I-“Insight on the Scriptures”—Intyilalwazi Entsha YeBhayibhile
KWIINDIBANO Zesithili zamaNgqina kaYehova “Zokuba Sesikweni KukaThixo,” kwenziwa isaziso sokukhutshwa kwentyilalwazi entsha yeBhayibhile ethi Insight on the Scriptures. Le yimpapasho emiqulu mibini, enesimbuku samaphepha angama-2 560, kuwo onke loo maphepha kubhalwe amagama acacileyo nafundekayo. Okwangoku isafumaneka kuphela ngesiNgesi, kodwa sele iguqulelwa nakwezinye iilwimi eziliqela.
I-Insight on the Scriptures inemibandela engakumbi kunaleyo ibikho ngaphambili kwincwadi ethi Aid to Bible Understanding yaye ikwanenye inkcazelo eninzi ngakumbi. Le mpapasho yahluke ngantoni? Amacandelo amaninzi aye ahlaziywa aze afakelwa iinkcukacha ezisexesheni. Kwakhona kukho imibandela emininzi nemitsha kunye neembalasane ezongezelelweyo kwi-Insight on the Scriptures.
Iincwadi ZeBhayibhile
Kuye kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo kwincwadi nganye yeBhayibhile. Kuye kwanikelwa umbandela onesiseko esixabisekileyo. Kukho amagqabaza amatsha ngazo zonke iincwadi zeBhayibhile, ibe nto nganye ekuthethwa ngayo itsalel’ ingqalelo kwiimbalasane ezikhethekileyo zencwadi. La magqabaza adlulisela imbono emfutshane kodwa esengqiqweni yombandela oqulethwe yincwadi leyo ngendlela ekulula ukuyiqonda. Ngokomzekelo, kukho iingxelo ezine zeeVangeli ezingobomi nobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni, nganye ilungiselelwe ngenjongo eyahlukileyo. Xa etshayelela ezi ngxelo zeVangeli, la magqabaza abalaseliswayo azichaza ngale ndlela ezo njongo: ‘Ingxelo yompostile uMateyu engobomi bukaYesu ngokuyintloko yabhalwa kucingwa ngamaYuda. Le ngxelo yeVangeli ibonisa ukuba uYesu unguKumkani onguMesiya owaxelwa kwangaphambili.’ ‘UMarko ubetha koomofu echaza ngengxelo emfutshane nechukumisayo engobomi bukaYesu, ethetha ngaye njengoNyana kaThixo owenza imimangaliso.’ ‘Ingxelo kaLuka engobomi bukaYesu yabhalelwa ukuqinisekisa ubunyaniso beziganeko ezenzeka ngexesha lokudl’ amazimba kukaKristu nangendlela eyayiya kuba nomtsalane kubantu bazo zonke iintlanga.’ ‘Ingxelo yompostile uYohane engobomi bukaYesu ibalaselisa umxholo wokuba uYesu unguKristu uNyana kaThixo, ekuthi ngaye kufumaneke ubomi obungunaphakade.’ Emva kwala magqabaza atshayelelayo, amaphepha alandelayo enza amagqabantshintshi ngokuqulethwe zezi ncwadi, oko kusandlalwa phantsi kwemixholo eyintloko elinani elilinganiselweyo. Oku kunokukunceda ukhumbule iingcamango eziziintloko eziveliswe ngumbhali weBhayibhile.
Ukuphicotha
Inkcazelo ekule mpapasho iye yahlahlelwa ngokusekelwe ekuqondweni kwentsingiselo yamagama awasetyenziswa kwiilwimi zantlandlolo zeBhayibhile. Kwakhona kuye kwaqukwa iinkcukacha ezithile zokunceda umfundi aqonde intsingiselo engokweZibhalo yamagama olwimi lwantlandlolo. Ukongezelela, iintsingiselo zamagama eBhayibhile ziye zaphicothwa ngokusekelwe ekuqondweni kweendlela ezisisiseko awathi loo magama aguqulelwa ngazo kwiNew World Translation.
Kwakhona kuye kwenziwa umgudu wenkuthalo ekwenzeni umbandela okule mpapasho ube neenkcukacha ezisexesheni zezinto eziye zapapashwa kwiMboniselo kwiminyaka yakutshanje. Ngokomzekelo, siye safunda okuninzi ngentliziyo, incwadi yobomi, ukuvakaliswa njengabangamalungisa, nezinye izinto ezininzi. Le nkcazelo iye yaqukwa kwi-Insight on the Scriptures.
Iinkcukacha zembali yehlabathi ziye zahlolisiswa kwimithombo yantlandlolo yazo, apho zifumaneka khona, kunokuba kukholoswe nje ngoko kuthethwe ngabanye ababhali ngokuqulethwe yiloo mithombo; kwakhona kuye kwaqukwa iimbekiselo ezingamakhulu ukuze kuboniswe apho inokufumaneka khona inkcazelo enjalo. Amanqaku anokuthanani nemibandela yenzululwazi aye azaliswa ngenkcazelo esexesheni. Ziye zahlolisiswa ngokutsha nangokucokisekileyo iindawo ezisehlabathini ngokusekelwe kwinzululwazi yophando yokumbiwa kwezinto zakudala okwenziwe kwiminyaka yakutshanje.
Ingqokelela Yeemaphu ZeBhayibhile
Kwi-Insight on the Scriptures kukho iimaphu ezinokuba ngama-70, ezibonisa iindawo ezingamakhulu ezikhankanywe eBhayibhileni. Ngaloo ndlela, kule mpapasho kukho ingqokelela yazo zonke iimaphu zeBhayibhile. Kwiimeko ezininzi, imaphu nganye ibonisa ngokungqalileyo inkalo elinganiselweyo yembali yeBhayibhile okanye yehlabathi. Ngenxa yoko, inikela ingqalelo kwiindawo ezibaluleke ngokukhethekileyo kumbandela lowo. Wobona imaphu ibonisa iindawo awayehamba kuzo uAbraham, enye ibonisa iindawo awayebhadula kuzo uSirayeli entlango, enye ibonisa ngokupheleleyo ukuthinjwa kweLizwe Ledinga, enye ibonisa ixesha lokuphila kukaDavide njengembacu yaye enye ibonisa iziganeko ezinxulumene nobukukumkani bakhe, ungcelele lweemaphu ezibonisa iindawo uYesu awahamba kuzo ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, neemaphu eziliqela ezibonisa iinkcukacha ezinokuthanani neYerusalem ebudeni bamathuba awahlukahlukeneyo embali. Kulungiselelwe isalathiso seemaphu sokukunceda ufumane iimaphu ezingqalileyo ezinikela inkcazelo eluncedo kakhulu mayela neendawo ezibonisiweyo.
Kwezininzi zezi maphu, kukho uludwe lwamagama eendawo, kunye nezibhalo ezibonisa isizathu sokubaluleka kwezo ndawo kumbandela othile ongokwembali oxutyushwayo. Kumaphepha alandelayo ale ncwadi kukho imifanekiso enemibala ecacileyo yeendawo ezibalaselisiweyo emaphini. Ezi mbalasane zinokukunceda ungenelwe ngakumbi kwiingxelo zeBhayibhile, njengoko ubona ukunxibelelana kwenye indawo nenye, ufunda ngeenkcukacha zezinto ezenzekayo apho, yaye ubona indlela ezikhangeleka ngayo ezo ndawo namhlanje.
Iimbalasane Ezikhethekileyo Ngemibala Ecacileyo
Ekulungiselelweni kwale mpapasho, kwanxityelelwana neemyuziyam yaseMntla Merika, yaseYurophu, kunye nezo zikumazwe akuMbindi Mpuma ukuze kufunyanwe izinto ezixabisekileyo ezinokuthanani nengxelo yeBhayibhile. Kwafunyanwa imifanekiso yezinto ezibalulekileyo. Ukongezelela, kwahlolisiswa ingqokelela yeefoto ezininzi zeendawo ezikhankanywe eBhayibhileni, ukuze kukhethwe ezo ziya kuba luncedo kakhulu. Imiphumo ibe kukwenziwa kwezihlomelo ezisibhozo ezinamaphepha ali-16 anemifanekiso enemibala ecacileyo eluncedo oluxabisekileyo. Ezi ziimbalasane ezimangalisayo oya kuzinandipha ibe uya kukwazi ukuzisebenzisa ngeendlela ezininzi xa ufundisa abanye.
Ngokomzekelo, kukho icandelo elinomxholo othi “Indlela Esayifumana Ngayo IBhayibhile.” Ngokucacileyo, libonisa amanyathelo ahanjiweyo ukuze iBhayibhile ifikelele kuthi—ukususela kwimibhalo yantlandlolo ukuza kuthi ga kwiinguqulelo zanamhlanje. Liqulethe imifanekiso yamacandelo athile yeyona mibhalo-ngqangi midala nobungqina obubonakalayo obuqinisekisa inyameko eyaboniswayo ngababhali bokuqala, nyameko leyo abade bayibonisa ekubaleni oonobumba abakwimibhalo-ngqangi ababeyikhuphela.
Elinye icandelo lithetha “ngoMkhukula Womhla KaNowa.” Liqwalasela nemibandela enjengale, “Ngaba zonke ezo zilwanyana zazinokungena kuloo mkhombe?” nothi, “Ayaphi amanzi omkhukula?” Likwathetha ngokuhlolisiswa kweentsomi zoMkhukula ezivela kumazwekazi amathandathu nakwiziqithi zolwandle ukuze libonise ukuba iinkumbulo ezingoNogumbe womhla kaNowa ziyafumaneka kubantu abaneemvalaphi ezahlukeneyo abakuwo wonke umhlaba.
Amanye amacandelo athetha ngeendawo eziyimbalasane zeLizwe Ledinga ezibonakalayo emaphini, ubukhosi bamandulo obumisebenzi yabo yachaphazela uSirayeli, nomfanekiso wokukhenketha iindawo ezinokubonwa ngabakhenkethi eYerusalem nakwiindawo eziyingqongileyo namhlanje. Kukho imixholo elolo hlobo engama-50 iyonke, eboniswe ngemibala ecacileyo.
Yonke le nkcazelo iye yenziwa yaba yenokufumaneka lula ngezalathiso zemibandela ezicacileyo ezifumaneka kanye kule miqulu. Ezi zalathiso zemibandela zikwalathisa kwezona ngxubusho zikhethiweyo zezibhalo ezibonisiweyo nezemibandela edwelisiweyo.
La magqabaza atshayelelayo abonakala kumqulu wokuqala, ashwankathela wonke lo msebenzi wenziweyo ngokuthi: “Injongo yale mpapasho kukunceda wena ukuba ufumane ukuqonda ngeZibhalo. Kwenziwe njani oku? Ngokuhlanganisa kunye iinkcukacha ezivela kuzo zonke iinxalenye zeBhayibhile ezinxulumene nemibandela exutyushwayo. Ngokunikel’ ingqalelo kumagama olwimi lwantlandlolo nakwintsingiselo yawo yokoqobo. Ngokuqwalasela inkcazelo ekuthethwa ngayo kwimbali yehlabathi, kwinzululwazi yophando lokumbiwa kwezinto zakudala, nakweminye imibandela enokuthanani nenzululwazi nangokuqwalasela oku mayela noko kuthethwa eBhayibhileni. Ngokulungiselela amancedo emifanekiso ebonakalayo. Ngokukunceda ukuba uqonde ukubaluleka kokwenza izinto ngokuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile.” Ngoko emaphepheni eInsight on the Scriptures kukho ubutyebi benkcazelo exabiseke ngokwenyaniso onokubusebenzisa ukuze ungenelwe wena nabanye.