Yiza KwiNdibano YeSithili “Yentetho Enyulu”
UKWAHLUKAHLUKANA ngeelwimi bekungunobangela weeyantlukwano ukususela eBhabheli. Apho uYehova waduba intetho yoluntu waza waphuthisa injongo yabantu ‘yokwakha inqaba nokuzenzela igama.’ (Genesis 11:4) Indlela ekubangela iiyantlukwano ngayo ukwahluka ngeelwimi inokubonwa koko kwenzeka eBelgium. Kwiminyaka eliqela eyadlulayo, iYunivesithi yamaKatolika eLouvain yahlulwa kubini ngokweelwimi.
Ulwimi lusisizathu nje esinye kwezininzi ezibangela iiyantlukwano phakathi kwabantu. Ezinye bubuzwe, uhlanga, imfundo, nomgangatho wezoqoqosho. Kodwa amaNgqina kaYehova aye azabalazela ukuboyisa bonke aba nobangela beeyantlukwano kwaye amanyene ngokwenene.
Kwihlobo elidluleyo kwaye kwabonakala eyona mbonakaliso ikhwankqisayo yolu manyano kwisixeko saseChorzów (kufutshane neKatowice), ePoznan, naseWarsaw ePoland. Kwakukho amaNgqina, athetha ubuncinane iilwimi ezingama-20, esuka kumazwe angama-37. Kanti, ewonke abonakalisa umanyano olukhwankqisayo. Kwabangelwa yintoni oku? Onke ayethetha “intetho enyulu” yenyaniso engokweZibhalo. Oku kwaprofetwa kusengaphambili kuZefaniya 3:9: “Ngelo xesha [mna Yehova uThixo] ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye.”
Ngoko ke, ngesizathu esifanelekileyo iindibano zesithili zowe-1990 ziya kuba nomxholo othi “Intetho Enyulu.” Ngenxa yokungafezeki kwabantu, iimpembelelo zehlabathi elingendawo likaSathana, nezenzo ezichuliweyo zikaMtyholi needemon zakhe, ukuthetha “intetho enyulu” akusoloko kulula. Simele sisoloko silulumkele utyekelo lokuzingca olunokusahlula.
Kutheni uThixo esinike le ntetho inyulu? Ukuze simkhonze uYehova “ngaxhatha linye.” Ezinye iinguqulelo zibonisa ukuba oku kuthetha ukukhonza uYehova “ngaphantsi kwedyokhwe enye” (The Jerusalem Bible); “ngamxhelomnye” (Moffatt); “ngokuvumelana” (An American Translation); ‘nokusebenzisana enkonzweni yakhe.’—Byington.
Ngoncedo lweentetho, imiboniso, amava, ungcelele lweentetho, nemidlalo yeBhayibhile kwezi ndibano, siya kukhuthazwa size sishukunyiselwe ukuthetha intetho enyulu ngokutyibilika ngakumbi. Kwaye ziya kusishukumisela ukukhonza nabazalwana bethu ngokunempumelelo nangemvisiswano ngakumbi.
Ezi ndibano ziya kuqalisa ngoLwesine kamsinya emva kwentsimbi yoku-1:00 emva kwemini zize ziqukunjelwe malunga neyesi-4:00 emva kwemini ngeCawa. Yenza amalungiselelo ngoku okubakho kwingoma yokuvula nawokubakho kulo lonke ucwangciso kude kube ngumthandazo wokuqukumbela ngemva kwemini ngeCawa.
Yizani neeBhayibhile namaculo enu, nize nilungele ukuthabatha amanqaku. Kwaye yizani ninolangazelelo olukhulu lokudla kokomoya, yaye niya kumka nikulungele ngokupheleleyo ngakumbi ukuthetha intetho enyulu nokukhonza uYehova.