IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ll inxa. 13 iphe. 28-29
  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sikholise UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Simele Senze Ntoni Ukuze Sikholise UThixo?
  • Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Amanqaku Afanayo
  • Abahlobo BakaThixo Bayakuphepha Okubi
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
  • Izenzo Azithiyileyo UThixo
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Icandelo 13
    Mamela UThixo
  • Menze Mkhulu UYehova Njengokuphela KoThixo Oyinyaniso
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
Khangela Okunye
Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
ll inxa. 13 iphe. 28-29

ICANDELO 13

Simele Senze Ntoni Ukuze Sikholise UThixo?

Kuphephe okubi. 1 Korinte 6:9, 10

Izinto azicaphukelayo uThixo—ukuba, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ukulwa, ukuthandaza kwimifanekiso nokunqula izithixo

Ukuba siyamthanda uYehova, asisayi kwenza izinto azithiyileyo.

UYehova akafuni sibe, sinxile okanye sisebenzise kakubi iziyobisi.

UThixo ukuthiyile ukubulala, ukuqhomfa nobufanasini. Akafuni sinyoluke okanye silwe nabanye.

Asimele sinqule izithixo okanye sisebenzelane nemimoya.

KwiParadesi ezayo emhlabeni, abasayi kuvunyelwa abantu abenza izinto ezingendawo.

  • UThixo ubujonga njani ubugqi?—Duteronomi 18:10-12.

  • Kutheni singafanele sinqule izithixo?—Isaya 44:15-20.

Yenza okulungileyo. Mateyu 7:12

Izinto ezikholisa uThixo—ukuthanda abanye, ukunyaniseka nokuxolela

Ukuze simkholise uThixo, simele sizame ukuba njengaye.

Bathande abanye ngokuba nobubele nesisa kubo.

Nyaniseka.

Yiba nenceba uze uxolele.

AmaNgqina KaYehova amabini ashumayeza enye indoda

Xelela abanye ngoYehova neendlela zakhe.​—Isaya 43:10.

  • Xelisa uYehova.​—1 Petros 1:14-16.

  • Yiba nothando.​—1 Yohane 4:7, 8, 11.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share