Ukutshintsha Kwezimo Zengqondo Kuphakamisa Eminye Imibuzo?
“IINGUQU KWINDLELA YOKUZIPHATHA NGOKWESINI,” “ukuthi ti sisini,” “iinguqu kwimilinganiselo yokuziphatha.” Amabinzana alolo hlobo aye asasaza ngokubanzi ukuguquka kwezimo zengqondo ngokuphathelele isini, ingakumbi kwiminyaka yee-1960 nasemva koko. Abaninzi basebenzisa amazwi athi “kheth’ omthandayo,” nto leyo eyayixhaphake gqitha kwindlela yobomi apho abantu baye bawuphosa kwelokulibala umtshato nobunyulu.
Isibhengezo sombhali uErnest Hemingway esithi, “Into elungileyo yinto ovakalelwa kamnandi emva kokuba uyenzile, yaye into engafanelekanga yinto ozisolayo wakuba uyenzile,” sisichaza kakuhle isimo sengqondo sabo babethabatheka yinkululeko nokuzanelisa ngokwesini. Ukwamkela le ntanda-bulumko kwakuwuqhwabel’ izandla umkhwa wokuba neentlobano zesini zokwexeshana namaqabane awahlukeneyo apho mntu ngamnye, indoda nebhinqa, bahlola umdla abanawo kwisini. “Ukuzanelisa” kwabo ngokwesini kwakungenamida. Iipilisi zoqingqo-nzala, ezaqala ukusetyenziswa kwelo shumi leminyaka, zabakhulula ukuba baziphathe vakalala ngomzimba ongenaxhala.
Noko ke, umvuzo waloo vula zibhuqe uye waba nguGawulayo nezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. Laqala lanqum’ inqatha kweso sizukulwana senza unothanda ngokwesini. Kwiminyaka ethile eyadlulayo, iphephancwadi iTime lalinomxholo othi “Inkanuko Yesini Kwiminyaka yee-1980—Iinguqu Sele Zidlule.” Esi sibhengezo sasibhekisele ngokuyintloko kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini ezazigqugqisile nezazichaphazela abantu abaninzi baseMerika. Ukuza kuthi ga ngoku inani labantu abanoGawulayo ehlabathini lonke liye lantinga ngendlela exhomis’ amehlo ephantse ibe zizigidi ezingama-30!
Ukoyika izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini kuye kwabagungqisa kanobom abo bathe phithi kukuba neentlobano zesini namaqabane ngamaqabane. Inkupho yowe-1992 ye-US, eliphephancwadi lezolonwabo, inikela ingxelo ngohlolisiso olwenziwa ngurhulumente, yathi: “Malunga namabhinqa angatshatanga azizigidi ezisisi-6,8 aye atshintsha kwindlela ebeziphethe ngayo ngokwesini ngenxa yokoyika uGawulayo nezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini.” Ngokutsho kweli nqaku, umyalezo ocace okwekat’ emhlophe ehlungwini ngowokuba: “Iintlobano zesini zingumbandela wokufa nokuphila. Ukubandakanyeka kuzo kukuzibeka nje esichengeni.”
Lo qulukubhode wala maxesha eminyaka uyichaphazele njani indlela abantu abazijonga ngayo iintlobano zesini? Ngaba zikho izifundo abaye bazifunda ekungakhathalini okuquka ukheth’ omthandayo wala mashumi eminyaka akutshanje nokubuyiselwa ezingqondweni zizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini zeminyaka yee-1980? Ngaba ukuqaliswa kwemfundo engesini kwizikolo zikawonkewonke kuye kwabanceda abafana namabhinqa aselula akwazi ukuziphatha kakuhle ngokwesini? Yiyiphi eyona ndlela ifanelekileyo yokujamelana nocelomngeni lwanamhlanje lokuguquka kwezimo zengqondo ngokuphathelele iintlobano zesini?