IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 61 iphe. 146-iphe. 147 isiqe.¶ 3
  • Abazange Baqubude

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abazange Baqubude
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Abazange Bavume Ukuqubuda
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Ukholo Lwabo Lwamelana Novavanyo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Ngubani UThixo Wakho?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • ‘UThixo Wethu Unako Ukusihlangula’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 61 iphe. 146-iphe. 147 isiqe.¶ 3
UShadraki, uMeshaki noAbhednego abafuni ukuqubuda kumfanekiso wegolide

ISIFUNDO 61

Abazange Baqubude

Kwixeshana emva kokuba uNebhukadenetsare ephuphe ngomfanekiso, wenza umfanekiso omkhulu wegolide. Wawumisa ethafeni laseDura waza wabiza bonke abantu ababalulekileyo elizweni ukuba baqokelelane phambi kwawo. UShadraki, uMeshaki noAbhednego nabo babelapho. Lo kumkani wathi: ‘Xa nisiva amaxilongo, uhadi neempempe zengxowa nifanele niqubude kulo mfanekiso! Nabani na ongaqubudanga uza kuphoswa kwiziko elivuthayo.’ Ngaba amaHebhere amathathu ayeza kuqubuda kumfanekiso okanye akhonze uYehova kuphela?

Ukumkani wathi makudlalwe umculo. Wonke umntu waqubuda kwangoko wakhonza umfanekiso, ngaphandle koShadraki, uMeshaki noAbhednego. Amanye amadoda abona ukuba abaqubudanga aza athi kukumkani: ‘La maHebhere ayi-3 akafuni ukukhonza umfanekiso wakho.’ UNebhukadenetsare wathi mawabizwe, waza wathi kuwo: ‘Ndiza kuninika elinye ithuba lokuqubuda kumfanekiso. Ukuba aniqubudi, ndiza kuniphosa kwiziko elivuthayo. Akakho uthixo onokunisindisa.’ Wona athi: ‘Nokuba akusinikanga elinye ithuba. UThixo wethu unokusisindisa. Nokuba akasisindisanga, kumkani, asizukuwukhonza umfanekiso.’

UNebhukadenetsare wacaphuka kakhulu. Wathi kumadoda amsebenzelayo: ‘Wenzeni ube mkhulu kakhulu lo mlilo!’ Wathi kumajoni akhe: ‘Wabopheni la madoda nize niwaphose emlilweni!’ Eli ziko lalivutha kakhulu kangangokuba xa amajoni asondelayo afa ngoko nangoko. AmaHebhere ayi-3 awela emlilweni. Kodwa xa uNebhukadenetsare wajonga emlilweni, wabona amadoda amane ehambahamba ezikweni. Woyika waza wabuza amagosa akhe: ‘Besingaphosanga amadoda ayi-3 emlilweni? Ndibona amadoda ayi-4 yaye enye yawo ingathi yingelosi!’

UNebhukadenetsare wasondela kweli ziko waza wakhwaza esithi: ‘Phumani bakhonzi boYena Thixo Uphakamileyo!’ Wonke umntu wothuka xa ebona uShadraki, uMeshaki noAbhednego bephuma emlilweni bengatshanga. Ulusu lwabo, iinwele neempahla zabo zazingatshanga, babenganuki nomsi.

UNebhukadenetsare wathi: ‘UThixo kaShadraki, uMeshaki noAbhednego mkhulu. Uthumele ingelosi yabasindisa. Akakho uthixo onjengowabo.’

Ngaba nawe uzimisele ukungagungqi ekukhonzeni uYehova njengala maHebhere ayi-3, nokuba kwenzeka ntoni na?

UNebhukadenetsare uyothuka xa ebona uShadraki, uMeshaki noAbhednego bephuma emlilweni bengatshanga

“Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.”—Mateyu 4:10

Imibuzo: Yintoni uShadraki, uMeshaki noAbhednego abangazange bafune ukuyenza? UYehova wabasindisa njani?

Daniyeli 3:1-30

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share