“UKristu, UNyana KaThixo Ophilileyo”
EMVA kokuba abafundi bakhe beyinikele ingxelo yokuba abantu babesithi wayengubani na, uYesu wabuza esithi: “Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo.”—Mateyu 16:15, 16.
Ngaba yayinguPetros yedwa owafikelela kwesi sigqibo? Nakanye! Phawula ukuba ngoobani abanye abakwenzayo oku, uze uphawule nesiseko sokumazi kwabo.
ABAXHASI BOKUQALA: Phakathi kwabanye, uYohane uMbhaptizi, umfundi uNataniyeli noMarta, noSawule waseTarso bonke babembiza uYesu ngokuba nguNyana kaThixo. (Mateyu 14:33; Yohane 1:33, 34, 49; 11:27; IZenzo 9:20) Inkoloseko yabo yomelezeka njengoko babebona indlela ezazizaliseka ngayo kuYesu iziprofeto ezazenzelwe ukufanisa uMesiya othenjisiweyo.
ABACHASI BOKUQALA: AmaYuda awayefuna ukubulala uYesu ayebhekisela kuye njengoNyana kaThixo, njengoko enzayo amadindala awayekho ngethuba lokubethelelwa kwakhe. (Mateyu 27:54; Yohane 19:7) Nangona oku ngokuyimfuneko kungabonisi ukuba abo bachasi banjalo babenokholo, ubuncinane kubonisa ukuba babeqhelene noko abanye babekuthetha ngoYesu; kwaneziganeko ezazingaphezu kwamandla endalo ezenzeka ngethuba lokubethelelwa kwakhe ngokucacileyo zabangela ukuba abanye babo baphinde bawuqwalasele umbuzo wokuba ungubani na.
IZITHUNYWA ZEZULU: Xa sasivakalisa ukuzalwa kukaYesu, isithunywa sezulu uGabriyeli sambiza ngokuba nguNyana kaThixo. (Luka 1:32, 35) Kwanabantu ababephethwe ziidemon phantsi kwempembelelo yezithunywa ezingendawo babedanduluka besithi: “Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo?” (Mateyu 8:28-32) Ngenxa yokuba uYesu wayekho ezulwini ngaphambi kokuba abe ngumntu, kucacile ukuba izithunywa ezilungileyo kwanezingalunganga zaziya kumazi ukuba wayengubani na.
UYESU NGOKUNOKWAKHE: UYesu akazange aqhayise ngokuba nguNyana kaThixo kwakhe ngenzame yokuba athandwe ngabanye okanye ukuthanda udumo oluziswa lolu lwalamano. Ngokwahlukileyo koko, kumaxesha amaninzi ngokuthobekileyo wayebhekisela kuye ‘njengoNyana woMntu.’ (Mateyu 12:40; Luka 9:58) Kodwa kwizihlandlo eziliqela wakuvuma ukuba unguNyana kaThixo.—Yohane 5:24, 25; 10:36; 11:4.
UYEHOVA UTHIXO: Ngubani owayenokuchaza uYesu Kristu ngegunya elikhulu ngaphandle kukaYehova uThixo? Kangangezihlandlo ezibini uYehova wanikela obu bungqina esezulwini: “Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.”—Mateyu 3:17; 17:5.
UThixo Wakholiswa NguYesu—Ngaba Wena Uyakholiswa Nguye?
Ngenkulungwane yokuqala, amawaka abantu amamkela uYesu ngenxa yoko wayekuko: uMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu, owa-,thunyelwa emhlabeni ukuze athethelele ulongamo lukaYehova nokuze anikele ngobomi bakhe ukuba bube yintlawulelo yoluntu. (Mateyu 20:28; Luka 2:25-32; Yohane 17:25, 26; 18:37) Ngethuba lokujongana nenkcaso ekrakra, kwakungahle kube ngenkankulu ukuba abantu bashukunyiselwe ekubeni ngabalandeli bakaYesu ukuba babengaqinisekanga ukuba ungubani na. Ngenzondelelo nangenkuthalo, bawamkela umsebenzi awayebanike wona, ‘wokwenza abafundi abantu bazo zonke iintlanga.’—Mateyu 28:19.
Namhlanje, izigidi zabafundi abangamaKristu ziyazi ukuba uYesu akangomntu wasentsomini. Zimamkela njengoKumkani obekwe kwitrone yasezulwini woBukumkani bukaThixo obumiselweyo, othi ngoku ngokunenkqubela alawule umhlaba nemicimbi yawo. Lo rhulumente kaThixo uzayo uziindaba ezamkelekayo kuba uthembisa ukuzisa inkululeko kwiingxaki zehlabathi. La maKristu okwenyaniso abonisa ukurnxhasa kwawo ngeentliziyo ezipheleleyo lo Mlawuli unyulwe nguThixo ngokuvakalisa “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” kwabanye.—Mateyu 24:14.
Abo baxhasa ilungiselelo loBukumkani ‘ngoKristu, uNyana kaThixo ophilileyo,’ baya kuphila ukuze banandiphe iintsikelelo ezingunaphakade. Ezi ntsikelelo zinokuba zezakho nawe!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
Izigidi ezazikhe azaqiniseka ukuba uYesu ungubani ngoku zimanyene etumxbseni njengoMlawuli woBukumkani bukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UPetros wamchaza uYesu enguye “uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.” Namhlanje enjenjalo amaNgqina kaYehova angaphezu kwezi-3 000 000