IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • jy isahl. 100 iphe. 232-iphe. 233 isiqe.¶ 2
  • Umzekelo Wakhe Weemina Ezilishumi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umzekelo Wakhe Weemina Ezilishumi
  • UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Amanqaku Afanayo
  • Umzekeliso Weemina
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Umzekeliso Weemina
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Funda Kumzekeliso Weemina Ezilishumi
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Umzekelo Weetalente
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
Khangela Okunye
UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
jy isahl. 100 iphe. 232-iphe. 233 isiqe.¶ 2
Ikhoboka libuyisela imina kwinkosi yalo

ISAHLUKO 100

Umzekelo Wakhe Weemina Ezilishumi

LUKA 19:11-28

  • UMZEKELO KAYESU WEEMINA EZILISHUMI

Nangona eyona ndawo aya kuyo uYesu iyiYerusalem, kusenokwenzeka ukuba usesekhayeni likaZakeyu kunye nabafundi bakhe. Bakholelwa ukuba “uBukumkani bukaThixo” sebuza kumiselwa noYesu abe nguKumkani wabo. (Luka 19:11) Abayiqondi kakuhle le nto, njengokuba bengayiqondi nento yokuba uYesu kufuneka afe. Ngenxa yoko ubenzela umzekelo ukuze abancede babone ukuba uBukumkani abuzukufika ngoku.

Uthi: “Enye indoda yasebukhosini yayiza kuya kwilizwe elikude ukuze yenziwe ukumkani, ize ibuye emva koko.” (Luka 19:12) Olu hambo lwayo lwaluza kuthatha ixesha. Kuyabonakala ukuba uYesu uyile ‘ndoda yasebukhosini’ eya “kwilizwe elikude,” ezulwini, apho uTata wakhe aza kumenza khona uKumkani.

Kulo mzekelo, ngaphambi kokuba le ‘ndoda yasebukhosini’ ihambe, ibiza amakhoboka ayo ize iwanike imali eziimina, ithi kuwo: “Hambani niyokwenza imali ngazo.” (Luka 19:13) Imali eziimina yimali exabiseke kakhulu. Ilingana nomvuzo weenyanga ezintathu ofunyanwa ngumlimi.

Abafundi banokuqonda ukuba bafana nala makhoboka alishumi akulo mzekelo, kuba uYesu ebesele ebafanise nabantu abasebenza esivunweni. (Mateyu 9:35-38) Khange athi mabazise isivuno sabo. Ufuna baqokelele abanye abafundi abaza kulawula kuBukumkani BukaThixo. Ukuze bayenze le nto, abafundi basebenzisa ixesha, amandla nezinto abanazo.

Yintoni enye ayivezayo uYesu kulo mzekelo? Uthi: “Abantu belo lizwe babeyicaphukela loo ndoda, baza bathumela abantu ukuba bayokuthi, ‘Asifuni ukuba lo mntu abe ngukumkani wethu.’” (Luka 19:14) Abafundi bayayazi ukuba amaYuda awamamkeli uYesu, amanye ade afune nokumbulala. Emva kokufa nokuya ezulwini kukaYesu, amaYuda nje aqhelekileyo abonisa indlela aziva ngayo ngokutshutshisa abafundi. Aba bachasi benza kucace ukuba abamamkeli uYesu njengoKumkani.​—Yohane 19:15, 16; IZenzo 4:13-18; 5:40.

Wona la makhoboka alishumi, ayisebenzisa njani imali eziimina ngaphambi kokuba le ‘ndoda yasebukhosini’ “yenziwe ukumkani” ize ibuye? UYesu uthi: “Yakubuya, sele ingukumkani, yathi makubizwe laa makhoboka yayiwanike imali, ukuze ibone ukuba enze imali engakanani ngayo. Kweza elokuqala lathi, ‘Nkosi, ndenze iimina ezilishumi ngemina yakho.’ Yathi kulo, ‘Usebenzile, khoboka lam elilungileyo! Uza kuphatha izixeko ezilishumi, kuba uye wathembeka kweyona nto incinci.’ Kweza nelesibini lathi, ‘Nkosi, ndenze iimina ezintlanu ngemina yakho.’ Yathi nakweli, ‘Wena ke, uza kuphatha izixeko ezihlanu.’”​—Luka 19:15-19.

Ukuba abafundi bazijonga njengamakhoboka alisebenzisa kakuhle ixesha, amandla, nezinto abanazo ukuze benze abafundi, banokuqiniseka ukuba uYesu uza kuvuya. Banokuqiniseka nokuba uza kubavuza ngokuzimisela kwabo. Kodwa ke, iimeko zabafundi bakaYesu azifani namathuba abavelelayo awafani, ibe abakwazi nokwenza izinto ngendlela efanayo. Kodwa uYesu ‘ongukumkani’ uza kuyibona aze ayisikelele imizamo yabo yokwenza abafundi.​—Mateyu 28:19, 20.

Khawujonge indlela uYesu awugqibezela ngayo umzekelo wakhe. Uthi: “Kweza nelinye [ikhoboka], lathi, ‘Nkosi, nantsi imina yakho, bendiyifihle elaphini. Bendikoyika, kuba ungumntu okhohlakeleyo; uthatha into ongayibekanga, ibe uvuna apho ungatyalanga khona.’ Yathi kulo, ‘Ndikugweba ngamazwi akho ke, khobokandini elingalunganga. Andithi ubusazi ukuba ndikhohlakele; ndithatha into endingayibekanga, ndivuna nalapho ndingatyalanga khona? Kutheni ke ungayifakanga ebhankini imali yam? Bendiza kuthi xa ndibuya, ndiyifumane inenzala.’ Emva koko yathi kwabo babeme apho, ‘Thathani le mina kuye, niyinike lo uneemina ezilishumi.’”​—Luka 19:20-24.

Ngenxa yokuba lingakhange lizame ukunyusa ubutyebi bobukumkani benkosi yalo, eli khoboka liye lalahlekelwa. Abapostile balindele ukuba uYesu alawule kuBukumkani BukaThixo. Ngenxa yaloo nto, into uYesu ayithetha ngekhoboka lokugqibela ibenza baqonde ukuba, ukuba abazimiselanga abazukuba nandawo kuBukumkani.

Amazwi kaYesu amele abenze abafundi bazimisele ngakumbi. Uthi: “Ndithi kuni, wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa.” Ubaxelela nokuba iintshaba zakhe ebezingafuni abe “ngukumkani” ziza kubulawa. Emva koko, uqhubeka nendlela yakhe eya eYerusalem.​—Luka 19:26-28.

  • Yintoni eyenza uYesu enze umzekelo wemali eziimina?

  • Ngubani “indoda yasebukhosini,” ibe leliphi eli lizwe iya kulo?

  • Ngoobani amakhoboka, ibe ngoobani abantu belizwe ababonisa ukuba bayamcaphukela uKumkani?

  • Yintoni umahluko phakathi kwamakhoboka avuzwayo nekhoboka elithathelwa imina?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share