Imikhwa Yokuziphatha Ngokwesini Elizothe—Eyamandulo Neyale Mihla
KWAKULIZOTHE kangakanani ukunqulwa kukaMoleki, omnye woothixo bamaMowabhi? UPaolo Mantegazza ubhala kwincwadi yakhe ethi The Sexual Relations of Mankind ebonisa ukuba amaMowabhi awayekho ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile enza izenzo ezingcolileyo zesini “emculweni, njengokuba ayengqungqa ejikeleza umfanekiso oqingqiweyo nowawushushu ngumlilo kaMoleki, emva kokuba imilomo esixhenxe yobhedu yalo thixo ibimbilize iminikelo yabathembekileyo, iminikelo eyayiquka umgubo wengqolowa, amahobe, amatakane eegusha, iinkunzi zeegusha, amathole eenkomo, iinkunzi zeenkomo, nabafana abaselula.” Wongezelela esithi: “Nabani na oye wayifunda iBhayibhile ufanele akhumbule iziqalekiso ezibi kakhulu ezavakaliswa nguMoses kuloo maHebhere athi ahenyuza noMoleki. Naye uBaal-phegor okanye uBelphegor [Bhahali-pehore], owayesisithixo esithandwayo samaMidiyan, wamkelwa ngehlombe lempambano ngamaYuda, yaye unqulo lwakhe lwalungekho nganeno ngokungcola kwizithethe zokunqula uMoleki.”—Levitikus 18:21, umbhalo osemazantsi weNew World Translation Reference Bible; Lev 20:2-5; Numeri 25:1-5; Yeremiya 32:35.
‘Ihlombe lempambano’ laloo maYuda liyafana “nokuziphatha okutsha” kwanamhlanje okuye kwavela, ingakumbi eUnited States nakwamanye amazwe eNgqobhoko, kwiminyaka yee-1960.
Ekuhloleni imiphumo yexesha elide elizayo yoko kuvukelwa kwemigaqo engokuziphatha yesini, uGqr. uAlexandra noVernon H. Mark, ababhali bencwadi ethi The Pied Pipers of Sex, banikela iimbono zabo kwicandelo elithi “Ukuthetha Phandle” kwiMedical World News, yaseHouston, eTexas, eUnited States. Ngowe-1985 babhala oku:
“Kule minyaka ingama-25 idluleyo, uluntu luye lwabonela inguqulelo enkulu kwiindlela zokuziphatha ngokwesini. . . Oku kubhukuqwa kwendlela yokuziphatha engokwesithethe kuye kwabizwa ngokuba yimvukelo yesini.” Emva kokuzibiza ngamagama iingcali kwezobugqirha ezibophelelekileyo ngale nguqulelo kwisimo sengqondo esingokuziphatha ngokwesini, aba babhali bavakalisa oku: “Ngokomlinganiselo wegalelo lakhe ngamnye kubo, [aba gqirha] baye banempembelelo eyothusayo kuluntu nakuyo yonke imibutho yalo. Kunokuba sizive sinombulelo kula maqhawe esini, kufuneka siyinciphise impembelelo yawo ngokuthi sikhulise ukuma okusengqiqweni nokulungeleleneyo ngokuphathelele indlela yokuziphatha ngokwesini nokhuseleko lwempilo yoluntu.
“Isantya esikhulu eqhubeke ngaso imvukelo yesini asikavelisi naziphi na iingenelo ezibalulekileyo kwilizwe ngokubanzi—ngaphandle kokuba sicinga ngenzuzo engokwemali. Kodwa ngenxa yokugxininisa kwayo kwisini njengendlela yokuzihlaziya nanjengomdlalo othandwa ngababukeli, le mvukelo iye yavelisa inkitha yeengxaki ezisisongela ngomonakalo onzulu ongokwasentlalweni—igcushuwa yenye yazo. Igcushuwa ayisosibetho sitsha, kodwa ngoku iye yaba ngubhubhani, ivulela ithuba lokukhula kwemfumba yeentsholongwane ezingaqhelekanga nezinye izinto ezifana neentsholongwane zevirus. Isifo samadyungudyungu akumalungu esini, esinganyangekiyo kubantu abakhulu, siye sabangela ukufa kweentsana ngenxa yesifo sokukrala kobuchopho (meningoencephalitis). Ugawulayo (iAIDS) . . . uye wafumana ithuba lokungena phakathi koluntu lwethu nakubomi bamaxhoba engeniswa ligazi neentsholongwane zesi sifo ekunikezelwe ngalo.”
Aba babhali bafikelela kwesi sigqibo: “Ubungqina obukhulayo obubek’ ityala iinkokeli zemvukelo yesini buyachukumisa. Bathembisa ngolonwabo, inkululeko nempilo elungileyo. Babangele usizi, isifo, nokufa.” IBhayibhile yenza kucace apho iinkokeli ezilolo hlobo zimi khona. Ngokomzekelo, eyoku-1 yabaseKorinte 6:9, 10 ithi: “Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, . . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—Bona kwanoYuda 7.