Sebenzisa Amandla Elizwi LikaThixo Kubulungiseleli Bakho
Xa umntu esinika ixesha lokuba sithethe naye ngeendaba ezilungileyo, silisebenzisa kakuhle elo xesha size sivumele amandla eLizwi likaThixo ngokuzifunda eBhayibhileni izibhalo. Oku kwabethelelwa kwindibano ekhethekileyo yalo nyaka uphelileyo. Umveleli wesiphaluka wanikela intetho enomxholo othi “Sebenzisa Amandla Elizwi LikaThixo Kubulungiseleli Bakho.” Ngaba usazikhumbula iingongoma eziziintloko?
Kutheni ilizwi likaYehova linamandla kakhulu kunelethu?—2 Tim. 3:16, 17.
IBhayibhile izichukumisa njani iimvakalelo, ilungise indlela yokucinga, iintshukumisa, nendlela esiziphethe ngayo?—Funda IMboniselo, kaJuni 15, 2012, iphe. 27, isiqe. 7.
Xa sifundela umntu osentsimini isibhalo, sinokumthimbela njani kwiLizwi likaThixo ngendlela yokuba alihlonele?—Funda incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe 148, isiqe. 3-4 noBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2013, iphe. 6, isiqe. 8.
Kutheni kubalulekile ukuba sizicacise size siqiqe ngezibhalo xa sizifunda, yaye sinokuyenza njani loo nto?—IZe. 17:2, 3; funda incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 154, isiqe. 4 ukusa kwiphe. 156, isiqe. 5.