IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 5/15 iphe. 28-30
  • Yoyika UYehova Uze Wonwabe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yoyika UYehova Uze Wonwabe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Phulaphula Kubulumko
  • Buxabise Ubulumko
  • Iindlela Zokubonakalisa Ubulumko
  • Izinto Ezahlukeneyo Ezishukumisa Ukucinga
  • Imizekeliso Eyenziwe Ngokuthelekiswa Kwezinto
  • Imizekeliso Yokuthelekiswa Kwezinto Eluncedo
  • ‘Amazwi Anamandla’
  • Incwadi YeBhayibhile 20—IMizekeliso
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Iimbalasane Zencwadi YeMizekeliso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Zuza Ubulumko Uze Wamkele Uqeqesho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • ‘Ngobulumko Imihla Yethu Iya Kuba Mininzi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 5/15 iphe. 28-30

Iimbalasane ZeBhayibhile IMizekeliso 1:1-31:31

Yoyika UYehova Uze Wonwabe

“Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova.” (Proverbs 9:10) Hayi indlela oko ekuboniswa kakuhle ngayo kwiMizekeliso! Le ncwadi yeBhayibhile, eyagqitywa ukubhalwa malunga nowama-716 B.C.E., iyasinceda ukuba sibonakalise ubulumko, sisebenzise ulwazi ngendlela echanileyo. Wathobele la mazwi obulumko yaye ngokwenjenjalo uya kuziva wonwabile.

Phulaphula Kubulumko

Funda IMizekeliso 1:1-2:22. “Ukoyika uYehova” sesona siseko solwazi. Ukuba siyalwamkela uqeqesho, asiyi kubathelela aboni ekwenzeni okubi. Kwabo bamoyikayo, uYehova unikela ubulumko obubalondolozayo nxamnye nabenzi bobubi.

◆ 1:7—Kuyintoni “ukoyika uYehova”?

Kukubonakalisa uloyiko, intlonelo enzulu noloyiko olufanelekileyo lokungamkholisi ngenxa yokuba sibuqonda ububele bakhe obunothando nokulunga kwakhe. “Ukoyika uYehova” kuthetha ukuvuma ukuba unguMgwebi Ophakamileyo noSomandla, enelungelo negunya lokuzisa isohlwayo okanye ukufa kwabo bangamthobeliyo. Kwakhona kuthetha ukukhonza uThixo ngokuthembekileyo, ukukholosa ngaye ngokupheleleyo, size sithiye okubi kuye.—INdumiso 2:11; 115:11; IMizekeliso 8:13.

◆ 2:7—Iyintoni ingqibelelo?

Amabinzana esiHebhere anxibelelene nengqibelelo anentsingiselo eyingcambu yala magama athi “konke” okanye “okupheleleyo.” Ngokufuthi achaza ukuziphatha okuhle nokuthe tye. Abo “bahamba ngengqibelelo” abajiki ekuzinikeleni kwabo kuYehova. Kuloo “malungisa” anjalo ‘uyingweletshetshe’ ekhuselayo ngenxa yokuba ebonakalisa ubulumko bokwenyaniso aze abambelele kwimilinganiselo yakhe yobulungisa.

Esikufundayo Koku: Ukuba siyamoyika uYehova, siya kulwamkela uqeqesho alunikelayo ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. Ukusilela ukwenjenjalo kuya kusibeka kudidi ‘lwezidenge,’ aboni abangahloneli Thixo. Ngoko masilwamkele uqeqesho lwakhe lothando.—IMizekeliso 1:7; Hebhere 12:6.

Buxabise Ubulumko

Funda IMizekeliso 3:1-4:27. Ukuze ube nengqiqo entle, “kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke.” Ulonwabo lunanditshwa ngabo babuxabisileyo ubulumko. Umendo wabo ufana nokukhanya okusoloko kukhanya, kodwa kufuneka beyilindile intliziyo yabo.

◆ 4:18—‘Umendo welungisa’ uya ukhanya ngakumbi njani?

Ukukhanya kwelanga kuya kukhanya ngakumbi kususela ekuzeni kokusa de “kube semini enkulu.” Ngokufanayo, ukukhanya kokomoya kuya kukhanya ngakumbi kubantu bakaYehova njengoko ixesha lihamba. Ngokuya sisondela ngakumbi kwiziganeko, ukuqonda kwethu iindlela eziphumelela ngayo iinjongo zikaYehova kuya kucaca ngakumbi. Iziprofeto zikaThixo ziyatyhileka kuthi njengoko umoya oyingcwele kaThixo unikela ukukhanya kuzo, nanjengokuba zizalisekiswa ziziganeko zehlabathi okanye kumava abantu bakaYehova. Ngaloo ndlela ‘umendo’ wabo ‘uba mhlophe ngokuba mhlophe.’

Esikufundayo Koku: Ukubonakalisa ubulumko bokwenyaniso nokuzivisisanisa nemiyalelo kaThixo kuya kusilondoloza ekusukeleni ikhondo lobudenge elinokukhokelela kukufa ngaphambi kwexesha. Ngokomzekelo, abo bayityeshelayo imiyalelo kaYehova enxamnye nokuziphatha okubi okungokwesini basenokufumana izifo ezidluliselwa ngesini ezinokuphumela ekufeni ngaphambi kwexesha. Ngoko masenze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, kuba ngokwenjenjalo buya kwandula ubulumko ‘bube ngumthi wobomi’ kuthi.—IMizekeliso 3:18.

Iindlela Zokubonakalisa Ubulumko

Funda IMizekeliso 5:1-9:18. Kukubonakalisa ubulumko ukuphepha ukuziphatha okubi uze “uvuye ngumfazi wobutsha bakho.” Apha kuchazwa izinto ezisixhenxe ezingamasikizi kuYehova, yaye kunikelwa izilumkiso nxamnye nokulukuhiwa lihenyukazi. Ubulumko obumntwisiweyo ‘yingcibi yomsebenzi’ kaThixo. Yaye “yingqalo yobulumko ukoyika uYehova.”

◆ 6:1-5—Ngaba esi siluleko sichasene nomoya wobubele?

Lo mzekeliso awuchasananga nobubele, nangona unikela isiluleko mayela nokuzifaka kwimicimbi yezoshishino yabanye, ngokukodwa abo ungabaziyo. AmaSirayeli ayemele amncede umzalwana wawo ‘othe wanzonza.’ (Levitikus 25:35-38) Kodwa bambi baye babandakanyeka kwimicimbi yezoshishino yokuthenga uthengise baze bafumana inkxaso yezemali ngokweyisela abanye ukuba ‘babamele,’ bethembisa ukubahlawula imali ababatyala yona ukuba kuyimfuneko. Ukuba ubani wayebandakanyeka kwimeko enjalo, mhlawmbi eqhutywa ngumoya wokuqhayisa, icebiso lobulumko yayikukuba azikhuphe kuyo ngaphandle kokulibazisa.—IMizekeliso 11:15.

◆ 8:22-31—Ngaba leyo yindlela nje obuchazwa ngayo ubulumko?

Hayi, kuba ubulumko bebusoloko bukho njengophawu lukaThixo ongunaphakade. (Yobhi 12:13) Noko ke, apha kuthiwa, ubulumko ‘baveliswa’ yaye ‘bukunye noYehova njengomsébenzi oyingcibi’ ebudeni bokudalwa komhlaba. Ubulumko obuchazwa apha nobumntwisiswa njengoNyana kaThixo bufanelekela isibakala sokuba ‘kufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.’—Kolose 1:15, 16; 2:3.

Esikufundayo Koku: Ngokukhankanya “imibingelelo” yakhe “yoxolo” ‘nezifungo’ zakhe, umfazi oziphethe kakubi ekuthethwa ngaye kwiMizekeliso isahluko 7 wayesenokuba ngobuqhophololo wayezama ukuzichaza ukuba ungumntu wokomoya. Imibingelelo yoxolo yayisenziwa ngenyama, umgubo wengqolowa, ioli nangewayini. (Levitikus 19:5, 6; 22:21; Numeri 15:8-10) Ngoko wayebonisa ukuba wayenentabalala yento edliwayo neselwayo endlwini yakhe, yaye “umfana oswele intliziyo” wayenokuzonwabisa apho. Lo ngumzekelo obonisa indlela umntu ophenjelelwa kokuphosakeleyo athi akhokelelwe ngayo kwindlela yokuziphatha okubi. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukusithobela esi silumkiso size siphephe isono esinjalo kuThixo!—Genesis 39:7-12.

Izinto Ezahlukeneyo Ezishukumisa Ukucinga

Funda IMizekeliso 10:1-15:33. Imizekeliso kaSolomon ngokuyintloko iqala ngezaci ezingafaniyo. Kodwa “ukoyika uYehova” kuyagxininiswa.—10:27; 14:26, 27; 16:16, 33.

◆ 10:26—Kutheni le nto kuthethwa ‘ngesaqhwithi’?

Beswele isiseko esakhelwe kwimigaqo yobulungisa, abangendawo bafana nezakhiwo ezingazinzanga ezithi ziwe xa kukho izaqhwithi ezinamandla. Kodwa amalungisa azinzile ngenxa yokuba akucingayo kusekelwe ngokuqinileyo phezu kwemigaqo yokuhlonel’ uThixo. Njengesakhiwo esinesiseko esiqinileyo, awadiliki phantsi kwengcinezelo.—Mateyu 7:24-27.

◆ 11:22—Unokufana njani umfazi nekhonkco legolide ethatheni lehagu?

Ikhonkco legolide lasempumlweni elifakwa kwicala lempumlo okanye kwinyama eyahlula imingxuma yempumlo lalibonisa ukuba umntu olinxibileyo yayingumntu ophucukileyo. Kodwa amaSirayeli ihagu ayeyijonga njengento engacocekanga nenyanyekayo. Ngoko umfazi olubhelukazi kodwa engenangqondo ufana nekhonkco legolide lasempumlweni elingafanelekanga ethatheni lehagu.

◆ 14:14—Umntu ongenalukholo waneliseka njani?

“Ontliziyo eshenxileyo [engenalukholo, NW]” waneliseka zizinto eziphathekayo aphila zizo. (INdumiso 144:11-15a) Ukwenza okuthe tye emehlweni kaThixo akubalulekanga kuye, yaye akacingi nto ngokuziphendulela kuYehova. (1 Petros 4:3-5) Kodwa “umntu olungileyo” uyaluchasa uqheliselo lwabantu abangenalukholo yaye uyaneliseka “zizenzo [yimiphumo, NW] zakhe.” Izilangazelelo zokomoya uzibeka tanci, abambelele kwimilinganiselo kaThixo, unovuyo olukhulu ngokukhonza Yena, yaye waneliswa ziintsikelelo zikaThixo.—INdumiso 144:15b.

◆ 15:23—‘Sinokuvuyiswa’ njani ‘yimpendulo yomlomo wethu’?

Oku kunokwenzeka ukuba isiluleko sethu siyathotyelwa size sivelise imiphumo emihle. Kodwa ukuze sikwazi ukunceda uthile, simele simphulaphule ngenyameko, siqwalasela oothunywahe ababangele ingxaki akuyo, size sisekele isiluleko sethu eBhayibhileni. “Ilizwi” elinjalo “azi lihle!”

Esikufundayo Koku: “Isimathane” siba nomsindo ngokukhawuleza xa sigxekwa okanye ‘sicukucezwa’ “kwangaloo mini.” Kodwa “onobuqili—umntu olumkileyo—uthandazela umoya kaThixo ukuze azeyise aze alandele iLizwi Lakhe. (IMizekeliso 12:16) Ngokwenjenjalo, sinokuphepha imbambano engakumbi enokuphumela ekwenzakaliseni thina nabanye ngokweemvakalelo nangokwasemzimbeni.

Imizekeliso Eyenziwe Ngokuthelekiswa Kwezinto

Funda IMizekeliso 16:1-24:34. La mazwi obulumko kaSolomon ngokungakumbi anikela ukhokelo ngokufaniswa kwezinto. Kwakhona okugxininiswayo apha ‘kukoyika uYehova.’—16:6; 19:23; 22:4; 23:17; 24:21.

◆ 17:19—Yintoni ephosakeleyo ngomnyango ophakamileyo?

Abantu abangayenzanga mifutshane iminyango kwizindiu nakwiintendelezo zabo zezindlu basesichengeni sokuba abantu abakhwele amahashe bangene ngaphakathi baze bathabathe iimpahia zabo. Kwakhona lo mzekeliso unokubhekisela kumlomo njengomnyango ophakanyiselwe phezulu ngokuziphakamisa nokuqhayisa. Intetho enjalo ibangela ingxabano ize ekugqibeleni ikhokelele kwintiekele.

◆ 19:17—Kutheni le nto ukunceda osweleyo kufana nokuboleka uYehova okuthile?

Abasweleyo bangabantu bakaThixo, yaye oko sikwenzayo kubo kubaIwa njengesikwenze kuye. (IMizekeliso 14:31) Ukuba uthando nobubele zisishukumisela ukuba sibonise ubabalo kwabasweleyo okanye sinikele izipho kumahlwempu, singalindele mbuyekezo kubo, ukupha okunjalo uYehova ukugqala njengokubolekwa kwakhe kangangokuba ude abuyisele ngobabalo nangeentsikelelo.—Luka 14:12-14.

◆ 20:1—“Ingumgxeki” njani iwayini?

Iwayini inokubangela ubani ozanelisa kuyo ngokugqith’ emgceni enze izinto ngokugxekayo nangendlela exokozelayo. Ekubeni ukusela kakhulu kuvelisa imiphumo emibi ngolo hlobo, amaKristu amele akuphephe.—1 Timoti 3:2, 3, 8; 1 Korinte 6:9, 10; IMizekeliso 23:20, 21.

◆ 23:27—Ihenyukazi lifana njani ‘nomngxuma nequla’?

Njengoko izilwanyana zazibanjiswa ‘kwimingxuma enzulu’ eyayembiwe ngabazingeli, ngoko abantu abangamaxhoba ehenyukazi babambiseka ekuziphatheni okubi. Lo “mfazi wolunye uhlanga” uchazwa elihenyukazi, ngokungathandabuzekiyo ngenxa yokuba inkoliso yamahenyukazi kwaSirayeli yayingabantu bezinye iintlanga. Ukukha amanzi ‘kwiqula elimxinwa’ kungumsebenzi omkhulu ngenxa yokuba imiphanda eyenziwe ngodongwe yaphuka ngokulula emacaleni. Ngokufanayo, abo bahambisana namahenyukazi basenokufumana imiphumo eylntlekele ngokweemvakalelo nangokwasemzlmbeni.—IMizekeliso 7:21-27.

Esikufundayo Koku: “Ingqina elixokayo” libonisa ukungabi nantlonelo ngoThixo yaye phantsi koMthetho lalinokubulawa. Ngenxa yoko ‘lalinokutshatyalaliswa’ ngabantu okanye nguYehova. (IMizekeliso 21:28; Duteronomi 5:20; 19:16-21; thelekisa IZenzo 5:1-11.) Kodwa ‘indoda evayo’ ngokunyamekileyo yayithetha kuphela xa iqinisekiie ngento eyivileyo. Ubungqina ebunikelayo babuma “kuphele,” yaye bungenakuthi kamva butyeshelwe njengobuxoki. Ngaphezu koko, yayingenakubulawa njengengqina elixokayo. Abo banikela ubungqina kwiikomiti ezigwebayo phakathi kwamaNgqina kaYehova bafaneie babe baphulaphule ngenyameko ukuze bakwazi ukunikela inkcazeio echanileyo, kuba ubungqina obungachananga okanye bobuxoki bunokonakalisa ngokomoya.

Imizekeliso Yokuthelekiswa Kwezinto Eluncedo

Funda IMizekeliso 25:1-29:27. Imizekeliso kaSolomon eyabhalwa ngamadoda kaKumkani uHezekiya ngokuyintloko ifundisa ngokuthelekisa izinto ezithile. Phakathi kwezinye izinto, ukuxhomekeka kuYehova kuyakhuthazwa.

◆ 26:6—Kutheni le nto kuthelekiswa okuthile ‘nokunqumla kukabani iinyawo zakhe’?

Umntu onqumla iinyawo zakhe wayeya kuba uzenza isiqhwala, kanye njengokuba ubani oqesha “isinyabi” esenza ugonyamelo olulimazayo kwizilangazelelo zakhe. Imbopheleleko enikwe umntu osisidenge iya kusilela. Hayi indlela ngoko ekububulumko ngayo, ‘ukucikida amadoda ukuba ayafaneleka na’ ngaphambi kokuwancomela imbopheleleko yebandla!—1 Timoti 3:10.

◆ 27:17—‘Bulolwa’ njani ubuso?

Njengoko intsimbi inokusetyenziselwa ukulola incakuba eyenziwe ngokufana nayo, omnye umntu usenokuphumelela ekuloleni imeko yobukrelekrele nobumoya bomnye umntu. Ukuba ukudimazeka nokudibana kwethu nabantu esingavisisaniyo nabo kusenza sizive sityhafile, ilizwi lovelwano lekholwa elinguwethu nokhuthazo olungokweZibhalo lunokuba loluhlaziya kakhulu. Imvakalelo yethu ebuhlungu iguqukela ekubeni yentle, yaye ithemba elivuseleweyo lisinika amandla okusihlaziya ngokutsha.—IMizekeliso 13:12.

◆ 28:5—Ibinzana elithi “izinto zonke” liquka ntoni?

Abo baqhelisela okubi bamfamekile ngokomoya. (IMizekeliso 4:14-17; 2 Korinte 4:4) “Abakuqondi okuseslkweni” okanye okufanelekileyo ngokwemilinganiselo kaThixo. Ngaloo ndlela abanakuyigweba ngokuchanileyo imicimbi baze benze izigqibo ezifanelekileyo. Kodwa abo “bamquqelayo uYehova” ngomthandazo nangokufundisisa iLizwi lakhe “baqonda izinto zonke” ezifunekayo ukuze bamkhonze ngendlela emkholisayo.—Efese 5:15-17.

◆ 29:8—Abantu abagxekayo ‘basiphembelela njani isixeko’?

Abagxeki abangalihloneliyo igunya bathetha ngokungxama. Ngaloo ndlela bebasa imililo yengxabano baze bavuthele amadangatye kangangokuba abantu besixeko sonke babe bayaphenjelelwa. Kodwa izilumko “ziyawudambisa umsindo,” zithetha ngobulali nangokunengqondo, ziwagalela amanzi amadangatye omsindo zize zibalaselise uxolo.—IMizekeliso 15:1.

Esikufundayo Koku: Ukuba siyaziphakamisa, ikratshi liya kubangela ukuba sithotywe. (IMizekeliso 29:23) Umntu onekratshi ngokunokwenzeka uyazikhukhumalisa, yaye oku kunokukhokelela ekubeni ahlazeke, akhubeke aze atshabalale. (IMizekeliso 11:2; 16:18; 18:12) UThixo unokuqiniseklsa ukuba loo mntu unekratshi uyathotywa, ngandlel’ ithile ebekwa kwindawo ephantsi, mhlawumbi kuse kwinqanaba lokuba atshatyalaliswe. Umntu onjalo unqwenela uzuko, kodwa abantu bazibona iindlela zakhe zinezothe. Noko ke, umntu ‘othobekileyo ekugqibeleni ufumana uzuko.’

‘Amazwi Anamandla’

Funda IMizekeliso 30:1-31:31. ‘Amazwi anamandla’ ka-Agure abonisa ukuba “yonke intetho kaThixo inyibilikisiwe.” Kukwachaza nezinto ekumangalisa kakhulu ukuziqonda, njalo njalo. (30:1-33) ‘Amazwi anamandla’ uLemuweli awathi wawafumana kunina alumkisa ngelithi ukusela isiselo esinxilisayo kunokujika isigwebo, abongoza umntu ukuba agwebe ngobulungisa, aze achaze umfazi olungileyo.—31:1-31.

◆ 30:15, 16—Ifundisa ntoni le mizekeliso?

Ibonisa ukunganeliseki komntu onomnqweno wokubawa. Izimungunyi-gazi zizingxala ngegazi, kanye njengokuba abantu ababawayo besoloko befuna ngamandla imali engakumbi okanye igunya. Ngokunjalo, elabafileyo ngungxow’ ayizali lihlala likhamisile ukuze lifumane amaxhoba okufa angakumbi. Isizalo esingazalanga ‘sikhalela’ abantwana. (Genesis 30:1) Umhlaba othwaxwe yimbalela uwasela onke amanzi emvula uze ngokukhawuleza ubonakale womile kwakhona. Yaye umlilo otshabalalise zonke izinto eziphoswe kuwo udangazela amadangatye athi alenye zonke izinto ezitshayo onokufikelela kuzo. Banjalo ke abantu ababawayo. Kodwa abo bakhokelwa bubulumko bokuhlonel’ uThixo abaqhutywa ngokungenasiphelo kukuzingca okunjalo.

◆ 31:6, 7—Kutheni le nto iwayinl inikwa abo “bamphefumio ukrakra”?

Isiselo esinxilisayo newayini ziziyobisi. Ngoko beziya kunikwa ‘lowo utshabalalayo,’ okanye ofayo, okanye ‘abo bamphefumio ukrakra’ ukuze benziwe bangazivi iintlungu nobunzima abakubo. Isiko lamandulo lokunika izaphuli-mthetho iwayini eyobisayo ukuze idambise intlungu yokufa inokucacisa isizathu sokuba amadindala aseRoma athi ayinika uYesu Kristu ngexesha lokubethelelwa kwakhe. Wayala iwayini enjalo ngenxa yokuba wayefuna ukuba azive zonke izinto ezazisenzeka kuye ngelo xesha lemvavanyo aze ngaloo ndlela alondoloze ingqibelelo yakhe kuThixo.—Marko 15:22-24.

◆ 31:15—Ngubani lo “mthinjana”?

Ngabantwana abangamantombazana abasekhaya aba kuthethwa ngabo apha. Babengenasizathu sokukhalaza befuna ukutya okanye befuna ukwabelwa umsebenzi. Umfazi okhutheleyo wayeyinika ukudla indlu yakhe aze aqinisekise ukuba lo mthinjana unento yokudla nemisebenzi omele uyenze.

Esikufundayo Koku: Njengabantu abangafezekanga, maxa wambi sisenokuthi ngobudenge ‘siziphakamise,’ sizabalazela ukuba sidunyiswe. Ukuba siyakwenza oku okanye sithethe ngomsindo, sifanele “sibeke isandla emlonyeni,” sizibamba ekuthetheni amazwi angakumbi ebeya kuthi ngokubhekele phaya axhokonxe lowo simonileyo. Kanye njengokuba ubisi lumele luzanyiswe ngamandla ukuze kwenziwe ibhotolo nokumongoza kwempumlo okudla ngokuba kufune ukuba uyicinezele, iIngxabano ke ivela xa abantu bephokozelana ngomsindo. (IMizekeliso 30:32, 33) Kwiimeko ezinjalo, hayi indlela ekububulumko ngayo ukuba ube yinkuku isikwe umlomo uze uthintele inkathazo engakumbi!

Zezinjani zona lingenelo esinokuzlfumana kwincwadi yeMizekeliso! La mazwi obulumko abalaselisa uloyiko lokuhlonela uYehova masiwalangazelele. Ukuwasebenzisa ngokuqinisekileyo kuya kusenza sonwabe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share