IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • fg isifu. 1 imibuzo 1-3
  • Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?
  • Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Sifanele Sifunde KuThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Iyintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
fg isifu. 1 imibuzo 1-3

ISIFUNDO 1

Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?

1. Zithini iindaba ezivela kuThixo?

Abantu banandipha ukuphila emhlabeni

UThixo ufuna abantu banandiphe ubomi emhlabeni. Wadala umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo kuba uyabathanda abantu. Kungekudala uza kubaphathela ikamva eliqaqambileyo kuwo wonke umhlaba. Uya kuphelisa ukubandezeleka ebantwini.​—Funda uYeremiya 29:11.

Akakho urhulumente oye wakwazi ukuphelisa ugonyamelo, izifo okanye ukufa. Sekunjalo, zikho iindaba ezimnandi. Kungekudala, oorhulumente babantu baza kuthatyathelw’ indawo ngurhulumente kaThixo. Abalawulwa balo rhulumente baza kunandipha uxolo nempilo entle.​—Funda uIsaya 25:8; 33:24; Daniyeli 2:44.

2. Kutheni zingxamisekile nje iindaba ezilungileyo?

Ukubandezeleka kuya kuphela xa uThixo esusa bonke abantu ababi emhlabeni. (Zefaniya 2:3) Iza kwenzeka nini loo nto? ILizwi likaThixo laprofeta ngeemeko ezisongela uluntu namhlanje. Iziganeko ezenzekayo zibonisa ukuba uThixo sele eza kungenelela.​—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-5.

3. Yintoni esimele siyenze?

Sifanele sifunde ngoThixo kwiLizwi lakhe iBhayibhile. Lifana neleta evela kutata osithandayo. Lisixelela ngendlela esinokubunandipha ngayo ubomi ngoku nakwikamva ngonaphakade. Ewe kona, abanye abantu basenokungayithandi into yokuba uncedwa wazi iBhayibhile. Kodwa ungavumi uphoswe leli thuba lokufumana ikamva eliqaqambileyo.​—Funda iMizekeliso 29:25; ISityhilelo 14:6, 7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share