IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 3/15 iphe. 17-22
  • UKuqonda Okunikwe NguYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UKuqonda Okunikwe NguYehova
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba UThixo UnguBathathu Emnye?
  • Indawo Efanelekileyo Yegama LikaThixo
  • Ngaba Umphefumlo Womntu Awufi?
  • Ihambo YamaKristu Kwihlabathi Elineziphithiphithi
  • Inzaliseko Yeziprofeto ZeBhayibhile
  • Khangela KuYehova Ukuze Uzuze Ukuqonda
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ukukhula Kulwazi Oluchanileyo Lwenyaniso
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • UYehova Uphakamisa Igama Lakhe
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Ukubuyela KuThixo Wenyaniso
    Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 3/15 iphe. 17-22

UKuqonda Okunikwe NguYehova

“Abanengqiqo [“abanokuqonda,” “NW”] ebantwini boluqondisa uninzi.”—DANIYELI 11:33.

1, 2. (a) Nakubeni amaSirayeli aba namava okwenzelwa inceba nguThixo, kutheni le nto avukelayo? (b) Yintoni ekunokuba yingenelo ngathi ukuyenza? (Yeremiya 51:10)

ABANTU bakwaSirayeli wamandulo ba- besazi ukuba uYehova wayengokuphela koThixo oyinyaniso. Babexelelwe ngeenkqubano zakhe nooyisemkhulu, ibe bazibonela ngokwabo ukuba nenceba kwakhe. Kodwa kangangezihlandlo ezininzi, basilela kanobom ukubonakalisa ukuqonda. “Baphika, [“bavukela,” NW]” uYehova nabameli bakhe. Kwakutheni? Ngenxa yokuba ‘abakukhumbulanga’ oko wayebenzele kona. (INdumiso 106:7, 13) Asikuko nokuba babengazazi ezi zinto; abazange bacamngce ngazo ngokubonakalisa ukuba bayazixabisa. Ngenxa yoko, bazingqina ‘bengabantu abakhanuka izinto ezimbi.’—1 Korinte 10:6.

2 Kumhla wethu, eyona ndlela ibalaseleyo uYehova aye wahlula ngayo amangqina akhe njengabantu abahlukileyo kungokuqonda akulungiselele ngentlangano yakhe ebonakalayo. Ukubonakalisa kwethu uxabiso ngendlela uYehova abakhokela ngayo abantu bakhe kunokomelezwa ngokuhlolisisa imizekelo ethile yokuqonda okunjalo. Omnye wayo uquka eyona nto ingundoqo esikholelwa kuyo—ukuchazwa kukaThixo ngokwakhe.

Ngaba UThixo UnguBathathu Emnye?

3. Yintoni eyabangela abakhonzi bakaYehova, kwiminyaka engamakhulu eyadlulayo, ukuba baqonde inyaniso engokuchazwa kukaThixo? (1 Korinte 8:5, 6)

3 Ngobuntamo-lukhuni iNgqobhoko iye yamisela ukuba abo bangavumelaniyo nenkolelo kaBathathu Emnye bangabaqhekeki. Kodwa kunokuba boyikiswe ngabantu, abakhonzi bakaYehova baye baqonda ukuba, ayizozithethe neemfundiso zabantu abangaphefumlelwanga, koko ziZibhalo Ezingcwele ezinika umlinganiselo wokuqonda oko kuyinyaniso. Besakhela kwesi siseko, emva phayaa ngowe-1882 aba bafundi bazahluleleyo beBhayibhile bachaza ngokucacileyo kwiMboniselo (yesiNgesi) bathi: “Abafundi beempapasho zethu bayaqonda ukuba ngoxa sikholelwa kuYehova uThixo noYesu, nakuMoya oyingcwele, siyicekisa njengengeyoyazibhalo ngokupheleleyo, imfundiso yokuba aba ngooThixo abathathu kumntu omnye, okanye njengokuba bambi bekubeka, uThixo omnye kubantu abathathu.”—Yohane 5:19; 14:28; 20:17.

4. (a) Ekubeni abantu bakaYehova baphanda ngokunzulu, yintoni abayiqondayo ngesiseko semfundiso kaBathathu Emnye nomphumo wemfundiso enjalo? (b) Kutheni uYehova wanika abakhonzi bakhe oko kuqonda kunjalo?

4 Aba bathandi benyaniso yeBhayibhile baye baphanda ngokunzulu baza babona ukuba iingcambu zale nkolelo kaBathathu Emnye zimiliselwe kwimfundiso engeyoyabuKristu. Ngokuzifundisisa ngenyameko iZibhalo, baye bafikelela nasekuqondeni ukuba xa izicatshulwa ezithile zeBhayibhile zazibonakala ngathi zixhasa iingcamango zabo bakholelwa kuBathathu Emnye, oku kwakungenxa nje yeembono ezinomkhethe zabaguquleli, kungengenxa yoko kwakukwimibhalo-ngqangi yeelwimi zantlandlolo. Baqonda ukuba le mfundiso, ezukisa uYesu ngokucacileyo, ngokwenyaniso yayiphikisana neemfundiso zakhe ibe yayingamzukisi uYehova. Ngaloo ndlela, inkupho yeMboniselo (yesiNgesi) ekubhekiselwe kuyo ngasentla yathi: “Kuyimbopheleleko yethu njengabafuni benyaniso, ukuqhubana ngokunyanisekileyo nathi kwanangeLizwi loBawo wethu, elinako ukusenza izilumko zokwenene. Ngoko ke, sizityeshela izithethe neemfundiso zabantu abangaphefumlelwanga nezeenkqubo ezonakeleyo, masiyibambe siyiqinise imo yamazwi aphilileyo awafunyanwa kwiNkosi yethu nakubaPostile.” Ngenxa yokuba babeyithanda ngokwenene inyaniso yaye benikela ingqalelo kungekuphela nje kwiindinyana ezimbalwa abazithandayo zeBhayibhile kodwa kunoko benikela ingqalelo kwiLizwi likaThixo liphela, uYehova wabanika ukuqonda okwathi ngokucacileyo kwabenza bahluka kwiNgqobhoko.—2 Timoti 3:16, 17; bona iNew World Translation Reference Bible, iphepha 1580, icandelo 6B.

Indawo Efanelekileyo Yegama LikaThixo

5. Ngubani obephembelela utyekelo lokushiywa kwegama likaThixo lobuqu lingafakwanga kwiinguqulelo zeBhayibhile? (ISityhilelo 22:18, 19)

5 Khawuqwalasele umzekelo wesibini: Xa iinguqulelo zeBhayibhile ngamanani awandayo zalisithayo okanye zalikhuphayo ngokupheleleyo igama lobuqu likaThixo, iWatch Tower Society yagxininisa ngakumbi kwimbaluleka yelo gama. INgqobhoko yema ngelithi ukushenxiswa kwegama elithi Yehova kwakuya kuyenza iVangeli ibe nomtsalane ngakumbi kwihlabathi liphela, kodwa abakhonzi abathanjisiweyo bakaYehova bamqonda lowo wayengumququzeleli weli yelenqe lokushenxiswa kwelona gama libalulekileyo ngaphezu kwawo onke amagama kwiZibhalo Ezingcwele. (Thelekisa uYeremiya 23:27.) Abantu bakaThixo baqonda ukuba eli yelenqe laliphenjelelwa nguMtyholi kumgudu wokulicima ngokupheleleyo kwinkumbulo yabantu igama loThixo oyinyaniso.

6. Ngokwahlukileyo kwikhondo leNgqobhoko, yintoni eyenziwe ngabakhonzi boThixo oyinyaniso ukuze bazukise igama lakhe? (IZenzo 15:14)

6 Ngokwahlukileyo kwikhondo elalilandelwa yiNgqobhoko, kwakunyaka wayo wokuqala (1879), IMboniselo yalibalaselisa igama likaThixo elileli, YEHOVA. Ngowe-1926 eli phephancwadi labalaselisa inqaku elithi “Ngubani Na Oya Kubeka UYehova?” (INdumiso 135:21) Ngowe-1931 abo bafundi beBhayibhile bekunye neWatch Tower Society bamkela igama elithi amaNgqina kaYehova. (Isaya 43:10-12) Kwakhona bayiqonda ngokupheleleyo ngakumbi imbaluleka enkulu yokungcwaliswa kwegama likaYehova. (Isaya 12:4, 5) Ngowe-1944 baqalisa ukupapasha iBhayibhile yeAmerican Standard Version, enegama elithi Yehova ngaphezu kwezihlandlo ezingama-6 800. Noko ke, ngokuphathelele ukupapashwa kweBhayibhile, okuye kwabalasela ngakumbi kube kukupapashwa kweNew World Translation, ukususela ngowe-1950. Kuyo, igama likaThixo likwindawo yalo efanelekileyo kwiZibhalo zesiHebhere nakwiZibhalo zesiGrike zamaKristu.

7. Ukugxininiswa kwegama likaThixo nayo yonke inkcazelo enxulumene nalo kuye kwabachaphazela njani ngokuyingenelo abantu abaninzi?

7 Ngaloo ndlela ukugxininiswa kwegama lobuqu likaThixo kuye kwazivuyisa izigidi zabathandi bobulungisa kulo lonke elimiweyo. Kuye kwazinceda ukuba zimqonde uThixo oyinyaniso njengoMntu. Ibe njengoko zifikelele ekuzazini iindlela zakhe, zikwazile ukuziphatha ngobulumko, okanye ngokuqonda.—Mika 4:2, 5.

Ngaba Umphefumlo Womntu Awufi?

8. Ekuqalekeni kwembali yawo yanamhlanje, yintoni efundwe ngamaNgqina kaYehova ngomphefumlo nangemeko yabafi?

8 Ngoku, nanku umzekelo wesithathu: Kwasekuqalekeni kwembali yale mihla yabakhonzi bakaYehova, ukuthanda iLizwi likaThixo kwavula amehlo abo ukuba abone ezinye iinyaniso ezibalulekileyo. Kwinkulungwane edluleyo, ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ wakuqonda ngokuchanileyo ukuba umphefumlo awungomoya othile onengqiqo nonokwahlukaniswa ohlala ngaphakathi ebantwini koko ungumntu ngokwakhe. (Mateyu 24:45-47) Ngowe-1880 IMboniselo (yesiNgesi) yahlahlela amagama eelwimi zantlandlolo abhalwe ngaba nobumba bathi Sheol nelithi Hades eBhayibhileni (yesiNgesi) yaza yagqiba kwelokuba la magama alatha ingcwaba eliqhelekileyo loluntu. Yakwalatha nokuba abantu ababesiya eGehena babetshatyalaliswa, bengathuthunjiswa.—Bona kwaneNew World Translation Reference Bible, iphepha 1573-5.

9. Ngowe-1894, yathini IMboniselo (yesiNgesi) ngokubhekisele kwimvelaphi yemfundiso yokuba umphefumlo womntu awufi ngokwemvelo?

9 Ngowe-1894 IMboniselo (yesiNgesi) yaphakamisa lo mbuzo, “Ivela phi ke phofu le ngcamango ithandwayo yokuba bonke abantu banokungafi kubo, bazalwa benako, kuyinto yemvelo kubo?” Isebenzisa ukuqonda, yaphendula ngokuthi: “Ekuhlolisiseni ngenyameko ingxelo yembali, sifumanisa ukuba, nangona imfundiso yokungafi komntu ingafundiswa ngamangqina aphefumlelweyo kaThixo, ingumongo oyintloko wazo zonke iinkonzo zobuhedeni. . . . Ngoko ke, aliyonyaniso elokuba uSocrates noPlato babengabokuqala ukufundisa le mfundiso: yayinomfundisi wayo wangaphambilana kunaye nawuphi na kubo bobabini, ukanti owayenobuchule obukhulu kunabo. Phofu ke, bona nje bayiqaqambisa le mfundiso . . . baza benza intanda-bulumko ngokusuka kuyo, ngaloo ndlela beyenza ibe yelukuhla ngakumbi ize yamkeleke kudidi oluchubekileyo lwabantu lomhla wabo ukuhla ukuza kuthi ga kulo mhla. Ingxelo yokuqala yale mfundiso yobuxoki ifunyanwa kweyona ncwadi indala engokwembali eyaziwayo ngabantu—iBhayibhile. Lo mfundisi wobuxoki wayenguSathana.”a

10. Ubuxoki bonqulo mayela nomphefumlo nangemeko yabafi baba nayiphi imiphumo, kodwa yintoni eyenziwayo ukuze kuncedwe abantu abaqiqayo?

10 Ngokusasaza ubuxoki bokuba bonke abantu banomphefumlo ongafiyo nobokuba abangendawo baya kuthuthunjiswa ngonaphakade kwisihogo somlilo, uSathana walimela ngokuphosakeleyo waza walinyelisa igama likaThixo. Umhleli wokuqala weMboniselo, uC. T. Russell, wasiqonda eso sibakala. Wababona abantu abakrelekrele beyicekisa ingcamango yentuthumbo kanaphakade, kodwa, ngokulusizi, wakwababona beyicekisa iBhayibhile kuba babecinga ukuba yayingumthombo waloo mfundiso ingekho ngqiqweni. Ukuze ashenxise loo msi wamaXesha Obumnyama kwiingqondo zabantu abaqiqayo, njengokuba wakubekayo, uMzalwan’ uRussell wanikela intetho yesidlangalala eyayivus’ ihlombe eyayisithi “Ukuya Nokubuya Esihogweni! Ngoobani Abalapho.”

11. (a) Xa ukusebenzelana nemimoya kwathabath’ unyawo, sisiphi isilumkiso esahlokonyiswa ludidi ‘lomkhonzi othembekileyo’? (b) Ngoobani abaye bangenelwa sesi silumkiso, ibe njani?

11 Elo yayilixesha laxa ukusebenzelana nemimoya kwakuthabath’ unyawo. Kodwa ngokuqonda uYehova uThixo awakwenza kwaba nokwenzeka ngeLizwi lakhe, udidi ‘lomkhonzi othembekileyo’ lwaqonda ukuba oko kwakucingelwa kuyimimoya yabangasekhoyo abanxibelelana nayo abantu ngokoqobo yayiziidemon. Kwanikelwa iingxubusho ezinamandla ezingokweZibhalo kwiintetho zesidlangalala nangeendlela ezibhaliweyo ukuze kuvulwe amehlo abo bantliziyo zinyanisekileyo ukuba babone ingozi yokubandakanyeka kuqheliselo lokusebenzelana nemimoya. (Duteronomi 18:10-12; Isaya 8:19) Ngenxa yoku kuqonda uYehova akunike abakhonzi bakhe, amawaka amaninzi abantu zwenibanzi aye akhululwa ekoyikeni abafi, kuqheliselo lokusebenzelana nemimoya, nakuqheliselo oluthob’ isidima olunxulumene nako.

Ihambo YamaKristu Kwihlabathi Elineziphithiphithi

12, 13. (a) Cacisa uDaniyeli 11:32, 33. (b) Ziziphi ezinye iinyaniso zeBhayibhile ezisisiseko ezinikela isizinzi sokuqonda okudluliselwa ‘ngabo banokuqonda’?

12 Umprofeti uDaniyeli wabonisa ukuba abakhonzi bakaThixo babeya kubonakalisa ukuqonda ngokunxulumene nomnye umbandela wesine, imbambano ebalulekileyo—ubundilele. Emva kokuchaza ngokweenkcukacha usukuzwano olukhoyo phakathi kwamaqela abalaseleyo obupolitika ehlabathi, uDaniyeli 11:32, 33 uthi: “Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela [“wobakhokelela kuwexuko,” NW] ngamazwi agudileyo.” Oko kukuthi, ukumkani wasentla wobuzwilakhe ubakhokelela kuwexuko abo bazibanga bengamaKristu kodwa bethanda ihlabathi, abafuna inkoliseko yalo, baze ngaloo ndlela bawuphathe ngendelelo umnqophiso kaYehova woBukumkani aya kuthi uYesu Kristu alawule kubo wonke umhlaba. UDaniyeli uhlabela mgama esithi, “Ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze. Abanengqiqo [“abanokuqonda,” NW] ebantwini boluqondisa uninzi.”

13 Ukuqonda okufunekayo ekuqhubaneni ngobulumko neemeko ezisijikelezileyo ezimaxongo ngokufuthi, kusekelwe ekuqondeni iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile. Ngolwalathiso lukaYehova, udidi ‘lomkhonzi othembekileyo’ luye lwaziqonda ezi nyaniso. Enye yazo yeyokuba, njengokuba uYesu wabonisayo, umlawuli ongabonakaliyo weli hlabathi nguSathana uMtyholi. (Luka 4:5-8; Yohane 12:31) Ngokuvisisana nale nyaniso, eyoku-1 kaYohane 5:19 yongezelela isithi asilocandelo nje elithile okanye elinye koko “ihlabathi liphela [lonke uluntu olungaphandle kwebandla lamaKristu okwenyaniso] lilele kongendawo.” (ISityhilelo 12:9) Ekubeni uYesu wathi abalandeli bakhe babengayi kuba ‘ngabehlabathi,’ oku kufuna ukuba amaKristu abe ngoondilele.—Yohane 17:16.

14. (a) Ingqalelo yabakhonzi bakaYehova yalathiswa kweyiphi imibandela ngexesha elifanelekileyo ngowe-1939 nowe-1941? (b) Ukuqonda okunjalo kuye kwawanceda njani amaNgqina kaYehova ukuba enze ngobulumko?

14 Ngoko ke, njengoko kwakuxhotyelwa iMfazwe Yehlabathi II kwelaseYurophu, yabalaseliswa ngexesha elifanelekileyo imbambano yobundilele bamaKristu kwiMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1939. Kukwakho nenye inyaniso esisiseko enokuthanani nalo mbandela—ukubaluleka kwembambano yolongamo lwendalo iphela nendima yoBukumkani bukaMesiya ekuzinziseni le mbambano. Ngokufanelekileyo, ngowe-1914 le mbambano yabalaseliswa kwintetho eyanikelwa kwindibano yamaNgqina kaYehova eSt. Louis, eMissouri, eUnited States, nakunyaka owalandelayo kwincwadi ethi The New World. Enjani yona inkuselo ukuqonda okunjalo okuvela kuThixo okwathi kwayinikela kubakhonzi bakaYehova kweli hlabathi lahluleleneyo nelilwayo! Nangona iinkqubo zonqulo zeNgqobhoko ziye zawohloka ngenxa yokuba ziye zazivumela ukuba zibandakanyeke kusukuzwano lwezizwe ngezizwe nakwimibutho yabanqolobi ukuze zibhukuqe oorhulumente, amaNgqina kaYehova kuwo onke amazwe aye aqhubeka ngokumanyeneyo ezinikele ekupapasheni uBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwethemba loluntu. Aye azigcina exakekile ngokwenza umsebenzi wokusindis’ ubomi owaxelwa nguYesu kwangaphambili xa wathi: “Zaye ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mateyu 24:14.

Inzaliseko Yeziprofeto ZeBhayibhile

15. Kutheni le nto abakhonzi bakaYehova baba nokuqonda?

15 Kutheni abakhonzi bakaYehova beye banokuqonda okunjalo? Kungenxa yokuba banentembelo epheleleyo kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo, bayalithobela, yaye umoya kaYehova uphezu kwabo. Oku kuye kwababangela bakwazi ukuqonda iziprofeto zeBhayibhile ezibalulekileyo, ibe leyo yingongoma yesihlanu esiza kuyiqwalasela.

16, 17. (a) Kutheni le nto maxa wambi imihla esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova isahluka kuleyo inikelwa ngababhali-mbali behlabathi? (b) AmaNgqina kaYehova aye angenelwa njani kwintembelo yawo eBhayibhileni mayela nokubala ixesha ukususela kumnyaka wama-20 ka-Artashashta nexesha lokutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni?

16 Ababhali-mbali behlabathi, bekholose ngenkcazelo yabo yeengceba zamacwecwe avunjululwe ngabembi bezinto zakudala, baye bagqiba kwelokuba owama-464 B.C.E. yayingumnyaka wokuqala wobukumkani buka-Artashashta Longimanus nokuba owama-604 B.C.E. yayingumnyaka wokuqala wobukumkani bukaNebhukadenetsare II. Ukuba oko bekuyinyaniso, umnyaka wama-20 kaArtashashta wawuya kuqalisa ngowama-445 B.C.E., uze umhla wokuphanziswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni (ngomnyaka we-8 wokulawula kukaNebhukadenetsare) ube ngowama-587 B.C.E. Kodwa ukuba umfundi weBhayibhile usebenzisa loo mihla xa ebala inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile, uya kudideka kakhulu.

17 AmaNgqina kaYehova ebenomdla kwizinto ezifunyenwe ngabembi bezinto zakudala njengoko ezi zinto zinokuthanani neBhayibhile. Phofu ke, apho inkcazelo yezi zinto iphikisana neenkcazelo ezicacileyo eziseBhayibhileni, sikwamkela ngentembelo oko iZibhalo Ezingcwele zikutshoyo enoba kungemicimbi enokuthanani nobalo-maxesha okanye ngawo nawuphi na umbandela ongomnye. Ngenxa yoko, abakhonzi bakaYehova kudala beqonda ukuba ithuba lexesha lesiprofeto elaqalisa ngomnyaka wama-20 ka-Artashashta laliya kubalwa ukususela kowama-455 B.C.E. yaye ngaloo ndlela, uDaniyeli 9:24-27 ngendlela enokuthenjwa walatha kukwindla lomnyaka wama-29 C.E. njengexesha lokuthanjiswa kukaYesu njengoMesiya.b Ngenxa yesi sizathu, baye baqonda ukuba isiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 esimayela ‘namaxesha asixhenxe’ saqalisa ukubala ngowama-607 ukusa kowama-606 B.C.E. nokuthi salatha ngqo kukwindla lowe-1914 C.E. njengomnyaka awathi uYesu wahlaliswa ngawo etroneni yasezulwini njengoKumkani olawulayo nelathi eli hlabathi langena ngawo kwixesha lalo lokuphela.c Kodwa ngebengazange bakuqonde ukuzaliseka kwezi ziprofeto zichulumancisayo zesiprofeto ukuba babexengaxengile kwintembelo yabo ekuphefumlelweni kweZibhalo Ezingcwele. Ngaloo ndlela, ukuqonda abaye bakubonakalisa kuye kwanxulunyaniswa ngokungqalileyo nokukholosa kwabo ngeLizwi likaThixo.

18. UIsaya 65:13, 14 uthembisa ntoni ngokubhekisele kwimeko yokomoya yabakhonzi bakaYehova abathembekileyo?

18 Ethelekisa imeko yokomoya yabakhonzi bakhe abathembekileyo naleyo yabantu ngabanye namaqela azibekel’ ecaleni iZibhalo ekhetha nantoni na ethandwayo okwelo xesha, uYehova uthi: “Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayita kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.”—Isaya 65:13, 14.

19. (a) Ngokuyintloko, ziziphi iindlela ezisetyenziswa ‘ngumkhonzi othembekileyo noqondayo’ ukucacisa iZibhalo? (b) Luhlobo olunjani locwangciso lokufundisisa oluya kusibangela sikwazi ukungenelwa ngokupheleleyo kukudla kokomoya?

19 Njengoko oku kuhlolisiswa kufutshane kwembali kubonisile, kube ngemihlathi yeMboniselo athe ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ kaYehova wasicacisela ngeenyaniso ezibalulekileyo zeZibhalo. IMboniselo isisixhobo esiyintloko esisetyenziswa ludidi ‘lomkhonzi’ ukusasaza ukudla kokomoya. Ngaba ungenelwa ngokupheleleyo kuko? Ngaba ufunda inkupho nganye, ibe ngaba ucwangciso lwakho lokufundisisa luquka ukukhangela izibhalo ezibonisiweyo kodwa ezingacatshulwanga? Kwakhona ngaba ukwenza umkhwa ukucamngca ngoko ukufundileyo, ubonakalisa uxabiso ngako, uqwalasela indlela okufanele kusichaphazele ngayo isimo sakho sengqondo, iminqweno yakho, imisebenzi yakho yemihla ngemihla, usukelo lwakho ebomini? Ukwenza kwakho ngolo hlobo kunokuba nguthunywashe omkhulu ekwenzeni izigqibo zakho zibe zezisekelwe ekuqondeni kokwenene okuye kwanikelwa nguYehova kuphela.

[Imibhalo esemazantsi]

a USathana wakhokelela uEva ekukholelweni ukuba wayenokungafi konke konke enyameni. (Genesis 3:1-5) Ngoko yayingekho le mfundiso de yabe iveliswa nguye imfundiso yobuxoki yokuba abantu banomphefumlo ongafiyo ophilayo emva kokufa komzimba.—Bona IMboniselo, (yesiNgesi) kaSeptemba 15, 1957, iphepha 575.

b Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 614-16, 899-901.

c “Let Your Kingdom Come,” iphepha 186-9.

Ukhumbula Ntoni?

◻ Ngaba uThixo unguBathathu Emnye, ibe kutheni uphendula ngolo hlobo nje?

◻ Igama likaThixo lifanele libe phi kanye ngokufanelekileyo?

◻ Ngaba umphefumlo womntu awufi?

◻ Kukuphi ukuqonda okunikelwe nguYehova mayela nehambo yamaKristu kwihlabathi elineziphithiphithi?

◻ AmaNgqina kaYehova aye afumana kuphi ukuqonda mayela nenzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile?

[Imifanekiso ekwiphepha 18]

Usebenzisa IMboniselo, ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ulungiselela ukuqonda mayela nentsingiselo yezibhalo nendlela ezisebenza ngayo kumhla wethu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share