IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwfq inqa. 33
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?
  • Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Amangqina Kayehova Yinxalenye Yamaprotestanti?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Abantu Bakhalela Utshintsho
    Vukani!—2004
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Icawa Isengxakini KuMzantsi NoMbindi Merika—Kutheni Izigidi Ziyishiya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
ijwfq inqa. 33
INgqina likaYehova lincokola ngeenkolelo zalo ezisekelwe eBhayibhileni nommelwane

Ngaba AmaNgqina KaYehova AngamaProtestanti?

Akunjalo. AmaNgqina kaYehova angamaKristu, kodwa asizigqali njengamaProtestanti. Ngoba?

UbuProtestanti buchazwa “njengonqulo olunxamnye namaRoma Katolika.” Nangona iyinyaniso kona into yokuba amaNgqina kaYehova akavumelani neemfundiso zeCawa yamaKatolika, asizigqali njengamaProtestanti ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  1. Iinkolelo ezininzi zamaProtestanti ziyangqubana noko kufundiswa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, iBhayibhile ifundisa ukuba “mnye uThixo” kungekhona uThixo Oneziqu Ezithathu. (1 Timoti 2:5; Yohane 14:28) Ikwafundisa ngokucacileyo ukuba uThixo uyabohlwaya abangendawo, kungekhona kwisihogo somlilo kodwa ngokubatshabalalisa ngonaphakade.​—INdumiso 37:9; 2 Tesalonika 1:9.

  2. Asikho nxamnye neCawa yamaKatolika okanye naluphi na olunye unqulo. Ngokwahlukileyo koko, sishumayela nje iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, sinceda abanye bakhe ukholo lwabo kuzo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Sinomdla kungekhona ekuzameni ukutshintsha ezinye iicawa kodwa ekufundiseni bonke abantu inyaniso ngoThixo nangeLizwi lakhe iBhayibhile.​—Kolose 1:9, 10; 2 Timoti 2:24, 25.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share