Isahluko Sesihlanu
Ukholo Lwabo Lwamelana Novavanyo
1. Abaninzi bavakalelwa njani ngokuzinikela kuThixo nakwilizwe labo?
NGABA ufanele uzinikele kuThixo okanye kwilizwe ohlala kulo? Abaninzi bebeya kuphendula ngelithi, ‘Mna ndizinikele kuzo zombini. UThixo ndimnqula ngendlela inkonzo yam endiyalela ngayo; ukanti ndithembeke ngokupheleleyo kwilizwe lam.’
2. Ukumkani waseBhabhiloni wayengummeli ophambili njani kunqulo nakwezobupolitika?
2 Umda ophakathi kokuzinikela kunqulo nokuthanda izwe usenokubonakala umfiliba kule mihla, kodwa wawungekho kwaukubakho kwiBhabhiloni yamandulo. Kaloku, izinto zelizwe nezonqulo zaziphixene kangangokuba maxa wambi kwakuba nzima ukuzahlula. UNjingalwazi Charles F. Pfeiffer ubhala esithi: “KwiBhabhiloni yamandulo, ukumkani wayesiba nguMbingeleli Omkhulu aze aphinde abe ngumlawuli welizwe. Wayenyusa amadini aze enze izigqibo ngezinto eziphathelele unqulo lwabantu bakhe.”
3. Yintoni ebonisa ukuba uNebhukadenetsare wayeluthand’ egazini unqulo?
3 Khawucinge ngoKumkani uNebhukadenetsare. Kwaigama eli lakhe lithetha ukuthi “Owu Nebo, Khusela INdlalifa!” UNebo lo yayinguthixo wobulumko nezolimo waseBhabhiloni. UNebhukadenetsare wayeluthand’ egazini unqulo. Njengoko kubonisiwe ngaphambilana, wakha waza wahombisa iitempile zoothixo abaninzi baseBhabhiloni ibe wayemzondelele ngokukhethekileyo uMarduk, awayevakalelwa kukuba nguye owenza umkhosi wakhe woyise.a Ibe kuyabonakala ukuba uNebhukadenetsare wayethembele kwizanuse ukuba zimnike amacebo okulwa edabini.—Hezekile 21:18-23.
4. Khawuchaze umoya wonqulo waseBhabhiloni.
4 Enyanisweni, unqulo lwaluyimpilo yeBhabhiloni iphela. Esi sixeko sasineetempile ezingaphezu kwama-50, ekwakunqulwa kuzo intarhantarha yoothixo noothixokazi, kuquka ubathathu emnye oyilwe nguAnu (uthixo wesibhakabhaka), uEnlil (uthixo womhlaba, umoya noqhwithela), noEa (uthixo wamanzi). Omnye ubathathu emnye wayeyilwe nguSin (uthixo wenyanga), uShamash (uthixo welanga) noIshtar (uthixokazi wenzala). Ubugqi, ukukhafula nokuvumisa ngeenkwenkwezi zazitshotsha phambili kunqulo lwaseBhabhiloni.
5. Luluphi ucelomngeni olweziswa yimeko yonqulo yaseBhabhiloni kubathinjwa abangamaYuda?
5 Ukuphila nabantu ababenqula oothixo abaninzi kwaba lucelomngeni olukhulu gqitha kubathinjwa abangamaYuda. Kwiinkulungwane ezithile ngaphambilana, uMoses wayelumkise amaSirayeli ngeemeko ezingaginyekiyo ukuba ayenokuvukela uMniki-mthetho Owongamileyo. UMoses wawaxelela oku: “UYehova wokusa wena nokumkani wakho oya kummisa phezu kwakho kuhlanga ongalwaziyo, wena nookhokho bakho; wokhonza khona thixo bambi, abenziwe ngomthi namatye.”—Duteronomi 28:15, 36.
6. Kutheni ukuhlala eBhabhiloni kwaba lucelomngeni ngokukhethekileyo kuDaniyeli, uHananiya, uMishayeli noAzariya?
6 Ngoku amaYuda azifumana sele ekuloo ngxaki kanye. Ukugcina ingqibelelo kuYehova kwakuza kuba nzima, ngokukodwa kuDaniyeli, uHananiya, uMishayeli noAzariya. La maHebhere mane aselula ayenyulwe ngokukhethekileyo ukuze afundele inkonzo yaseburhulumenteni. (Daniyeli 1:3-5) Ukhumbule ke ukuba ayede athiywa namagama aseBhabhiloni—uBheleteshatsare, uShadraki, uMeshaki noAbhednego—ngokunokwenzeka ephenjelelwa ukuba aphile ngokweli khaya lawo litsha.b Amaqhuzu awayewabambile la madoda ayeza kwenza ukuba ukungavumi kwawo ukunqula oothixo belo lizwe kutsale amehlo—de kubonakale ikukubhukuqa urhulumente.
UMFANEKISO WEGOLIDE USISISONGELO
7. (a) Chaza umfanekiso owamiswa nguNebhukadenetsare. (b) Yayiyintoni injongo yokumiswa kwalo mfanekiso?
7 Kuyabonakala ukuba uNebhukadenetsare wamisa umfanekiso wegolide kwithafa laseDura ngelizama ukwenza ubukhosi bakhe bube yimbumba yamanyama. Wawuziikubhite ezingama-60 ukuphakama (iimitha ezingama-27) neekubhite ezi-6 (iimitha ezisisi-2,7) ububanzi.c Bambi bacinga ukuba loo mfanekiso wawuyintsika nje, okanye ibhakana. Isenokuba yayinesiseko esiphakame gqitha ekwakumi kuso umfanekiso ofana nowomntu, mhlawumbi owawumela uNebhukadenetsare ngokwakhe okanye uthixo uNebo. Enoba wawunjani na, lo mfanekiso ungurhec’ izulu wawufuzisela uBukhosi baseBhabhiloni. Ngenxa yoko, wawenzelwe ukuba ubonwe uze unqulwe.—Daniyeli 3:1.
8. (a) Ngoobani ababizwayo xa kwakunikezelwa lo mfanekiso, ibe yintoni ekwakufuneka bayenze bonke ababekho? (b) Sasiyintoni isohlwayo sokungavumi ukuqubuda kuloo mfanekiso?
8 Ngesizathu esiqondakalayo, uNebhukadenetsare wenza umbhiyozo wokuwunikezela. Wahlanganisa amabamba, abathetheli, iirhuluneli, abacebisi, oonondyebo, abagwebi, abaqondisi-mthetho bakhe nabo bonke abalawuli bezithili ezilawulwayo. Ummemezi wathi: “Kuthiwa kuni zizwana, nani zintlanga, neelwimi, xa nithe neva isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesempempe enengxowa, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo, yiwani phantsi ninqule umfanekiso wegolide awumisileyo uNebhukadenetsare ukumkani. Nabani na ongawanga phantsi, anqule, uya kuphoswa ngawo loo mzuzu ezikweni elivutha umlilo.”—Daniyeli 3:2-6.
9. Kwakuya kuthetha ntoni kanye kanye ukuqubuda kumfanekiso owawumiselwe nguNebhukadenetsare?
9 Bambi bathi esenza lo mbhiyozo nje uNebhukadenetsare wayenyeke ukunyanzela amaYuda ukuba alalanise ekunquleni uYehova. Kodwa ke kusenokwenzeka ukuba kwakungenjalo, kuba kaloku yayingamagosa aseburhulumenteni kuphela awabizelwa kwesi sisusa. Ngaloo ndlela, ekuphela kwamaYuda awayeza kubakho yayingalawo asebenza kwizikhundla zaseburhulumenteni. Ngoko, lizicacele elokuba ukuqubuda kulo mfanekiso kwakungumbhiyozo owawenzelwe ukomeleza intembeko yabo babelawula. Umphengululi uJohn F. Walvoord uthi: “Ukubonisa kwakhe ngamagosa kwelinye icala yayiyimbonakaliso yamandla obukhosi bukaNebhukadenetsare eyayimshiya kuthe ngco ngaphakathi ngoxa kwelinye icala yayikukubonakalisa uxabiso ngezithixo ababecinga ukuba zazibangele uloyiso lwabo.”
ABAKHONZI BAKAYEHOVA ABAVUMI KULALANISA
10. Kutheni abangengomaYuda babengayi kuba nangxaki ekuthobeleni umyalelo kaNebhukadenetsare?
10 Nangona yayizinikele koothixo bayo abahlukeneyo, inkoliso yabo babehlanganisene phambi komfanekiso kaNebhukadenetsare ayizange ibone nto ityhulu ekuwunquleni. Omnye umphengululi weBhayibhile wachaza esithi: “Bonke babengumgub’ engxow’ enye xa kufikwa ekunquleni izithixo, yaye ukunqula uthixo othile kwakungathethi kuthi akanakumnqula omnye.” Wahlabela mgama esithi: “Oku kwakuvisisana neembono ezazesamele zabanquli bezithixo zokuba kukho oothixo abaninzi . . . nokuba kwakungekho nto ixhomis’ amehlo ngokuzinikela kuthixo wabanye abantu okanye wasemzini.”
11. Yintoni eyenza uShadraki, uMeshaki noAbhednego bangavumi ukuqubuda kuloo mfanekiso?
11 Noko ke, amaYuda ayengatshayi ngaloo nqawa wona. UThixo wawo uYehova wayewayalele esithi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.” (Eksodus 20:4, 5) Ngoko ke, kwathi kwakuqalisa umculo, baqubuda kuloo mfanekiso abo babehlanganisene, la maHebhere mathathu—uShadraki, uMeshaki noAbhednego—aqhubeka emile.—Daniyeli 3:7.
12. Yintoni le amaKhaledi athile awamangalela ngayo amaHebhere amathathu, yaye kwakutheni?
12 Ukungavumi ukuqubuda kwamagosa amathathu angamaHebhere kuloo mfanekiso kwawaphath’ emanyeni amaKhaledi athile. Aya sele ephala kukumkani eye ‘kumangalela amaYuda.’d Ayengasafuni nokuva. Befuna la maHebhere ohlwaywe ngenxa yokunganyaniseki kukumkani, oondimangele bathi: “Kukho maYuda athile owamiseleyo ukuba alawule iphondo laseBhabhiloni, uShadraki, uMeshaki noAbhednego; la madoda omeleleyo akakunanzanga wena, kumkani, akabakhonzi oothixo bakho, nomfanekiso wegolide owumisileyo akawunquli.”—Daniyeli 3:8-12.
13, 14. Wasabela njani uNebhukadenetsare kwikhondo elathatyathwa nguShadraki, uMeshaki noAbhednego?
13 Hayi indlela amele ukuba wadana ngayo uNebhukadenetsare ngenxa yokuba la maHebhere mathathu engazange awuthobele umyalelo wakhe! Kwakucacile ukuba wayekatyile kwimizamo yakhe yokuguqula uShadraki, uMeshaki noAbhednego ukuze babe ngabameli abanyanisekileyo boBukhosi bamaBhabhiloni. Kanti akazange abafundise ngobulumko bamaKhaledi na? Kaloku, wada wabathiya amanye amagama! Kodwa ukuba uNebhukadenetsare wayecinga ukuba imfundo enomsila yayiya kubafundisa unqulo olutsha okanye ukubathiya amanye amagama kwakuya kubenza babe ngabanye abantu, wayetsho phantsi kwaqhum’ uthuli. UShadraki, uMeshaki noAbhednego bahlala bengabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo.
14 UKumkani uNebhukadenetsare wayelugcala-gcala ngumsindo. Engaphozisanga maseko, wabiza uShadraki, uMeshaki noAbhednego. Wabuza: “Kunjalo ngokwenene na, Shadraki, Meshaki nawe Abhednego, ukuthi anibakhonzi oothixo bam, nomfanekiso wegolide endiwumisileyo aniwunquli?” Alithandabuzeki elokuba, uNebhukadenetsare wawubuza lo mbuzo othukile yaye engakholelwa ncam into yokuba bayenzile loo nto. Ngapha koko, usenokuba wayezibuza, ‘Kwenzeka njani ukuba amadoda amathathu angqondo zihluzeke ngolu hlobo atyeshele umyalelo olula kangaka—nalapha emiyalelweni, onesohlwayo esiqatha ngolu hlobo kwabo bangawuthobeliyo?’—Daniyeli 3:13, 14.
15, 16. Liliphi ithuba uNebhukadenetsare awalinika aba bafana bangamaHebhere?
15 UNebhukadenetsare wayekulungele ukubanika elinye ithuba aba bafana bamaHebhere. Wathi: “Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi xa nisiva isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesempempe enengxowa, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo, niwe phantsi ninqule umfanekiso endiwenzileyo, kolunga. Kodwa ukuba aninquli, ngawo lo mzuzu niya kuphoswa ezikweni elivutha umlilo. Yaye nguwuphi na uthixo onokunihlangula ezandleni zam?”—Daniyeli 3:15.
16 Kuyacaca ukuba, isifundo somfanekiso wephupha (esibhalwe kuDaniyeli isahluko 2) sangena kule ndlebe saza saphuma ngenye kuNebhukadenetsare. Mhlawumbi ke wayesewalibele amazwi awayephuma kuloo mlomo wakhe ewabhekisa kuDaniyeli esithi: “UThixo wenu unguThixo woothixo neNkosi yookumkani.” (Daniyeli 2:47) Ngoku kuyabonakala ukuba uNebhukadenetsare wayecel’ umngeni uYehova, esithi kwaNaye lo wayengenako ukusindisa amaHebhere kwisohlwayo esasiwalindele.
17. UShadraki, uMeshaki noAbhednego basabela njani kwisicelo sikakumkani?
17 KuShadraki, uMeshaki noAbhednego le nto yayingafuni nokuba babe beziqhekez’ intloko ngayo. Ngoko nangoko baphendula: “Owu Nebhukadenetsare, akuyomfuneko ukuba sikuphendule koku. Ukuba kumele kube njalo uThixo wethu esimkhonzayo unako ukusihlangula. Uya kusihlangula ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho kumkani. Kodwa ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubakhonza oothixo, nomfanekiso wegolide owumisileyo asiyi kuwunqula.”—Daniyeli 3:16-18.
EZIKWENI LOMLILO ELIVUTHAYO!
18, 19. Kwenzeka ntoni xa amaHebhere amathathu aphoswa ezikweni lomlilo?
18 Egqusha ngumsindo, uNebhukadenetsare wayalela abakhonzi bakhe ukuba babasele iziko litshise ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo. Wandula ke wayalela “amadoda athile omeleleyo nanamandla” ukuba abophe uShadraki, uMeshaki noAbhednego aze abaphose phakathi “ezikweni elivutha umlilo.” Enza ngokwemiyalelo kakumkani, aphosa loo maHebhere mathathu emlilweni ebotshiwe yaye esanxibe yonke impahla yawo—mhlawumbi ukuze umlilo uthungeleke lula aze atshe msinya. Noko ke, yasuke yangaba thoba-sikutyele bakaNebhukadenetsare ababulawa ngamadangatye.—Daniyeli 3:19-22.
19 Ukusuka apho, kwenzeka into ethile engumnqa. Nangona uShadraki, uMeshaki noAbhednego babesesizikithini seziko lomlilo, loo madangatye akazange abatshise. Khawuthelekelele indlela elalimkhohle ngayo uNebhukadenetsare! Babephoswe emlilweni onqanqazayo, bebotshwe nkqi, kodwa babesaphila. Tyhini, bayahamba-hamba bepholelwe ngamalanga phakathi kwaloo mlilo! Ukanti uNebhukadenetsare ubona nto yimbi. “Besingaphoselanga amadoda omeleleyo amathathu ebotshiwe phakathi emlilweni?” wabuza ngelitshoyo kumagosa akhe aphakamileyo asebukhosini. Aphendula athi, “Kunjalo, kumkani.” UNebhukadenetsare wakhwaza esithi: “Khangelani! Ndibona amadoda amane omeleleyo ehambahamba ekhululekile phakathi emlilweni, engenzakalanga, yaye le yesine yona ifana nonyana woothixo ngembonakalo.”—Daniyeli 3:23-25.
20, 21. (a) Yintoni eyaphawulwa nguNebhukadenetsare ngoShadraki, uMeshaki noAbhednego xa babephuma ezikweni lomlilo? (b) Yintoni awanyanzeleka ukuba ayivume uNebhukadenetsare?
20 UNebhukadenetsare wasondela kumnyango weziko lomlilo. Wakhwaza: “Shadraki, Meshaki nawe Abhednego, bakhonzi bOyena Thixo Uphakamileyo, phumani nize apha!” La maHebhere mathathu aphuma emlilweni. Alithandabuzeki elokuba bonke abazibonelayo lo mmangaliso—kuquka amabamba, abathetheli, iirhuluneli namagosa aphakamileyo—babebamb’ ongezantsi. Kaloku, wawunokuyikhanyel’ ukhwele emthini into yokuba aba bafana bathathu babekhe bangena kwaukungena kwelo ziko! Babengenalo nkqu nevumba eli lomlilo ibe kungekho nolunye unwele lwabo olurhawukileyo.—Daniyeli 3:26, 27.
21 Ngoku uKumkani uNebhukadenetsare wanyanzeleka ukuba avume ukuba uYehova wayengOyena Thixo Uphakamileyo. Wavakalisa oku: “Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki noAbhednego, othumele ingelosi yakhe yaza yabahlangula abakhonzi bakhe abakholose ngaye, nabathe balitshitshisa ilizwi lokumkani, baxolela ukunikela ngemizimba yabo kunokuba bakhonze okanye banqule nawuphi na uthixo ngaphandle koThixo wabo.” Wandula ke ejalile, ukumkani wakhupha esi silumkiso: “Ndikhupha umyalelo, wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezithetha nantoni na ephosakeleyo ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki noAbhednego, zifanele zixhaxhwe, nezindlu zazo zenziwe indawo yangasese kawonke-wonke; kuba akukho thixo wumbi unako ukuhlangula ngale ndlela.” Emva koko, la maHebhere mathathu aphinda athandwa ngukumkani aza ‘aba nempumelelo kwiphondo laseBhabhiloni.’—Daniyeli 3:28-30.
UKHOLO NEEMVAVANYO ZALA MAXESHA
22. Abakhonzi bakaYehova bale mihla bajamelene nemeko efana njani nekaShadraki, uMeshaki noAbhednego?
22 Namhlanje, abanquli bakaYehova bajamelana nemeko efana nekaShadraki, uMeshaki noAbhednego. Enyanisweni, abantu bakaThixo basenokuba abangobathinjwa ngokoqobo. Kodwa, uYesu wathi abalandeli bakhe babengayi kuba ‘yinxalenye yehlabathi.’ (Yohane 17:14) “Bangabasemzini” ngengqiqo yokuba abazamkeli izithethe, iingcamango nemikhwa yabo baphila nabo engquzulana neZibhalo. Kunjengoko umpostile uPawulos wabhalayo, amaKristu afanele ‘ayeke ukumilisa okwale nkqubo yezinto.’—Roma 12:2.
23. La maHebhere mathathu abonisa njani ukuba ayeqinile, yaye amaKristu anamhlanje anokuwulandela njani umzekelo wawo?
23 AmaHebhere amathathu akazange avume ukumilisa okwenkqubo yaseBhabhiloni. Kwanemfundo ecokisiweyo yobulumko bamaKhaledi ayizange iwagungqise. Ayengacengi solalaphi ngonqulo lwawo, kwaye ayezinikele kuYehova. Kufuneka abe njalo ke ukomelela namaKristu namhlanje. Akufuneki abe neentloni ngokwahluka kwawo kubantu behlabathi. Eneneni, “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.” (1 Yohane 2:17) Ngoko bekuya kuba bobu bentwala ubudenge ukulandela le nkqubo yezinto iphelelwayo.
24. Kunjani ukuma kwamaKristu okwenyaniso xa kuthelekiswa nokwamaHebhere amathathu?
24 AmaKristu kufuneka alumkele zonke iintlobo zonqulo-zithixo, kuquka neentlobo ezingaqondakaliyo.e (1 Yohane 5:21) Ngentobelo nangentlonelo uShadraki, uMeshaki noAbhednego bema phambi komfanekiso wegolide, kodwa babeqonda ukuba ukuqubuda kuwo kwakuya kuba yinto engaphezu kokunikela intlonelo. Kwakusisenzo sonqulo, yaye ukwenza loo nto kwakuya kuwenza uvuthe umsindo kaYehova. (Duteronomi 5:8-10) UJohn F. Walvoord ubhala enjenje: “Kaloku kwakufana nokukhahlela indwe, nangona, ngenxa yokuvutyelwa ndawonye konqulo nezinto zaseburhulumenteni, kusenokuba kwakunonqulo phakathi.” Nanamhlanje, amaKristu okwenyaniso akafuni nokulubona unqulo-zithixo.
25. Sisiphi isifundo oye wasifunda kweli bali lenzeka ngokwenene likaShadraki, uMeshaki noAbhednego?
25 Ingxelo yeBhayibhile engoShadraki, uMeshaki noAbhednego isisifundo esihle kuye nabani na ozimisele ukuzinikela ngokupheleleyo kuYehova. Kuyabonakala ukuba umpostile uPawulos wayecinga ngala maHebhere mathathu xa wayethetha ngabaninzi ababonakalisa ukholo, kuquka abo “baphelisa amandla omlilo.” (Hebhere 11:33, 34) UYehova uya kubavuza bonke abo baxelisa ukholo olunjalo. AmaHebhere amathathu ahlangulwa kwiziko lomlilo, kodwa thina sinokuqiniseka ukuba uya kubavusa aze abasikelele ngobomi obungunaphakade bonke abanyanisekileyo abaye bafa begcine ingqibelelo. Nokuba sekutheni na, uYehova “uyayilinda imiphefumlo yabanyanisekileyo bakhe; uyabahlangula esandleni sabangendawo.”—INdumiso 97:10.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bambi bacinga ukuba uMarduk, owayegqalwa njengomseki woBukhosi bamaBhabhiloni, wayemela uNimrodi, ngoku owayesele esisithixo. Kodwa ke, akukaqinisekwa ngaloo nto.
b “UBheleteshatsare” uthetha ukuthi “Khusela Ubomi BukaKumkani.” “UShadraki” usenokuba uthetha ukuthi “Umyalelo Ka-Aku,” uthixo wenyanga wamaSumeri. Kusenokwenzeka ukuba “uMeshaki” ubhekisela kwisithixo samaSumeri, yaye “uAbhednego” uthetha “Umkhonzi KaNego,” okanye kaNebo.
c Ngenxa yobukhulu balo mfanekiso, bambi abaphengululi beBhayibhile bacinga ukuba wawenziwe ngomthi waza wagutyungelwa ngegolide.
d Igama lesiAramiki eliguqulelwe ngokuthi “umangalelwe” lithetha ‘ukudla iziqa’ zomntu—ngokungathi kunjalo, ukumdla izithende ngokumhleba.
e Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ubudlakudla nokubawa lunqulo-zithixo.—Filipi 3:18, 19; Kolose 3:5.
UZUZE NTONI?
• Kwakutheni ukuze uShadraki, uMeshaki noAbhednego bangavumi ukuqubuda kumfanekiso owawumiselwe nguNebhukadenetsare?
• Wasabela njani uNebhukadenetsare ngenxa yokuma okwathatyathwa ngala maHebhere mathathu?
• UYehova wawavuza njani amaHebhere amathathu ngenxa yokholo lwawo?
• Ufunde ntoni ngokunikel’ ingqalelo kwibali elenzeka ngokwenene likaShadraki, uMeshaki noAbhednego?
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 68]
[Imifanekiso ekwiphepha 70]
1. Inqaba yetempile (“ziggurat”) eBhabhiloni
2. Itempile kaMarduk
3. Imbasa yobhedu enomfanekiso kathixo uMarduk (ekhohlo) noNebo (ekunene) bemi phezu kweenamba
4. Ilitye elikrolwe umfanekiso kaNebukadenetsare, owayedume ngokwakha izakhiwo
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 76]
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 78]