Kutheni Kukho Ulwaphulo-mthetho Oluninzi Kangaka Nje?
“INKOLISO yolwaphulo-mthetho lwenziwa nxamnye neempahla zabanye,” yatsho njalo incwadana yaseburhulumenteni baseBritani. Phofu ke, kwelo lizwe ulwaphulo-mthetho olunogonyamelo nxamnye nabantu lubikwa “lulolona hlobo lolwaphulo-mthetho lukhula ngokukhawuleza,” nakuba lubumba isi-5 ekhulwini nje kuphela sazo zonke izenzo zolwaphulo-mthetho.
Le meko ibonisa ukwanda kolwaphulo-mthetho kwihlabathi lonke. Uqweqwediso, ukuphanga ngokuxhomisa ngezikhali, ukudlwengula, nezinye izenzo zogonyamelo zisoloko zibalaseliswa kumanqaku akumaphephandaba ehlabathi, ngokufuthi zitsalela ingqalelo engakumbi kuneengxelo zolwaphulo-mthetho olungelulo olunogonyamelo. Ngoko ke, kucacile ukuba wena neempahla zakho usenokuba lixhoba lolwaphulo-mthetho. Kodwa kutheni? Yintoni eqhubela abantu ekubeni babe zizaphuli-mthetho?
Izaphuli-mthetho ezininzi zikhetha amathuba azifaneleyo. Ngokomphumo, amagunya azabalazela ukulwa ukwanda kolwaphulo-mthetho ngokukhuthaza abantu ukuba bakuphaphele ngakumbi oko kwenzeka elumelwaneni lwabo. Ngoxa amacebo anjalo esetyenziswa ukuzama ukuthintela izenzo zolwaphulo-mthetho, ngaba ayabavalela abantu ekubeni zizaphuli-mthetho? Nakanye.
Ubuntu bomntu osisaphuli-mthetho buyinto eyintloko ehlolisiswa gqitha. Okubangela umdla kukuba, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, liyasikrobisa kwindlela ezicinga ngayo izaphuli-mthetho xa lilumkisa umfana ngabo bamhendayo besithi: “Hamba nathi, masilalele igazi, masibalalele abamsulwa bengenatyala; masibaginye njengelabafileyo behleli, begqibelele, njengabehla baye emhadini; sofumana ubuncwane obunqabileyo, sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba; wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, yoba nye ingxowa yethu sonke.” (IMizekeliso 1:11-14) Ewe, ukubawa, ukunqwenela izinto zabanye, nembono yokuthanda izinto eziphathekayo zikhuthaza ulwaphulo-mthetho.
Ukusebenzisa kakubi iziyobisi nokuthanda ukuzifica ngokugqithiseleyo kwizenzo zokufuna iziyolo nako kulawula indlela abantu abaninzi abacinga ngayo kule nkulungwane yamashumi amabini. Kufuneka imali ukuze kuhlawulelwe oku kuzifica kungafanelekanga enoba oko bekuya kuthetha ukwenzakalisa omnye okanye ukumbulala ukuze kufunyanwe loo mali. Kula maxesha ‘anomngcipheko nekunzima ukuphila kuwo,’ kuyinyaniso ngokwenene ngenani elandayo labantu ukuba “bayagxalathelana ukuya kwaphula umthetho, bengenakuzibamba ukuya kuphalaza igazi.”—2 Timoti 3:1, 3, 4; IMizekeliso 1:16, The New English Bible.
Ulwaphulo-mthetho “lusisono esinzulu ingakumbi ngokuchasene nendlela yokuziphatha,” itsho njalo iWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary. Siphila kwixesha lokuwohloka kokuziphatha. Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu ase-Efese ngabantu ‘abahamba ngamampunge engqiqo yabo, zenziwe mnyama iingqondo, bengazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukubo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo; abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni.’ Ngokukwanjalo, nathi namhlanje kufuneka siphaphe.—Efese 4:17-19.
Akuthanga na ukwanda okukhulu kweeteyiphu zikamabonwakude ezibonisa izenzo zokonwatyiswa yinkohlakalo, ukuzukiswa kwemfazwe, nosukelo lokuzingca lweziyolo ezingekho mthethweni konke kwafak’ isandla ekwenzeni abathile babe zizaphuli-mthetho ngoxa kusenza abantu abangenatyala babe ngamaxhoba olwaphulo-mthetho? Kodwa kusekho omnye unobangela wolu thungelwano lwesibatha solwaphulo-mthetho. Uyintoni?
UnguSathana uMtyholi. Umsindo wakhe uphemba umlilo wogonyamelo nolwaphulo-mthetho lokungabi naluvelwano oluphawula eli hlabathi lanamhlanje. (1 Yohane 5:19; ISityhilelo 12:12) Injongo yakhe ikukwenza bonke abantu babe kude noThixo oyinyaniso, uYehova. Nakuba esenokuphumelela kwabaninzi, ngendlela ebuprofeti iBhayibhile ityhila ukuba akayi kuphumelela ekwaphuleni ingqibelelo yabakhonzi bakaThixo bokwenyaniso. Ekugqibeleni, uSathana uya kushenxiswa. Ukanti, nakuba woba engasekho uSathana, ngaba oko kuya kuthetha ukuphela kolwaphulo-mthetho? Yaye ngaba ukuphela kolwaphulo-mthetho ngoku kusondele?