Unqulo Neenkolo Ngaba Zihlobene Okanye Zichasene?
NGOMGQIBELO, ngoJuni 11, 1983, abemi besiqithi saseIndonesia eJava babenokubonwa begxalathelana ukuya ezindlwini zabo, bebhuduzela bengciba zonke iintanda emaphahleni, kwiifestile nakwiminyango. Sasibangelwa yintoni esi siphithiphithi? Kwakuza kuba mnyama ngenxa yokusithwa kwelanga ngumhlaba, yaye abemi besi siqithi babesoyikela ukuba isithunzi esasiza kubangelwa kukusithwa kwelanga sasiza kungena ngaphakathi ezindlwini zabo size sibangele intlekele.
Abemi bamazwe afane abizwe ngokuba ngasakhasayo badla ngokuba neenkolelo ezinjalo baze bazidibanise nemicimbi yonqulo. Ngaloo ndlela, kwiindawo ezithile zaseAfrika, abantu bayakuphepha ukuhamba elangeni emini emaqanda kuba “basenokuphambana.” Abantwana abavunyelwa ukuba batye amaqanda, ngenxa yokoyikela ukuba “baya kuba ngamasela.” Abazali abalichazi ngokuthe ngqo inani labantwana babo, kuba “amagqwirha asenokukuva uqhayisa aze athabathe omnye wabo.”—African Primal Religions.
Abantu baseNtshona bayakuthanda ukuluhleka uqheliselo olunjalo njengolubonisa uloyiko olubangelwa ziinkolo, isiqhamo ‘sokungazi kwabahedeni.’ Kanti, asingobantu abangengomaKristu kuphela abaneenkolelo ezinjalo. Unjingalwazi wezithethe neelwimi ezithethwa eJamani, uGqr. Wayland Hand, uthi, “ziyafumaneka phakathi kwabantu jikelele ehlabathini.” Yena nomntu asebenza naye uGqr. Tally sele befumanise malunga nesigidi seendidi zeenkolo eUnited States kuphela.
Belangazelela ukwazi ngekamva labo, abaninzi ekufane kuthiwe ngamaKristu babhenela ekuvumiseni ngeenkwenkwezi—enye yezona ntlobo zindala zeenkolo. Yaye ngokungaqhelekanga, maxa wambi iinkolo zixhaswa zize zikhuthazwe ngokuphandle ziinkokeli zonqulo. Ngokomzekelo, ngemini ebandayo eNew York, ngoJanuwari 10, 1982, umfundisi uVasilios we-Eastern Greek Orthodox waqhuba inkonzo yoMthendeleko eyayikwindawo evulekileyo ukuze kubhiyozelwe iSidlo se-Epiphany. INew York Post ichaza ukuba, emva koko, waphosela umnqamlezo wegolide kuMlambo iEast waza waxelela ababukeli ukuba umntu wokuqala owayenokuphinda awufumane loo mnqamlezo wayeya kufumana amathamsanqa ubomi bakhe bonke.
Kodwa ngaba iinkolelo zobuKristu kwaneenkolo ziyavisisana? Omnye umbhali wakha wathi: “Kwingcwaba lokholo kutyatyamba iintyatyambo zeenkolo.” Ngoko ke, ngaba ubungenakulindela ukuba unqulo lwamaKristu luluchase luze luluphelise uloyiko olubangelwa ziinkolo?
Unqulo—Ngaba Luyaluphelisa Uloyiko Olubangelwa Ziinkolo?
Unqulo oluyinyaniso lumele luluphelise, ibe lwakwenza oko kwinkulungwane yokuqala. Nangona amaKristu okuqala ayehlala kwilizwe lamaRoma elalizaliswe ziinkolo, azigatya iinkolo. Kodwa emva kokufa kwabapostile bakaKristu, iimfundiso ezibubuxoki ezingokonqulo, kuquka neenkolo, zaqalisa ukudlulela ebandleni. (1 Timoti 4:1, 7; IZenzo 20:30) Ngokutsho kwencwadi ethi A History of the Christian Church abefundisi baqalisa ukubonakala kangangokuba, bahambisana noqheliselo lokuvumisa ngeenkwenkwezi nokwamkela ezinye iinkolo. Ekuhambeni kwexesha uqheliselo oluthandwa ngolo hlobo lwabizwa ngokuba “lolobuKristu.”
Kuthekani namhlanje? Unqulo lusaqhubeka luhambisana namasiko eenkolo. Cinga nje ngeSuriname, apho abantu abafane babizwe ngokuba ngamaKristu abayinzala yaseAfrika banokubonwa ngokufuthi befake amakhubalo emqaleni ukwenzela ukukhuseleka okucingelwayo kwimimoya engendawo. Omnye umakhi-mkhanya uthi: “Imihla yonke aba bantu bayaphila, bayatya, bayasebenza baze balale besoyika.” Kulo lonke ihlabathi izigidi zabantu ngendlela efanayo zoyika “imimoya” yabafi. Ngendlela ephikisanayo, unqulo beludla ngokuzikhuthaza iinkolo ezinjalo.
Ngokomzekelo khawuqwalasele oko kwenzekayo kwisiqithi saseAfrika iMadagascar. Xa abavangeli beNgqobhoko baqalisa ukusasaza iimfundiso zabo, abantu baseMadagascar babezamkela kodwa bengavumi ukulahla iinkolelo zabo ezingokwesithethe. Zathini ke iiCawa ngale nto? Iphephandaba laseKenya, iDaily Nation lithi: “Abavangeli bokuqala bakunyamezela oku yaye babebhetyebhetye baza bayamkela le meko.” Waba yintoni umphumo? Namhlanje, basisiqingatha abantu baseMadagascar ababizwa ngokuba ngamaKristu. Kanti, kwakhona boyika “nemimoya” yeminyanya! Ngaloo ndlela, ngokuqhelekileyo bamema umfundisi ukuba asikelele amathambo omnyanya ngaphambi kokuba abuyiselwe kwakhona kwingcwaba lentsapho. Ewe, iinkokeli zonqulo ziye zabuhambisela phambili ubuxoki bokuba uThixo, uMtyholi neminyanya banokucengwa, banokuzukiswa, baze banyotywe ngokugcinwa kweenkolo.
Kwenzeka into efanayo kuMzantsi Afrika, apho abemi bakhona abangama-77 ekhulwini bathi bangamaKristu nenani labantu abahamba iCawa liphakamile. Kanti, unqulo lwezithethe lwaseAfrika, nokoyika kwabantu iminyanya ngenxa yeenkolo, lusafumaneka apha naphaya phakathi kwabo bantu bangabahambi-cawa bazizigidi. Ngaloo ndlela, kumazwe amaninzi afane abizwe ngokuba ngawamaKristu, unqulo lubonakala lungenazo iinkolo. Ukuba uqwalasela kakuhle, unokubona ukuba iinkolo zakudala zisekho yaye zisasetyenziswa.
Noko ke, unqulo lokwenyaniso, luyaluphelisa uloyiko olubangelwa ziinkolo. Luluphelisa njani? Undoqo lulwazi. Ulwazi lwantoni? Yaye unokulufumana njani?