Khangela KuYehova Ukuze Uzuze Ukuqonda
“Ndiya kukuqiqisa [“ndiya kukwenza ube nokuqonda,” “NW”] ndikuyalele indlela owohamba ngayo.”—INDUMISO 32:8.
1. Ngabaphi abanye boothunywashe abagqibayo enoba izigqibo esizenzayo ziya kuba zezobulumko kusini na? (Thelekisa iDuteronomi 32:7, 29.)
YONKE imihla sijongene nokwenza izigqibo—ezinye zazo zibonakala zingabalulekanga, ezinye ngokucacileyo zibalulekile. Ngaba izigqibo esizenzayo ziya kuba zezobulumko? Oko ubukhulu becala kuxhomekeke enoba siyabhuduzela okanye siyacinga kusini na ngaphambi kokuba sithethe okanye senze. Noko ke, kukho imicimbi emininzi ekuthi ukwenza izigqibo zobulumko kufune ukuba sikwazi ukubona ngaphaya koko kubonakala kuyinto nje ezicaceleyo. Oku kusenokufuna ukuba sazi oko umphumo uya kuba kuko ngeziganeko zangoku zehlabathi, kwanokuba sikuphaphele oko kuqhubekayo kummandla womoya. Ngaba sinokukwenza oko? Ngaba kuyinto enokwenzeka nangawuphi na umntu ukuba akwenze oko kungengaqashiqashi?
2. Ukuze sicebe ikhondo lethu ngokuchanileyo ebomini, luluphi uncedo esilufunayo, ibe ngoba? (IMizekeliso 20:24)
2 Abantu bajizekwe ngembilini ekhwankqisa ngokwenene yokusebenzisa ingqondo, kodwa abazange benziwa banobuchule bokuceba ikhondo labo ngokuchanileyo ngaphandle kokwamkela ngokuthobekileyo uncedo oluvela kuThixo. Kunjengokuba umprofeti ophefumlelweyo uYeremiya wabhala: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23.
3. Ukuba asikhangeli kuYehova ukuze sifumane ukhokelo, uza kuba yintoni umphumo? (Thelekisa iGenesis 3:4-6, 16-24.)
3 Uba yintoni ke umphumo xa sisityeshela eso sibakala size sikholose ngeziqu zethu okanye ngabanye abantu ngezigqibo ezinokuthanani noko kububulumko okanye kungebubo, oko kulungileyo okanye kuphosakeleyo? Ngenxa yokukhokelwa kukuqiqa okungokwenyama, kuya kubakho amaxesha axa sinokukujonga njengokulungileyo oko uThixo athi kubi, size siligqale njengelibubulumko ikhondo uThixo alijonga lilelobuyatha. (Isaya 5:20) Nakubeni sisenokungakwenzi oku ngabom, sisenokuba ngunobangela wokukhubekisa kwabanye. (Thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 8:9.) Mayela nomphumo wokugqibela kwabo basilelayo ukukhangela kuYehova ngokhokelo, iLizwi lakhe lithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.”—IMizekeliso 14:12.
4. Luluphi uncedo uYehova athembisa ukubanika lona abakhonzi bakhe ngobubele? (Thelekisa uYeremiya 10:21.)
4 Ngenxa yoku, yintoni ke efunekayo kuthi? Xa ichazwa ngokulula, sifuna uncedo olunikelwa nguYehova. Ngendlela ekhuthazayo, uthi: “Ndiya kukuqiqisa [“ndiya kukwenza ube nokuqonda,” NW] ndikuyalele indlela owohamba ngayo; ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.”—INdumiso 32:8.
Oko Kubandakanywa Kukuqonda
5. Kuyintoni “ukuqonda”?
5 Kanye kanye kuyintoni “ukuqonda” ekuthethwa ngako eZibhalweni? Kukukwazi ukubona kwimeko ethile, ukukhangela ngaphaya koko kubonakala kuyinto ezicaceleyo nje. NgokweTheological Wordbook of the Old Testament, ibinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukuqonda” libhekisela “kulwazi olunengqiqo ngesizathu” sezinto. Olu luhlobo lolwazi olunceda umntu ukuba enze ngobulumko aze aphumelele. Ngokuvisisana naloo ngcamango isisiseko nangokudluliselwa komongo weso senzi sikwasinye sesiHebhere, iNew World Translation, ukongezelela ekuguquleleni ibinzana elithi ‘ukuba nokuqonda,’ isebenzisa ibinzana elinjengelithi ‘ukwenza ngengqiqo,’ ‘ukwenza ngobulumko,’ nelithi ‘ukuba nempumelelo.’—INdumiso 14:2, NW.
6. Kutheni le nto kunokuthiwa “owubambayo umlomo wakhe” wenza ngobulumko, okanye ngokuqonda?
6 Ngaloo ndlela, “owubambayo umlomo wakhe” kuthiwa ‘wenza ngengqiqo,’ okanye ngokuqonda. (IMizekeliso 10:19) Uyacinga ngaphambi kokuba athethe, eyinikel’ ingqalelo indlela abanye abaya kukuqonda ngayo oko akuthethayo, kwakhona enoba oko asenokukuthetha ngomnye umntu kuya kuba kukubonakalisa ubulumko, uthando, okanye kuyimfuneko kusini na. (IMizekeliso 12:18; Yakobi 1:19) Ngenxa yokuba eshukunyiswa luthando ngeendlela zikaYehova nangumnqweno onyanisekileyo wokunceda uwabo, oko akuthethayo kuyabakha abanye.—IMizekeliso 16:23.
7. Yintoni eyabangela uDavide wafumana udumo lokuba ngulowo wenza ngobulumko?
7 Mayela noDavide unyana kaYese, kubhalwe kwathiwa: ‘Naphi na apho uSawule wayemthuma khona wayesenza ngobulumko,’ oko kukuthi, ngokuqonda. UDavide waqonda ukuba kumsebenzi awayewenza kwakubandakanyeke okungakumbi kunedabi elalikho phakathi kwabaphumi-mkhosi ababengabantu. Wayesazi ukuba yena namadoda awayekunye nawo babesilwa iimfazwe zikaYehova. Ngaloo ndlela, uDavide wakhangela kuYehova ukuze afumane ulwalathiso nentsikelelo. (1 Samuweli 17:45; 18:5, NW; 2 Samuweli 5:19) Ngenxa yoko, uDavide waphumelela kumaphulo akhe.
8. KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, ziziphi ezinye iingcamango ezidluliselwa sisenzi esiguqulelwe ngokuthi ‘ukuba nokuqonda’?
8 KwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, isenzi esiguqulelwe ngokuthi ‘ukuba nokuqonda’ sikwaguqulelwe ngokuthi, ‘ukufumana ingqiqo yako’ nangokuthi, ‘ukuphawula.’ (Roma 3:11; Mateyu 13:13-15, NW; Efese 5:17, NW) UThixo uthembisa ukunika abakhonzi bakhe amandla okwenza ezi zinto. Kodwa ubanika njani oko kuqonda kunjalo?
Indlela UYoshuwa Awafumana Ngayo Ukuqonda
9. KuSirayeli wamandulo, uYehova wabanika njani abantu ukuqonda?
9 KuSirayeli wamandulo, uYehova wayalela abaLevi ukuba bafundise olo hlanga uMthetho wakhe. (Levitikus 10:11; Duteronomi 33:8, 10) UMthetho wawuphefumlelwe nguThixo, ibe umoya kaYehova wawusebenza ngelo lungiselelo lentlangano elalabelwe ukufundisa. (Malaki 2:7) Ngokwenjenjalo, uYehova ‘wawaqononondisa amaSirayeli,’ okanye wawanika ukuqonda, njengoko kubonisiwe kuNehemiya 9:20.
10, 11. (a) Njengoko kuboniswe kuYoshuwa 1:7, 8, yintoni eyayiza kubangela uYoshuwa enze ngokuqonda? (b) Liliphi ilungiselelo lokufundisa ekwakubalulekile ngoYoshuwa ukuba abonakalise uxabiso ngalo? (c) Kwakhona nguwuphi umgudu wobuqu ekwakufuneka wenziwe nguYoshuwa?
10 Kodwa ngaba abantu ngabanye kolo hlanga babeya kwenza ngokuqonda? Ukuba babeya kwenjenjalo, kwakufuneka okuthile kubo. Xa uYoshuwa waphathiswa imbopheleleko yokukhokela uSirayeli ukuya kwiLizwe Ledinga, uYehova wamxelela oku: “Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe apha ngokuthi “ukwenze ngengqiqo” likwathetha “ukwenza ngokuqonda.”—Yoshuwa 1:7, 8.
11 UYehova wayeza kumnika njani uYoshuwa oko kuqonda? Wayengayi kumnika ngokumfaka ngokungummangaliso amandla angaphaya kwawemvelo. ILizwi likaThixo elibhaliweyo lalisisikhokelo. Kwakufuneka uYoshuwa azalise ingqondo nentliziyo yakhe ngalo, elifunda yaye ecamngca ngalo rhoqo. Njengoko uYoshuwa wayekwazi oko, iLizwi likaThixo lalisithi abaLevi babefanele banikwe isabelo sokufundisa uMthetho. Ngenxa yoko, uYoshuwa kwakufuneka abonakalise uxabiso ngako oku, engazahluli ngokungathi wayenokukwenza konke oku eyedwa ngenxa nje yokuba wayekwisikhundla sembopheleleko kolo hlanga. (IMizekeliso 18:1) Kwakubalulekile ngoYoshuwa ukuba alifundisise ngenkuthalo iLizwi likaThixo elibhaliweyo. Ukuba wayekwenza oko, engatyesheli nayiphi na inxalenye yalo, ngoko wayeya kuthi enze ngokuqonda.—Thelelisa eyoku-1 yooKumkani 2:3.
Indlela UYehova Akunika Ngayo Ukuqonda Namhlanje
12. Ukuze singenelwe ekuqondeni uYehova akwenze kwafumaneka kuthi, ziziphi izinto ezintathu ezifunekayo?
12 Ukuza kuthi ga kwixesha lethu, uYehova uqhubekile ebalungiselela abakhonzi bakhe ngolwalathiso oluyimfuneko kubo ukuze benze ngobulumko. Ukuze singenelwe kolo lwalathiso, kufuneka izinto eziliqela kuthi ngokwabantu ngabanye: (1) Kufuneka sibonakalise uxabiso ngentlangano kaYehova, njengoko uYoshuwa wenzayo. Kwimeko yethu, ukubonakalisa uxabiso okunjalo kuquka ukuba nentsebenziswano nebandla lamaKristu athanjisiweyo, ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ neQumrhu lawo Elilawulayo. (Mateyu 24:45-47; thelekisa IZenzo 16:4.) Ibe ukubonakalisa olu xabiso kuquka ukuya rhoqo kwiintlanganiso. (Hebhere 10:24, 25) (2) Simele sikukhuthalele ukulifundisisa ngokobuqu iLizwi likaThixo neempapasho ezilungiselelwe ludidi ‘lomkhonzi,’ ezisincedayo ukuba siliqonde. (3) Kukwabalulekile ngathi ukuba sizinike ixesha lokucamngca ngendlela esinokuzisebenzisa ngayo kubomi bethu izinto esizifundayo nendlela esinokuzisebenzisa ngayo ekuncedeni abanye.
13. Yintoni intsingiselo yoko kwathenjiswa kuYeremiya 3:15?
13 Mayela nohlobo lokuvelela nokondla ngokomoya uYehova awayeza kukulungiselela kumhla wethu, wathi kuYeremiya 3:15: “Ndininike abalusi abangantliziyo yam [“abavumelana nentliziyo yam,” NW], banaluse ngokwazi nangengqiqo [“nangokuqonda,” NW].” Eneneni, olu cwangciso lokondliwa ngokomoya beluya kusinika amandla aphawulekayo okubona imeko nokuqonda ikhondo emasilithabathe ukuze siphumelele. Ngubani ke ongumthombo woko kuqonda? NguYehova uThixo.
14. Kutheni le nto udidi ‘lomkhonzi othembekileyo’ lunokuqonda nje?
14 Kutheni le nto udidi ‘lomkhonzi othembekileyo’ lunokuqonda okunjalo? Kungenxa yokuba luye lwazixhalabisa ngokunyanisekileyo ngeLizwi likaThixo ibe lulandela ulwalathiso lwalo. Ngaphezu koko, ngenxa yokuba luye lwazithoba kulwalathiso lukaYehova, uye wabeka umoya wakhe phezu kwalo, elusebenzisa ngokuvisisana nenjongo yakhe. (Luka 12:43, 44; IZenzo 5:32) Kunjengokuba umdumisi ophefumlelweyo wabhalayo kude kudala wathi: “Ndinokuqiqa [“ndinokuqonda,” NW] ngaphezu kwabafundisi bam bonke, ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.”—INdumiso 119:99.
15. (a) Yintoni kanye engundoqo kwisiluleko esisoloko sisifumana kudidi ‘lomkhonzi’? (b) Kwiminyaka emininzi eyadlulayo, kwenzeka njani ngodidi ‘lomkhonzi’ ukuba lulungiselele “ulwazi nokuqonda” okufunekayo mayela nembono yamaKristu ngeenkqubo zokutofela igazi?
15 Ekuphenduleni imibuzo emayela nento elungileyo emele yenziwe, ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ngokufuthi uye waluleka ngelithi: ‘Sebenzisa oko kubhalwe eBhayibhileni. Kholosa ngoYehova.’ (INdumiso 119:105; IMizekeliso 3:5, 6) Xa iinkqubo zokutofela igazi zagqalwa njengomlinganiselo wokusetyenziswa kwezonyango zaze zaba yimbambano ejongene namaNgqina kaYehova, IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 1, 1945, yacacisa imbono yamaKristu ngokuphathelele ubungcwele begazi. Yabonisa ukuba umthetho kaThixo wokwalela ukusetyenziswa kwegazi wawuquka kokubini igazi lezilwanyana nelabantu. (Genesis 9:3, 4; IZenzo 15:28, 29) Izinto ezazinokuba yimiphumo yokulisebenzisa azizange zixutyushwe kwelo nqaku; ulwazi oluphathelele nayo lwaluluncinane kakhulu ngelo xesha. Imbambano yokwenene yayikukuzithoba kulo mthetho kaThixo, ibe kusenjalo. Namhlanje, abantu abaninzi bayabuqonda ubulumko obuluncedo bokuchasa iinkqubo zokutofela igazi ibe baya besiba baninzi abantu abenjenjalo. Kodwa ngalo lonke ixesha, amaNgqina kaYehova ebesoloko esenza ngokuqonda ngenxa yokuba akholose ngoMdali, onolwazi olungakumbi ngegazi kunaye nawuphi na umntu.
16. Kutheni le nto isiluleko esikwiMboniselo esingemibandela yokuziphatha okuhle ngesini, iintsapho ezinomzali omnye, nokudandatheka siye sangqineka sikoko kanye bekufuneka?
16 Njengoko isimo sengqondo sikavula-zibhuqe mayela nokuziphatha okuhle ngokwesini siye sanda okomlilo wedobo, IMboniselo, kunokuba ixhase elo khondo lithandwayo, iye yanikela ukhokelo oluphilileyo lweZibhalo. Oku kunceda abantu abaninzi ukuba bakhusele ulwalamano lwabo oluxabisekileyo noYehova nokuba bamilisel’ ingqondo kulonwabo oluhlala luhleli kunakuyolo oludlulayo. Ngokufanayo, amanqaku eMboniselo alungiselelwe iintsapho ezinomzali omnye nabo bazabalaza bedandathekile aye athetha ngokuqonda okunokufunyanwa kuphela ngabo iingcamango zikaYehova zixabisekileyo kubo yaye bethandaza ngokunyaniseka besithi: “Ndifundise ukwenza ikholo lakho, ngokuba unguThixo wam.”—INdumiso 143:10; 139:17.a
17. (a) Kuseyiminyaka engamashumi ngaphambili, yintoni eyayisaziwa ngabakhonzi bakaYehova ngonyaka we-1914? (b) Nangona kwakukho iinkcukacha abantu bakaThixo ababesenemibuzo ngazo emva kowe-1914, yintoni ababeyazi eyabanika ulwalathiso oluneengenelo kubomi babo?
17 Esebenzisa ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo,’ kwakhona uYehova uye wanceda abakhonzi bakhe ukuba bazi ukuba, unyaka we-1914 wawuya kuphawula isiphelo samaXesha Eentlanga, kuseyiminyaka engamashumi ngaphambili. (Luka 21:24, King James Version) Kakade ke, njengoko babeqalisa ixesha lasemva kweMfazwe Yehlabathi I, kwabakho imibuzo eyayibaxaka. Kodwa bebenolwazi olwaneleyo lokubabangela benze ngobulumko. NgokweZibhalo babesazi ukuba ixesha elifanelekileyo likaThixo lalisondele lokuba kutshatyalaliswe le nkqubo indala; ngoko kwakuya kuba bubudenge ngabo ukuthembela kuyo okanye ukuvumela imilinganiselo yayo yokuthanda izinto eziphathekayo ezikhokelela kwimpumelelo ilawule ubomi babo. Kwakhona babesazi ukuba uBukumkani bukaYehova busisicombululo sokwenene sazo zonke iingxaki ezithwaxa uluntu. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:33) Babona ngokucacileyo ukuba kuyimbopheleleko yawo onke amaKristu okwenyaniso ukubhengeza uKumkani kaYehova othanjisiweyo, uYesu Kristu, noBukumkani Bakhe. (Isaya 61:1, 2; Mateyu 24:14) Ngowe-1925, inqaku leMboniselo (yesiNgesi) elalinomxholo othi “Ukuzalwa Kohlanga,” labomeleza libenza basiqonde ngokucacileyo ISityhilelo isahluko 12; ngoko ngeli thuba bakuqonda ngokucacileyo oko kwakusenzeka emazulwini, okwakungabonakali emehlweni abantu. Ukuqonda okunjalo kwaba lulwalathiso oluneengenelo kubomi babo.
18. Liliphi ilungelo nembopheleleko esinayo ngoku, ibe nguwuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?
18 Ephenjelelwa lukholo, amawaka ambalwa awayekhonza uYehova ngoko njengamaNgqina akhe akhokela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo kuzo zonke iindawo zehlabathi. Ngenxa yoko, izigidi zabantu ziye zamazi uYehova zaze zanothando ngaye ibe zinethemba lobomi obungunaphakade. Sonke thina esiye safumana inyaniso ngenxa yokubulaleka kwawo esebenza ngokuqhutywa luthando, nathi siye saboniswa ukuba sinelungelo nembopheleleko yokuba nesabelo kulo msebenzi, sinikela ubungqina obucokisekileyo kuye wonke umntu esinokumfikelela size siqhubeke sisenjenjalo de uYehova athi umsebenzi ugqityiwe. (ISityhilelo 22:17; thelekisa IZenzo 20:26, 27.) Ngaba indlela obuphila ngayo ubomi bakho inikela ubungqina bokuba uyakuxabisa ukuqonda okunikelwa nguYehova ngentlangano yakhe?
19. (a) Nika umzekelo womntu obomi bakhe bubonakalisa ukuba noxabiso ngokuqonda uYehova akunikelayo ngentlangano yakhe. (b) Sinokufunda ntoni ke kulo mzekelo?
19 Indlela isihlwele esikhulu sabantu bazo zonke iindawo zomhlaba esibuphila ngayo ubomi baso inikela ubungqina bokuba kwimeko yaso sona siphendula ngokuthi ewe senjenjalo. Ngokomzekelo, qwalasela uJohn Cutforth. Kwiminyaka enokuba ngama-48 eyadlulayo, wasithabathel’ entliziyweni isiluleko seZibhalo olwathi udidi ‘lomkhonzi othembekileyo’ lwalathisela ingqalelo kuso ngelo xesha njengoko lusenjenjalo ngoku, esisesi: “Qhubekani, ngoko, nibufuna tanci ubukumkani nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Ngoko, musani ukuxhalela ingomso.” (Mateyu 6:33, 34, NW) Emva kweminyaka yamava enkonzweni kaYehova, uMzalwan’ uCutforth wathi: ‘Enye yezinto eziye zabetheleleka ngamandla engqondweni yam kukuba uYehova unentlangano esemhlabeni ayalathisayo, nokuba mna njengomntu ndinokusebenza naloo ntlangano, nokuba ukuba ndilulandela ngokupheleleyo ukhokelo nolwalathiso lwayo, iya kundizisela uxolo, ulwaneliseko nezihlobo ezininzi, kunye nezinye iintsikelelo ezininzi ezityebileyo.’ Oko kweyiseka yimeko enjalo kuye kwabetheleleka ngamandla ngokuphindaphindiweyo njengoko eye wanandipha ubomi obutyebileyo ziintsikelelo zokomoya eUnited States, eKhanada, eOstreliya nasePapua New Guinea.b Ngokwenyaniso, kuthi sonke ikhondo lobulumko lelo lokubonakalisa uxabiso ngeendlela ezisetyenziswa nguYehova ekunikeni abantu bakhe ukuqonda.—Mateyu 6:19-21.
Kulumkele Ukuphulukana Nokuqonda
20, 21. (a) Abantu abathile baye baphulukana njani nokuqonda kukaThixo abakhe banako? (b) Yintoni eya kusinceda ukuba sizikhusele kwelo khondo libuhlungu?
20 Ukuqonda okunikelwa nguYehova kububutyebi bokunyanyekelwa ngenyameko enkulu. Noko ke, sifanele sisiphaphele isibakala sokuba, ukuba asiqhubeki sihamba ngekhondo elasibangela safumana ukuqonda kukaThixo, sinokuphulukana nako. Kubuhlungu ukuthi, abathile baye behlelwa kanye yiloo meko. (IMizekeliso 21:16; Daniyeli 11:35) Bechasa uqeqesho oluchaphazela bona buqu, baye bazama ukuthethelela oko bebekwenza. Ikratshi liye laba sisabatha kubo. Baqale ngokukujonga njengokulungileyo oko iLizwi likaThixo lithi kubi, baze bakhukulisekela ngaphandle kwentlangano kaYehova. Hayi indlela ekubuhlungu ngayo oku!
21 Iimeko zomntu onjalo zichazwe kwiNdumiso 36:1-3, apho sifunda oku: “Ongendawo unezihlabo zokreqo entliziyweni yakhe ngaphakathi.” Oko kukuthi, iingcinga neminqweno yakhe yokuzingca imkhokelela kukreqo. Umdumisi uhlabela mgama esithi, “Akukho koyika Thixo emehlweni akhe, ngokuba zithetha kuye ngokugudileyo emehlweni akhe, zide zimfumanise ubugwenxa bakhe, zimthiye. Amazwi omlomo wakhe abubutshinga nenkohliso.” Ibe uba yintoni umphumo kuye? ‘Uyayeka ukuba nokuqonda kokwenza okulungileyo.’ Enyanisweni uzeyisela kwelokuba oko akwenzayo kulungile, ibe ulukuhla abanye ukuba bamlandele. Ngoko hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba, singaneli nje kukuba nokuqonda kodwa kwakhona sikulondoloze ngokubonakalisa uxabiso ngeendlela uYehova awabangela ngazo sakufumana!
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona iWatch Tower Publications Index 1930-1985, phantsi kothi “Marriage,” “Families,” “Moral Breakdown,” nothi “Depression (Mental).”
b Bona IMboniselo (yesiNgesi) kaJuni 1, 1958, iphepha 333-6.
Ukhumbula Ntoni?
◻ Yintoni eya kusinceda ukuba senze izigqibo zobulumko?
◻ Yintoni equkwa libinzana elithi “ukuqonda”?
◻ UYehova ubanika njani ukuqonda abakhonzi bakhe kwixesha lethu?
◻ Yintoni efunekayo kuthi ukuba sifuna ukungenelwa ngokupheleleyo ekuqondeni okulungiselelwa nguYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ukuze singenelwe kukuqonda uYehova akunikelayo, kufuneka sibonakalise uxabiso ngentlangano yakhe, sikukhuthalele ukwenza ufundisiso lobuqu, size sicamngce ngendlela esinokukusebenzisa ngayo oko sikufundayo