Iintsikelelo Zobuthixo ‘Kwabo Banengqiqo’
“Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.”—DANIYELI 12:3.
1. Emva kokuchaza ixesha lembandezelo elizela abaxhokonxi bemfazwe, ngokulandelayo isithunywa sezulu siphethulela ingqalelo entwenini?
ISIPROFETO sesithunywa sezulu esasidlulisela kuDaniyeli sichaza iziganeko ezisusela kwinkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo ukuza kutsho kwiArmagedon. Siye sabonisa ukuba uMikayeli uya kuluzisa uxolo emhlabeni ngekuphela kwendlela olunokubakho ngayo: ngokutshabalalisa abaxhokonxi bemfazwe. Ngoku, emva kokuyihlolisisa kwangaphambili ngendlela ephawuleka ngolo hlobo imbali, isithunywa sezulu sixela kusengaphambili ezinye zeentsikelelo ezityebileyo ezinanditshwa ngabantu bakaThixo “ekupheleni kwemihla.”—Daniyeli 10:14.
Ixesha Lovuko
2. Bambi ababefile ‘bavuka’ njani ebudeni bexesha ‘lasekupheleni kwemihla’?
2 Isithunywa sezulu simxelela oku uDaniyeli: “Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba, aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.” (Daniyeli 12:2) Ngokucacileyo, ixesha ‘lasekupheleni kwemihla’ lixesha lovuko, lokuvuka kwabo ‘baleleyo eluthulini lomhlaba.’ Okunye ukuvuka okunjalo kwathi kwaqalisa kamsinya nje emva kokuba uYesu waba nguKumkani ngowe-1914. (Mateyu 24:3) Ekhangele phambili kwelo xesha, umpostile uPawulos wabhala oku: “Thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. . . . Abafele kuKristu bavuke kuqala.” (1 Tesalonika 4:15, 16; ISityhilelo 6:9-11) Ngoko kuyacaca ukuba, kamsinya nje emva kowe-1914 uYesu wabavusela kubomi bokomoya ezulwini abo ‘boSirayeli kaThixo’ ababesele befe bethembekile. (Galati 6:16) Bona, babevukela “ebomini obungunaphakade.”
3, 4. Iqela labakhonzi abathembekileyo bakaThixo ‘lafa’ njani ngowe-1918?
3 Kodwa ngokungathandabuzekiyo amazwi esithunywa sezulu aquka olunye uvuko. Malunga neminyaka engama-40 ngaphambi kowe-1914, iqela elincinane lamaKristu lalilumkisa ukuba loo nyaka wawuya kuphawula ukuphela kwamaXesha Eentlanga njengokuba uYesu waprofetayo. (Luka 21:24) La maKristu abangela ukuba kumiselwe iZion’s Watch Tower Tract Society ngowe-1884, ibe apapasha oko akufundayo kuphengululo lwawo lweBhayibhile kulindixesha owayebizwa ngokuba yiZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence.
4 Ngowe-1914 inyaniso yesigidimi sawo yangqinelwa ngokuphawulekayo xa imfazwe yehlabathi yokuqala yathi yaqhambuka, yaza “inimba” eyaxelwa kwangaphambili nguYesu yaqalisa. (Mateyu 24:7, 8) Sekunjalo, iintshaba zawo zonqulo zasebenzisa umoya wemfazwe owawukho ukuze ziwatshutshise de ekugqibeleni, ngowe-1918, umsebenzi wawo wokushumayela waba uvalwe ngokupheleleyo, ibe abakhonzi abaphambili beWatch Tower Society baphoswa entolongweni ngokungekho sikweni. Oku kwabangela uvuyo olukhulu kwiindawo ezithile. Kwazalisekisa nesiprofeto esibhalwe kwincwadi yeSityhilelo: “Xa athe abufeza ubungqina bawo, irhamncwa elinyuka liphuma enzonzobileni liya kwenza imfazwe nabo, liweyise, liwabulale.”—ISityhilelelo.
5, 6. Amava eli qela ngowe-1919 akubonisa njani ukuzaliseka kwesiprofeto sokuba “kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba”?
5 Noko ke, ngokutsho kwesiprofeto ayengayi kuhlala ‘efile.’ “Emva kwemihla emithathu nesiqingatha somhla, umoya wobomi ophume kuThixo wangena kuwo, ema ngeenyawo zawo; baza bawelwa luloyiko olukhulu abo bawabonayo. . . . Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.” (ISityhilelo 11:11, 12; Hezekile 37:1-14) Ngokucacileyo uvuko lwawo lwalulolokomfuziselo, ekubeni ukuvuka ngokoqobo bevukela kubomi bokomoya ezulwini kwakungayi kubonakala kwiintshaba zawo. Endaweni yoko, bavuka ukusuka kwimeko yokungasebenzi ngokungathi bafile ukuya kwimeko yodlamko neyokusebenza ngenkuthalo bebonwa ngokupheleleyo ngabo babenze iyelenqe lokubaphelisa. Ngowe-1919 abameli beWatch Tower Society bakhululwa entolongweni, umsebenzi wokushumayela walungelelaniswa ngokutsha, ibe ihlabathi labona ukuqalisa kwelona phulo likhulu lokunikela ubungqina ngoBukumkani embalini.—Mateyu 24:14.
6 Ngale ngqiqo yokomfuziselo, ‘abaninzi abalele eluthulini lomhlaba bavuka.’ Ngoko, ukususela kowe-1919, elo qumrhu lincinane livusiweyo laBafundi beBhayibhile laqalisa ukufuna nokuhlanganisa abaseleyo babazaIwana bakaYesu ukuze inani elipheleleyo le-144 000 libe lalingatywinwa. (Mateyu 24:31; ISityhilelo 7:1-3) Njengokuba abantu ngabanye babesabela, bazahlulela kuThixo ngoKristu baza baba ngamalungu entlangano ebonakalayo kaYehova esemhlabeni.’ (Efese 2:5-7) Ngokuzuza kwabo isipho sesisa somoya oyingcwele, babalelwa ekubeni bangamalungisa ngesizinzi sokholo lwabo kwidini lentlawulelo likaYesu yaye babesamkelwa njengoonyana bakaThixo ngokwendlela yokomoya.—Roma 8:16; Galati 2:17; 3:8.
7. Kwabaninzi beli qela, oku kuya kungqineka njani ikukuvuselwa “ebomini obungunaphakade”?
7 Abo kubo bathi bahlale bethembekile kude kuse kwisiphelo sobomi babo basemhlabeni banethemba eliqinisekileyo lokufumana iindawo zabo ezulwini bephahle uYesu Kristu. (1 Korinte 15:50-53) Ngaloo ndlela, ukuvuswa kwabo bekwimeko yokomoya kubenza bazuze ubomi obungunaphakade. Ngoxa besaphila kulo mhlaba, banoxolo phakathi kwabo nakubeni bephila kwihlabathi elineemfazwe. (Roma 14:19) Kodwa okubaluleke ngakumbi kukuba, banandipha uxolo noYehova uThixo, “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda.”—Filipi 4:7.
Ukuvukela “Kwingcikivo”
8, 9. Kungayiphi indlela ekungathi oku kuvuka kokomoya kube kukuvukela “kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade”?
8 Kutheni ke le nto, bambi ‘bevukela kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade’? Inyaniso ikukuba, asingabo bonke abo basamkelayo isimemo sokuba yinxalenye yodidi lobu Bukumkani abahlala bethembekile. Bambi bavumela ukholo lwabo lube buthathaka baze banganyamezeli. (Hebhere 2:1) Bambi bade babe ngabawexuki kuze kufuneke basuswe kwibandla lamaKristu. (Mateyu 13:41, 42) Abantu abanjalo bachazwa nguYesu ‘njengomkhonzi okhohlakeleyo’ ethi iNkosi yakhe imohlwaye ‘ngokumsika kubini,’ imbalela kubahanahanisi. “Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.”—Mateyu 24:48-51; Efese 4:18; 5:6-8.
9 Enjani yona intlekele ekuyiyo ukwamkela elona lungelo liphakamileyo elakha lanikwa abantu abangafezekanga uze ke ulicekise! Ebhekisela kwabo benza izinto ngale ndlela, umpostile uPawulos wathi: “Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngomoya oyingcwele, bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho, baza babuya bakreqa: akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.” (Hebhere 6:4-6) Ngale ndlela, uvuko lwabo luguqukela ekubeni lube ‘lolwengcikivo nolwenyumnyezi engunaphakade.’ Abanathemba limbi lobomi obungunaphakade.
‘Ukukhanya Njengezikhanyiso’
10. Ngoobani “abo banengqiqo” ibe ‘bakhanya njani njengezikhanyiso’?
10 Kodwa ngokubhekisele kwabo bahlala bethembekile, isiprofeto sithi: “Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka; nababajikela abaninzi ebulungiseni bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.” (Daniyeli 12:3) Ngokucacileyo “abo ke banengqiqo” ngamalungu asaseleyo nathembekileyo ebandla lamaKristu athanjisiweyo, abo ‘bazaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, benokulumka nokuqonda konke okukokomoya.’ Besomelezwa nguYehova, ‘bade base kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; bebulela kuye uYise, owabenza bakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni.’ (Kolose 1:9, 11, 12) Ukususela ngowe-1919, nangona ‘ubumnyama buwugubungele umhlaba, nesithokothoko sizigubungele izizwe,’ ‘bebekhanya njengezikhanyiso’ phakathi koluntu. (Isaya 60:2; Filipi 2:15; Mateyu 5:14-16) ‘Babengezela njengelanga ebukumkani boYise wabo.’—Mateyu 13:43.
11. Kungayiphi indlela abathi “abo ke banengqiqo” bangqineke ‘bengabo bajikela abaninzi ebulungiseni’?
11 Bazingqina njani ke bengabo “bajikela abaninzi ebulungiseni”? (Daniyeli 12:3) Ngenxa yokunikela kwabo ubungqina ngokuthembeka, abokugqibela boSirayeli wokomoya baye bahlanganiswa baza babalelwa ekubeni bangamalungisa azuza ubomi emazulwini. Ukongezelela, isihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu’ siye sazibonakalisa, sithontelana ekukhanyeni kukaYehova okubonakaliswa ‘ngabantu bakuloDaniyeli.’ (Yohane 10:16; Zekariya 8:23) Ezi ‘zimvu zizezinye’ ngokuvumayo ziye zazidibanisa nabathanjisiweyo kumsebenzi wabo wokushumayela “iindaba ezilungileyo.” (Mateyu 24:14; Isaya 61:5, 6) Nazo, ziqhelisela ukholo kwigazi elaphalalayo likaYesu Kristu, kangangokuba nazo zibalelwa ekubeni zingamalungisa ukuze zinandiphe ubuhlobo noThixo. (ISityhilelo 7:9-15; thelekisa uYakobi 2:23.) Ukuba zihlala zithembekile kude kuse ekupheleni, amagama azo aya kuqhubeka ‘efumaneka ebhaliwe encwadini.’ Ngaloo ndlela, zisengalindela ukusinda kwelona thuba lentlekele kwawakha athwaxa iintlanga.—Daniyeli 12:1; Mateyu 24:13, 21, 22.
“Baya Kukhazimla . . . Ngonaphakade”
12, 13. (a) Kwenzeka njani ukuba “abo ke banengqiqo” bakwazi ‘ukukhazimla ngonaphakade’? (b) Baya kungqineka njani, ngenye indlela, ‘bengabo bajikela abaninzi ebulungiseni’?
12 Isithunywa sezulu samxelela oku uDaniyeli: “Abo ke banengqiqo baya kukhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka . . . njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.” (Daniyeli 12:3) Abathanjisiweyo banokukhazimla njani ngonaphakade, ekubeni ngamnye eya kuthi ekugqibeleni afe? Ngendlela yokuba baya kuqhubeka “bekhazimla” kwanasemva kokufa. Ebachaza bekwisikhundla sabo sasezulwini, uYesu usixelela oku kwincwadi yeSityhilelo: “Itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo [umzi, NW]; abakhonzi bakhe bamkhonze, babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo. Akuyi kubakho busuku khona; abafuni sibane, nakukhanya kwelanga, ngokuba iNkosi uThixo ibakhanyisela; baya kuba ngookumkani, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.”—Sityhilelo
13 Ewe, aba bavusiweyo baya kulawula njengookumkani abanjengeenkwenkwezi emazulwini, “kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” Ukuqaqamba kwabo kokomoya kuya kuzisa iintsikelelo ezininzi kuluntu. (ISityhilelo 14:13) Ibachaza ‘njengeYerusalem Entsha,’ incwadi yeSityhilelo ithi: “Umzi lowo awufuni langa, kwanenyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisele, nayo iMvana isisibane sawo. Iintlanga zabasindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.” (ISityhilelo 21:2, 9, 23, 24) Abo bavusiweyo baya kuncedisa ekusebenziseni iingenelo zedini lentlawulelo ‘ukuze kuphiliswe iintlanga.’ (ISityhilelo 22:2) Ngasekupheleni koLawulo Lweminyaka Eliwaka, xa uYesu nookumkani nababingeleli abanxulumene naye abali-144 000 beya kube bebuyisele abantu abathembekileyo kwimfezeko, eneneni baya kube bezise “abaninzi ebulungiseni.” Emva kovavanyo lokugqibela ngelo xesha, uluntu olubuyiselweyo luya kubumba ibutho labantu abafezekileyo abaphila kumhlaba oyiparadisi ngonaphakade. (ISityhilelo 20:7-10; INdumiso 37:29) Ngale ndlela, imiphumo ebonakalayo yozuko lwasezulwini ‘lwabantu bakuloDaniyeli’ nayo iya kuhlala “ngonaphakade kanaphakade.”
Olunye Uvuko
14. Isiprofeto esithi “kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba” siya kuquka noobani?
14 Ekugqibeleni, amazwi esithunywa sezulu asisa kwixesha elingaphaya ‘kokusukuma’ kukaMikayeli ‘nakwixesha lembandezelo’ engenakulinganiswa nanto ukuya kutsho kanye kwinkqubo entsha yezinto. Ngaphezu koko, iintsikelelo eziza ngaba bakhazimla “njengeenkwenkwezi” aziyi kupheleliselwa kwabo basinda kwelo “xesha lembandezelo.” UYesu, ngoxa wayesengumntu emhlabeni, wathi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi beze eluvukweni lokugwetywa.” (Yohane 5:28, 29) La mazwi alatha ekuvusweni okukokoqobo koluntu olufileyo, yaye ngokungathandabuzekiyo olu vuko, lukwayinzaliseko engakumbi yamazwi esithunywa sezulu: “Kuya kuvuka abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba.”—Daniyeli 12:2.
15. Abo baya kuvuswa ngelo xesha, baya kungqineka njani bevuselwa “ebomini obungunaphakade”?
15 Phakathi kwabo baqukwa kolu vuko lukhethekileyo iya kuba nguDaniyeli. Isithunywa sezulu samxelela oku: “Wena ke, hamba uye ekupheleni. Uya kuphumla [uya kulala ekufeni], uvuke, uye eqashisweni lakho ekupheleni kwemihla.” (Daniyeli 12:13) Abo baya kuthi njengoDaniyeli bavuswe ngelo xesha nabathi basabele kubulungiseleli bukaYesu nobabazalwana bakhe abasezulwini baya kuvuswa bengabantu abafezekileyo. Xa bephumelela kuvavanyo lokugqibela, amagama abo aya kubhalwa ngokusisigxina encwadini yobomi. (ISityhilelo 20:5) Nabo, baya kuvuselwa “ebomini obungunaphakade.”
16. Ngoobani ekuya kuthi ukuvuselwa kwabo kwinkqubo entsha yezinto kungqineke ikukuvuselwa “kwinyumnyezi engunaphakade”?
16 Noko ke, asingabo bonke abaya kusabela ngolo hlobo. Alithandabuzeki elokuba bambi baya kuzama ukubuyisa izinto eziye zabangela ukuba umntu angabikho luxoIweni ithuba elide. Abantu abanjalo banesi silumkiso sibafaneleyo siseBhayibhileni: “Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.” (ISityhilelo 21:8) Oku “kufa kwesibini” kungumgwebo ongqalileyo ovela kuYehova ekungekho luvuko kuwo. Kukuba kwelokulibala ngonaphakade nangokungenasiphelo. Abo bavusiweyo nabathi bazingqine bengenaluxabiso baya kubandezelwa koku kufa kwesibini; kungoko, beya kuvuselwa “kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.”—Daniyeli 12:2.
“Kwandiswe Ukwazi”
17. Sazi njani ukuba isiprofeto esingokumkani wasentla nokumkani wasezantsi ubukhulu becala sabhalelwa ukuze kungenelwe thina namhlanje?
17 Sandula ke isithunywa sezulu simluleke ngala mazwi uDaniyeli: “Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.” (Daniyeli 12:4) La mazwi anomtsalane kuthi. Nangona isiprofeto sesithunywa sezulu mayela nookumkani ababini saqalisa ukuzaliseka kwiminyaka enokuba ngama-2 300 eyadlulayo, ukuqondwa kwaso kuye kwatyhilwa ngokuyintloko ebudeni ‘bexesha lokuphela,’ ingakumbi ukususela kowe-1919. Kule mihla, ‘baninzi abayiphengululayo’ iBhayibhile, ibe ngenene ulwazi lokwenyaniso luye lwanda. Ngoku eli lixesha athe ngalo uYehova wanikela ulwazi kwabanengqiqo.
18. (a) Ziziphi iinxalenye eziphambili zeziprofeto ezizalisekayo ngoku okanye esele ziza kuzaliseka? (b) Sisiphi isimo sengqondo esilungeleleneyo esisinikwa koku?
18 Into yokuba iimbalasane eziliqela zesiprofeto zaye zazaliseka kwiinkulungwane ezadlulayo iluncedo ekomelezeni ukholo lwethu kwiinxalenye zesiprofeto eziseza kwenzeka. (Yoshuwa 23:14) Namhlanje ihlabathi libandakanyeke kukruthakruthwano Iwemfazwe oluphakathi kokumkani wasentla nokumkani wasezantsi, kanye njengokuba isithunywa sezulu saxela kusengaphambili. Ngaphezu koko, esi siprofeto silumkisa ngamaxesha ade anengozi ngakumbi asengaphambili. Ngoko siyancedwa ukuba sihlale sixhathisile size sikuphephe ukwenziwa sixengaxenge yinkohliso yomnye waba kumkani. Eli lixesha lokuba siqinisekise ukumthemba kwethu uYehova. Ungaze ulibale ukuba “uMikayeli umthetheli omkhulu” ‘umela’ abantu bakaThixo. Ekuphela kwendlela eqinisekileyo esinokusindiswa ngayo kukuzithoba kuBukumkani bukaThixo ekulawula uKristu Yesu kubo.—IZenzo 4:12; Filipi 2:9-11.
19. Amazwi isithunywa sezulu esawathetha kuDaniyeli abaluleke ngantoni kuthi sonke?
19 Ngoko, namathela kwabo “banengqiqo,” abo ‘bakhazimla njengokukhazimla kwesibhakabhaka.’ Hlala ukhuthele ekusebenzeleni uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 15:58; Roma 15:5, 6) Kwenze nzulu ukuyithanda kwakho inyaniso yeLizwi likaThixo, uze uluxabise ngokunzulu uxolo olukhoyo kwanangoku kwintlangano kaThixo. (INdumiso 119:165; Efese 4:1-3; Filipi 2:1-5) Ngoko, xa uMikayeli ‘esuka eme’ ukuze acumze iintshaba zikaYehova, kwanga ungasinda, nabo bonke abantu bakaThixo abanamagama ‘afunyanwa ebhaliwe encwadini.’
Unokuphendula Na?
◻ “Abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba” sele bevuswe ngayiphi indlela?
◻ Kunokwenzeka njani ukuba oku ‘kuvuka’ kuguqukele ekubeni ‘yingcikivo’?
◻ “Abo ke banengqiqo” bakhanya njani njengezikhanyiso ibe babajikela njani abaninzi ebulungiseni?
◻ Yiyiphi inzaliseko eza kubakho mayela ‘nabo baleleyo eluthulini lomhlaba’?
◻ UDaniyeli 12:4 uzaliseka njani?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukususela ngowe-1919 abo banengqiqo bebekhanyisa inyaniso enika ubomi
[Inkcazelo]
Umfanekiso weNASA