Ukuqonda Umgaqo Kubonakalisa Ukuqola
UNXULUMANO olubi lonakalisa imikhwa emihle. Uvuna okuhlwayelayo. (1 Korinte 15:33; Galati 6:7) Enoba kuthethwa ngokwenyama okanye ngokomoya, nganye kwezi nkcazelo ingumzekelo wenyaniso esisiseko—umgaqo—yaye nganye kuzo inikela isiseko semithetho. Noko ke, imithetho, isenokufika iphinde idlule, yaye idla ngokusebenza kwiimeko ezithile kuphela. Kanti kwelinye icala, imigaqo isebenza ngokubanzi, yaye yona inokuhlala ngonaphakade. Ngaloo ndlela, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sicinge ngemigaqo naphi na kunokwenzeka.
IWebster’s Third New International Dictionary ichaza umgaqo ngokuthi “yinyaniso esebenza kwizinto ezininzi okanye esisiseko: ngumthetho odibanisa izinto eziliqela nosisiseko, imfundiso, okanye inkolelo, esekelwe kuyo eminye imithetho.” Ngokomzekelo, emntwaneni usenokunikela lo myalelo, “Musa ukusiphatha isitovu.” Kodwa xa uthetha nomntu omdala ukuthi, “Isitovu sishushu” kwanele. Phawula into yokuba le nkcazelo yamva ibanzi ngakumbi. Kuba ikubonisa oko unokukwenza—mhlawumbi ukupheka, ukubhaka, okanye ukucima isitovu—ngokungathi kunjalo iba ngumgaqo.
Kambe ke, imigaqo ebalulekileyo ebomini yeyokomoya; ilawula indlela esimnqula ngayo uThixo nolonwabo lwethu. Noko ke, abanye abazidubi ngokucinga ngemigaqo. Xa kufuneka benze isigqibo bona bakhetha nje elona cala lehlelayo lomthetho. Oku akubobulumko kwaphela yaye kuyangqubana nomzekelo owamiselwa ngamadoda athembekileyo akudala awayephila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile.—Roma 15:4.
Amadoda Awayehamba Ngomgaqo WobuThixo
Kumadoda angafezekanga, uAbheli unokubizwa ngokuba yindoda yokuqala ngqa ukuhamba ngomgaqo wobuthixo. Kuyabonakala ukuba wacinga nzulu ngedinga ‘lembewu’ yaye eqonda ukuba ukukhululeka esonweni kwakuza kubandakanya umbingelelo wegazi. (Genesis 3:15) Ngaloo ndlela wanikela kuThixo “ethabatha kumazibulo ezimvu zakhe.” Ibinzana elithi “kwezinamanqatha” libonisa ukuba uAbheli wanika uYehova okona kulungileyo wayenako. Kodwa, kwaye kwadlula iminyaka engaphezu kwamawaka amabini emva kokufa kuka-Abheli awathi uThixo wachaza ngokweenkcukacha izinto ezazifuneka kumadini. Ngokwahluke mpela kule ndoda yoyika uThixo neyayihamba ngomgaqo inguAbheli, umkhuluwa wakhe uKayin naye waziva efun’ ukwenzela uThixo umbingelelo kungekho nto imtyhalayo. Kodwa isimo sengqondo sakhe sasingathandeki, kukho nto ithile ngokuphathelele umbingelelo wakhe ediza intliziyo engenamgaqo.—Genesis 4:3-5.
NoNowa wayeyindoda eyayihamba ngomgaqo wobuthixo. Ngoxa ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba uThixo wamyalela ngokuthe ngqo ukuba akhe umkhombe, akukho myalelo sifunda ngawo owathi makashumayele kwabanye. Kodwa, uNowa ubizwa ngokuthi ‘ngumshumayeli wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Ngoxa kusenokwenzeka ukuba uThixo wamyalela uNowa ukuba ashumayele, alithandabuzeki elokuba ukuhamba kwakhe ngomgaqo nothando lwakhe ngommelwane zamshukumisela ukuba enjenjalo. Ekubeni siphila kanye kumaxesha afana nalawo wayephila ngawo uNowa, masixelise isimo sengqondo nomzekelo wakhe omhle.
Ngokungafaniyo nabefundisi bomhla wakhe, uYesu wayefundisa abantu ukuba bacinge ngemigaqo. INtshumayelo yakhe yaseNtabeni ingumzekelo woku. Oyena ndoqo kuyo ngumgaqo. (Mateyu, isahluko 5-7) UYesu wayefundisa ngale ndlela, kuba kanye njengoAbheli noNowa ababengaphambi kwakhe, wayemazi ukusuka nokuhlala uThixo. Eseligatyana lomfana, wayeyihlonele le nyaniso isisiseko yokuba: “Akaphili ngasonka sodwa umntu . . . uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.” (Duteronomi 8:3; Luka 2:41-47) Ewe, isikhokelo sokuba ngumntu ohamba ngomgaqo wobuthixo kukumazi ngokwenene uYehova, ukwazi akuthandayo, angakuthandiyo neenjongo zakhe. Xa ke ubomi bethu bulawulwa zezi zinto zisisiseko ngoThixo, ngokungathi kunjalo, ziba yimigaqo ephilayo.—Yeremiya 22:16; Hebhere 4:12.
Imigaqo Kunye Nentliziyo
Kuyinto ekhoyo ukuthobela umthetho othile ukrikriza, mhlawumbi ngenxa yokoyika isohlwayo sokungathobeli. Noko ke, ukuthobela umthetho akusivumeli isimo sengqondo esinjalo, kuba kuyinto engokwemvelo ukuthi xa sithobela imigaqo sisabele ngokusuka entliziyweni. Qwalasela uYosefu, owathi njengoAbheli noNowa, naye waphila ngaphambi kokuba kumiselwe umnqophiso woMthetho kaMoses. Xa umkaPotifare wazama ukumlukuhla, uYosefu wathi: “Ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?” Ewe, uYosefu wayewazi mhlophe umgaqo wokuba indoda nomfazi wayo ‘banyama-nye.’—Genesis 2:24; 39:9.
Namhlanje ihlabathi alifuni nokuyiqonda imigaqo yobulungisa. Lizingxixha ngogonyamelo nokuziphatha okubi kanye njengongxow’ ayibotshwa wedlakudla. Ingozi ke isekubeni nomKristu usenokuhendelwa ekubeni akhe angcamle naye, mhlawumbi ngokufihlakeleyo, kwakoku kudla kungatshuzanga—imifanekiso eshukumayo, iividiyo, okanye iincwadi. Hayi indlela ekuncomeka ngayo ke ngoko, xa sisithi njengoYosefu sikugatye oko uthi umgaqo kubi, sikhumbula ukuba uThixo uya kusindisa abanyanisekileyo kuphela ‘kwimbandezelo enkulu’ esondelayo. (Mateyu 24:21) Ewe, eyona nto ibhenca esikuko ngenene ngaphakathi asikoko sibonakala sikuko ekuhleni, kunoko koko sikwenza ngasese.—INdumiso 11:4; IMizekeliso 15:3.
Ngoko ke ukuba sikhokelwa yimigaqo yeBhayibhile, asiyi kufuna amasolotyana okubambelela kwimithetho kaThixo; singayi kuzama nokwenza izinto kuba siqiqa ngelithi akukabikho mthetho siwaphulileyo. Ukucinga okunjalo akwakhi; kugqibela ngokwenzakalisa kwathina.
Khangela Ngaphaya Komthetho
Kakade ke, imithetho inendima ephambili kubomi bomKristu. Ifana nqwa nabalindi abasikhuselayo, yaye ngaphakathi kuyo kukho imigaqo emininzi ebalulekileyo. Ukungayiqondi le migaqo kusenokulwenza buthathaka uthando lwethu ngemithetho enokuthanani nayo. Uhlanga lwamandulo lukaSirayeli lungumzekelo woku.
UThixo wanika uSirayeli iMithetho Elishumi, owokuqala kuyo wawukwalela ukunqula nawuphi na uthixo ngaphandle koYehova. Isibakala sokuba uYehova wadala yonke into yinyaniso esisiseko engaphaya kwalo mthetho. (Eksodus 20:3-5) Kodwa ngaba olu hlanga lwaphila ngokuvisisana nalo mgaqo? UYehova uphendula ngokwakhe athi: “‘Wena ungubawo wethu’ [kutsho amaSirayeli] kwisiqwenga somthi [amemeza] elityeni esithi ‘Mama.’ Kodwa mna [Yehova] andifulathele yaye andizele ngekhosi.” (Yeremiya 2:27, IThe New English Bible) Obunjani bona ubuyatha obuphindaphindeneyo obuchasene nomgaqo! Yaye hayi indlela eyaba buhlungu ngayo intliziyo kaYehova!—INdumiso 78:40, 41; Isaya 63:9, 10.
NamaKristu anemithetho evela kuThixo. Ngokomzekelo, afanele aluphephe unqulo-zithixo, ukuziphatha okubi ngokwesini nokusebenzisa kakubi igazi. (IZenzo 15:28, 29) Xa sicinga ngoku, sinokubona imigaqo esisiseko, enjengale: UThixo ufanelwe luzinikelo lwethu olupheleleyo; sifanele sithembeke kumaqabane ethu; yaye uYehova unguMniki-Bomi wethu. (Genesis 2:24; Eksodus 20:5; INdumiso 36:9) Ukuba siyayiqonda yaye siyixabisa ngokunzulu imigaqo engaphaya kwale mithetho, siphawula ukuba yeyokulungelwa kwethu. (Isaya 48:17) ‘Imithetho kaThixo asiloxanduva’ kuthi.—1 Yohane 5:3.
Ngoxa amaSirayeli akha ayityeshela imithetho kaThixo, ngexesha likaYesu “iingcali zomthetho” zawo, ababhali, zazigabadele de zatsiba nelitye likaPhungela. Zavela nenkumbula yemithetho nezithethe ezaziphazamisana nonqulo olunyulu nezaziyisitha imigaqo yobuthixo. (Mateyu 23:2, NEB) Abantu baziva belahlelwe kwesinomhlwa, bephelelwe ngamathemba, okanye bengamaxhoba ohanahaniso. (Mateyu 15:3-9) Yaye intaphane yale mithetho ikhiw’ entloko yayingabonisi luvelwano ngabantu. Xa wayeza kuphilisa indoda eyome isandla, uYesu wabuza abaFarisi ababelapho oku: “Kusemthethweni na ukwenza isenzo esilungileyo . . . ngesabatha?” Kwakucace nasesidengeni ukuba ukuthi cwaka kwabo kwakuthetha ukuthi bayala, nto leyo eyenza uYesu ‘wabuhlungu kakhulu kukuqaqadeka kweentliziyo zabo.’ (Marko 3:1-6) AbaFarisi babesenokusinceda isilwanyana sasekhaya esibhadulayo okanye esenzakeleyo (imali eselugcinweni) ngeSabatha kodwa babengenakuze benjenjalo endodeni okanye kwibhinqa—ngaphandle kokuba ubomi buphakathi kwenyama nozipho. Eneneni, babethe thwanga yimithetho neengcombolo zabantu ezingokwasemthethweni kangangokuba kanye njengeembovane ezihla zinyuka kumzobo, basilela ukuwubona wonke umfanekiso—oyimigaqo yobuthixo.—Mateyu 23:23, 24.
Noko ke, kwanabaselula, xa iintliziyo zabo zinyanisekile, banokuzisa uzuko kuYehova ngokuthi baqonde imigaqo yeBhayibhile. Umfundisi-ntsapho kaRebecca oneminyaka eli-13 ubudala wabuza abafundi bakhe ukuba ngoobani ababenokungcakaza. Inkoliso yabo yathi yayingenakuyenza into enjalo. Ukanti, xa kwakhankanywa iimeko ezahlukeneyo, bonke ngaphandle koRebecca bavuma buziziliza ukuba babenokungcakaza ngandlel’ ithile. Umfundisi-ntsapho wabuza uRebecca enoba wayenokulithenga kusini na itikiti lama-90 eesenti elinokumenza awelwe ngumqa esandleni. URebecca walandula waza wanikela izizathu ezingokweZibhalo zokuba oko bekuya kuba luhlobo oluthile lokungcakaza. Wandula ke umfundisi-ntsapho wakhe wathetha nabafundi bebonke esithi: ‘Ngokokwam ukubona, nguRebecca qha apha kuni onoko ndikubiza ngokuthi “yimigaqo” yokwenene.’ Ewe, uRebecca wayenokusuka nje aphendule ngelithi, “Unqulo lwam aluhambisani naloo nto,” kodwa wacinga nzulu kunoko; wachaza isizathu sokuba ukungcakaza kuphosakele nesizathu sokungafuni ukuthabatha inxaxheba kuko.
Imizekelo enjengoka-Abheli, uNowa, uYosefu noYesu isibonisa indlela esingenelwa ngayo ngokusebenzisa “amandla okucinga” kunye ‘namandla ethu engqiqo’ ekunquleni uThixo. (IMizekeliso 2:11, NW; Roma 12:1) Abadala abangamaKristu bayalungisa ngokuxelisa uYesu xa ‘besalusa umhlambi kaThixo abawunyamekelayo.’ (1 Petros 5:2) Njengoko uYesu wabamisela umzekelo omhle, abathandi bemigaqo yobuthixo bayaphumelela phantsi kolongamo lukaYehova.—Isaya 65:14.