libonisa ithuba elingasikelwe mda, okanye ixesha elijongwa ngokuhlobene noko kwenzekayo ebudeni belo thuba.” IGreek and English Lexicon to the New Testament kaParkhurst (iphepha 17) iquka ibinzana elithi “le nkqubo yezinto” xa ixubusha ngokusetyenziswa kwelithi ai·oʹnes (isininzi) kumaHebhere 1:2. Ngoko inguqulelo ethi “inkqubo yezinto” iyavisisana nombhalo wesiGrike wantlandlolo.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Yintoni eyaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni ngezinto eziya kwenzeka ehlabathini ekuqaliseni kolawulo lukaKristu?
Ziziphi ezinye zeenkalo zemihla yokugqibela?
Yintoni ekwenza weyiseke ukuba le yimihla yokugqibela?
[Ibhokisi ekwiphepha 102]
EZINYE ZEENKALO ZEMIHLA YOKUGQIBELA
• Imfazwe engazange ibonwe.—Mateyu 24:7; ISityhilelo 6:4.
• Indlala.—Mateyu 24:7; ISityhilelo 6:5, 6, 8.
• Izifo.—Luka 21:11; ISityhilelo 6:8.
• Ukwanda kolwaphulo-mthetho.—Mateyu 24:12.
• Ukonakaliswa komhlaba.—ISityhilelo 11:18.
• Iinyikima.—Mateyu 24:7.
• Amaxesha anomngcipheko ekunzima ukuhlangabezana nawo. —2 Timoti 3:1, NW.
• Ukuthandwa ngokugqithisileyo kwemali.—2 Timoti 3:2.
• Ukungeva abazali.—2 Timoti 3:2.
• Ukungabikho komsa wemvelo.—2 Timoti 3:3, NW.
• Ukuthanda iziyolo kunoThixo.—2 Timoti 3:4.
• Ukungabikho kokuzeyisa.—2 Timoti 3:3.
• Ukungathandi ukulunga.—2 Timoti 3:3.
• Ukungazikhathazi ngengozi ezayo.—Mateyu 24:39.
• Abagxeki bekhanyela ubungqina bemihla yokugqibela. —2 Petros 3:3, 4.
• Ukushunyayelwa koBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke. —Mateyu 24:14.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 101]