Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Kutheni IMboniselo kaSeptemba 15, 1988, ibonisa ukuba ubuProtestanti buye bazingcolisa kwanangaphezu kobuRoma Katolika?
Kwathiwa kunjalo ngenxa yokuba oku kuvisisana nesiprofeto nezibakala. Kwincwadi kaHezekile isahluko 23, uOhola no-Oholibha abangokomfuziselo bachazwa njengoodade abaziphethe kakubi. Ubukumkani bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli babumelwa nguOhola, ngoxa uOholibha wayemela izizwe ezibini zobukumkani bakwaYuda. Ekuxubusheni ngala mabhinqa okomfuziselo, IMboniselo kaSeptemba 15, 1988, yathi kwiphepha lama-21:
“Ngenxa yokuhamba ngekhondo lesono ngaphezu kodade wabo, [uOhola, okanye uSirayeli], uOholibha (elakwaYuda) wafumana intlekele eyehlela uhlanga ezandleni zamaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. Abantwana bakhe balala waca likrele okanye bathinjwa, ibe wahlazeka phakathi kweentlanga. Njengo-Ohola no-Oholibha, iNgqobhoko iyakrexeza ngokomoya, nto leyo ebonakala isisono kuThixo ethi iyamnqula. UbuProtestanti, kunye neemvaba zabo ezininzi, buye bazingcolisa ngamagunya ezorhwebo nawobupolitika eli hlabathi ngaphezulu lee kunodade wabo omkhulu, ubuRoma Katolika. Ngaloo ndlela, uYehova uya kuqinisekisa ukuba yonke iNgqobhoko iyatshatyalaliswa.”
Eqalisa ngeBhunga laseNicaea ngowama-325 C.E., uKumkani uConstantine wadibanisa unqulo lobuhedeni lwelizwe laseRoma nobuKristu obuwexukileyo waza waba yintloko yeCawa entsha yamaKatolika. Ngaloo ndlela eCawa yamaRoma Katolika inokuyilanda imvelaphi yayo ukususela kwinkulungwane yesine yeXesha lethu Eliqhelekileyo. UbuProtestanti baqalisa ngethuba loHlaziyo lwenkulungwane ye-16. Ngoko, njengoko uOhola (uSirayeli) wayemdala kuno-Oholibha (elakwaYuda), IMboniselo ngendlela efanelekileyo ibubiza ubuRoma Katolika njengodade wobuProtestanti omdala.
Ukanti, kutheni kunokuthiwa “ubuProtestanti . . . buye bazingcolisa ngamagunya ezorhwebo nawobupolitika eli hlabathi ngaphezulu lee kunodade wabo omkhulu, ubuRoma Katolika”? Kungenxa yokuba izibakala zingqinelana nesiprofeto, esithi: “Wakubona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye [“uOholibha,” NW], waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo.”—Hezekile 23:11.
Njengamacandelo eBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, ubuKatolika nobuProtestanti buye babandakanyeka ngokunzulu kumagunya ezorhwebo nawobupolitika eli hlabathi. (ISityhilelo 17:1-6; 18:1-19) Kuyinyaniso ukuba, imvaba enye yobuProtestanti isenokuba nempembelelo engaphantsi kunaleyo yeCawa yamaRoma Katolika enamandla. Kodwa iicawa ezininzi zobuProtestanti zidibene ziyayodlula iCawa yamaKatolika enye ngamandla nangempembelelo. Ngokomzekelo, ubuProtestanti bunempembelelo enkulu kumazwe athile anamashishini amakhulu, bunabafundisi abathile bamaProtestanti abafuna isikhundla esiphezulu kwezobupolitika. Ngoko le yenye indlela apho ubuProtestanti, neemvaba zabo ezininzi, obuye bazingcolisa ngayo ngaphezulu lee kunobuKatolika.
Noko ke, kwenye indlela, ubuProtestanti buye ‘batshiseka ngokukhanuka okumandundu’ ibe bufuna ukukhalinyelwa ngakumbi kunobuKatolika. Njani njalo? Kaloku, uHlaziyo lwanika ubuProtestanti ubuncinane ithemba lokukhanya okungakumbi ngokomoya. Enyanisweni, bambi babahlaziyi benza okuthile okunyanisekileyo nokuphawulekayo ngokubhekisele koku. Kodwa xa kwathethwa kwaza kwenziwa yonke into, iimfundiso ezinjalo ezingekho zibhalweni njengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo womntu nesihogo somlilo zahlala zinjalo phakathi kwamaProtestanti. NjengamaKatolika, nawo ayenetyala lokubandakanyeka ekunquleni isidalwa nasekubekeni izithethe zabantu endaweni yenyaniso yeBhayibhile.—Mateyu 15:1-9; 23:9, 10.
Okubangela umdla ngokubhekisele koku koko kwachazwa kwiNcwadi yokuQala ethi Vindication, emva phayaa ngonyaka we-1931. Kwiphepha 309, le mpapasho yeWatch Tower (ngoku engekhoyo esitokhweni) yathi ngokubhekisele kuHezekile 23:11-13: “‘Unqulo olulungelelanisiweyo’ lobuProtestanti lwabona indlela ubuRoma Katolika obabuzingcolise ngayo ngamagunya ezorhwebo nawobupolitika eli hlabathi, lwaza lwathetha okuninzi nxamnye namaKatolika ngenxa yeso sizathu; kodwa ke ubuProtestanti benza baza bahamba kanye ngokufanayo, kwanangaphezulu koko kwenziwa ngamaKatolika. . . . UbuProtestanti nobuKatolika buye bahamba ngendlela efanayo; kodwa ubuProtestanti baye baba nokukhanya okungakumbi kunobuRoma, ibe ngoko ke bufanele ukukhalinyelwa ngokungaphezulu.”
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UConstantine wadibanisa ubuKristu babawexuki nonqulo lobuhedeni belizwe laseRoma, ngaloo ndlela esiba yintloko yeCawa entsha yamaKatolika
[Inkcazelo]
The Metropolitan Museum of Art, Ilifa likaNksk. F. F. Thompson, 1926. (26.229)