Intshayelelo Yecandelo 10
UYehova nguKumkani wookumkani. Yonke into ibisoloko isezandleni zakhe, ibe kuya kuba njalo ngonaphakade. Ngokomzekelo, wamsindisa uYeremiya eza kufela emngxunyeni. Wasindisa uShadraki, uMeshaki noAbhednego kwiziko lomlilo, wasindisa noDaniyeli emilonyeni yeengonyama. UYehova wamkhusela uEstere ukuze asindise lonke uhlanga lwakhe. Akasoze ayeke izinto ezimbi zenzeke ngonaphakade. Iziprofeto zomfanekiso omkhulu nomthi omkhulu zisenza siqiniseke ukuba kungekudala uBukumkani bukaYehova buza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenzekayo kuze kulawule bona apha emhlabeni.