Yibakho Kwindibano Yesithili “Yokukholosa NgoYehova” Yowe-1987
ONJANI wona ukuba mhle umxholo esinawo weendibano zethu zesithili zowe-1987 othi: “Kholosa NgoYehova”! Ngokuqinisekileyo ukukholosa kwethu ngoYehova kuyasahlula kwihlabathi xa lilonke. Bonke abanye bakholose ngezinto ezinjengobutyebi babo, ubulumko babo, amandla abo, okanye abalawuli neenkokeli zabo zobupolitika nezonqulo. Kungekudala bonke aba banjalo baya kudana babe yinko.—INdumiso 146:3, 4.
Kuthetha ntoni ukukholosa kwethu ngothile okanye ngento? Ngokutsho kwababhali bezichazi-mazwi, “ukukholosa kuthetha ukwayama ngokupheleleyo nangokuqinisekileyo kwinto ethile okanye kuthile.a Ewe, ibe le yindlela esivakalelwa ngayo ngokukholosa. Ngokupheleleyo nangokuqinisekileyo sibeke intembelo yethu kuYehova.
Ngokufuthi kwiLizwi likaThixo sikhunjuzwa ngokubaluleka kokukholosa ngoYehova. Ngokuphindaphindiweyo abadumisi babalisa ngokukholosa kwabo ngoYehova: “Ndikholose ngoYehova mna.” “Ndikholose ngawe, Yehova.” Amazwi abo asikhumbuza amazwi enye yeengoma zethu zoBukumkani: “Yehova ulihlathi, Sikholose ngawe Ya . . . Yehova uligwiba, ulichweba labathe tye.”—INdumiso 31:6, 14.
Ngokuphindaphindiweyo iZibhalo zisiyalela ukuba sikholose ngoThixo: “Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo.” “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda.” (INdumiso 37:3; IMizekeliso 3:5) Kwakhona iLizwi likaThixo lisixelela ngabakhonzi abathembekileyo bakaYehova abathi bavuzwa ngenxa yokuba babekholose ngaye ebudeni bamaxesha eentlekele ezinkulu. Phakathi kwabanjalo kwakukho uKumkani uHezekiya, uEbhedi-meleki, amaHebhere amathathu noDaniyeli.—2 Kumkani 18:5; Yeremiya 39:18; Daniyeli 3:28; 6:23.
Sibonisa njani ukuba sikholose ngoYehova? Enye indlela kungokumazi yena nokumaziswa liLizwi lakhe. UYesu Kristu wasinika indlela elula gqitha: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.” Ewe, ukuba sikholosa ngoYehova ngentliziyo yethu yonke, siya kubeka izilangazelelo zoBukumkani bakhe tanci kubomi bethu size silandele ikhondo lehambo ethe tye.—Mateyu 6:33.
Kutheni le nto kufuneka siqine ekukholoseni kwethu ngoYehova? Kungenxa yeengcinezelo eziziswa kuthi zivela macala onke. Kwabanye yintshutshiso engqalileyo, kwabanye zizihendo zokwenza okuphosakeleyo. Kanti kwabanye inkoloseko yabo ivavanywa ngokuthi kufuneke ukuba banyamezele. Indibano yethu yesithili ezayo ilolunye lwamancedo amaninzi uYehova asilungiselele wona kule mihla yokugqlbela.
Kulo nyaka indibano iya kuba yeyeentsuku ezintathu ezipheleleyo, ngoLwesihlanu, ngoMgqibelo nangeCawa. Ngokwenziwa kohlengahlengiso kubude beenxalenye, ucwangciso phantse luya kuba nombandela olinganayo nowonyaka ophelileyo. Singaqiniseka ukuba, injongo yazo zonke iimbalasane zocwangciso iya kuba kukomeleza inkoloseko yethu kuYehova kwanakwintlangano ebonakalayo ayisebenzisayo kweli xesha langoku.
Ngoko ngqina ngalinye likaYehova elingumKrlstu malizenzele isigqibo sokubakho ubuncinane kwenye yezi ndibano. Yiza nabantwana bakho. Yibakho kwingoma nomthandazo wokuvula kusasa ngolwesihlanu uze uhlale de kube yingoma nomthandazo wokuqukumbela ngenjikalanga yangeCawa. Yiza uphethe iBhayibhile, incwadi yeengoma, incwadi yokubhala amanqaku nento yokubhala. Hambisana ngokuzeleyo noko kwenziwayo, kuquka iingoma nemithandazo. Kuphulaphule ngenyameko oko kunikelwayo. Yaye masiqiniseke ukuba ngamaxesha onke ukuzilungisa kwethu nehambo yethu azinakugculelwa.
Umgaqo weZibhalo othi ‘hlwayela intabalala, uvune intabalala’ uyasebenza ekuyeni kwethu kwiNdibano Yesithili “Yokukholosa NgoYehova.” Okukhona sizimisele ukuzuza kucwangciso xa lulonke, kokukhona siya kufumana iintsikelelo ezingakumbi ezivela endibanweni yaye soba yintsikelelo engakumbi kwabanye.—2 Korinte 9:6, NW.
[Umbhalo osemazantsi]
a IWebster’s New Dictionary of Synonyms.