Ngaba Baye Bayingqina IBhayibhile Ingeyonyaniso?
NGABA izazinzulu nabahlalutyi beBhayibhile baye ngokwenene bayingqina into yokuba iBhayibhile iqulethe iimpazamo neentsomi? Ngaphambi kokuba uvume ukuba baye benjenjalo, ufanele ukhumbule ukuba nangona abaphengululi abaninzi bevakalisa iimbono zabo ngendlela engqalileyo nenegunya, abasoloko bechanile. Ngokufuthi iingcamango zabo zisekelwe kwiziseko ezingazinzanga.
Iingcamango Ezithandabuzekayo
Njengomzekelo wamazwi avakala enengunya awavakaliswa ngomnye umhlalutyi weBhayibhile, qwalasela oko uS. R. Driver wakutshoyo ngencwadi kaDaniyeli. Ngokuqhelekileyo, le ncwadi iye yagqalwa njengaleyo eyabhalwa nguDaniyeli ngokwakhe eBhabhiloni ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo. (Daniyeli 12:8, 9) Kodwa lo kaDriver wavakalisa ukuba yabhalwa kamva gqitha kunoko. Ngoba? Obunye “ubungqina” obanikelwayo yaba kukuba le ncwadi iqulethe amagama esiGrike, ibe uDriver wagxininisa esithi: “Kusenokutshiwo ngentembelo ukuba, la magama, ayengenakusetyenziswa kwincwadi kaDaniyeli ngaphandle kokuba yayibhalwe ngemva kokusasazeka kwempembelelo yamaGrike eAsia ngoloyiso luka-Alesandire Omkhulu.” UAlesandire woyisa malunga nomnyaka wama-330 B.C.E.
Amazwi kaDriver awanakuba ngangqale ngakumbi. Kanti, xa ewaxhasa, ukhankanya kuphela amagama amathathu esiGrike, onke ingamagama ezixhobo zomculo. (Daniyeli 3:5) Ekubeni amaGrike ayenezinto awayesondelelene ngazo gqitha neAsia esentshona ukususela ekuqalekeni kwembali ebhaliweyo, ubani unokutsho njani ngokufanelekileyo ukuba izixhobo zomculo ezinamagama esiGrike zazingasetyenziswa eBhabhiloni ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo? Esinjani ukungazinzi isiseko sokuthandabuza ixesha nokubhalwa kwencwadi kaDaniyeli!
Omnye umzekelo yindlela iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile ezijongwa ngayo. Ngokuqhelekileyo, ezi kuye kwathiwa zabhalwa inxalenye yazo enkulu nguMoses malunga nowe-1500 B.C.E. Noko ke, abahlalutyi bathi babona indlela zokubhalwa ezahlukahlukeneyo kwezi ncwadi. Kwakhona, baphawula ukuba uThixo maxa wambi kubhekiselwa kuye ngegama lakhe, uYehova, ibe maxa wambi ngegama ‘likaThixo’ lesiHebhere. Ngokusuka koko kuye kwaphawulwa okufana noku, baye bafikelela esigqibeni sokuba ezi ncwadi zeBhayibhile ngokwenene ziyintlanganisela yeencwadana ezabhalwa ngamaxesha awahlukahlukeneyo zaze zagqityezelwa ngaxa lithile emva kowama-537 B.C.E.
Baninzi abayikholelwayo le ngcamango, kanti akukho namnye oye wacacisa isizathu sokuba uMoses abe wayengenakuthetha ngoMdali njengoThixo nanjengoYehova. Akukho namnye oye wabonisa ubungqina bokuba wayengenakubhala ngendlela ezahlukahlukeneyo ukuba wayebhala ngemibandela eyahlukahlukeneyo, ebhala ngamaxesha awahlukahlukeneyo ebomini bakhe; okanye esebenzisa imithombo yangaphambilana. Ngaphezu koko, kunjengokuba uJohn Romer wathi kwincwadi yakhe ethi Testament—The Bible and History: “Isizathu esisisiseko sokuchaswa kwayo yonke le ndlela yokuhlolisiswa sikukuba ukuza kuthi ga namhlanje akukho nalinye inqaku lemibhalo yamandulo eliye lafunyanwa lingqina ubukho benkcazelo ethelekelelwayo yemibhalo eyahlukahlukeneyo ethandwa ngokwenene ngabaphengululi banamhlanje.”
Intelekelelo esisiseko yabahlalutyi abaninzi beBhayibhile iye yacaciswa kwiCyclopedia kaMcClintock noStrong ngale ndlela: “Abaphengululi . . . baqala ngokuthelekelela ukuba izibakala ezingokwembali ezikhoyo kwiingxelo ngokucacileyo ziziinyaniso eziqinisekileyo, ezifanayo ngokwemithetho yendalo nezinye iinyaniso esizaziyo. . . . Ngaba umbhali usichaza njengento eyinyaniso yokwenene isiganeko esingaphaya kwemida eyaziwayo yemithetho engokweNdalo? Ukuba kunjalo . . . isiganeko ekuthethwa ngaso [asi]zange senzeke.”
Ngaloo ndlela, abaninzi bathelekelela ukuba izinto eziyimimangaliso zazingenakuze zenzeke, zisekelwe kwimilinganiselo engaphaya kwemida eyaziwayo yemithetho yendalo. Ngokufanayo, kwakungenakuprofetwa ngesiganeko esasiza kuzaliseka emva kwexesha elide, ekubeni abantu bengenako ukubona oko kwakuya kwenzeka kwixesha elizayo elikude. Nawuphi na ummangaliso ufanele ukuba ube libali nje okanye intsomi. Nasiphi na isiprofeto esazalisekiswa ngokucacileyo simele ukuba sabhalwa emva kokuba sizalisekile.a Kungenxa yoko, bambi bema ngelithi iziprofeto zencwadi kaDaniyeli zazaliseka ngenkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo ibe ke le ncwadi imele ukuba yabhalwa ngelo xesha.
Kodwa olu hlobo lwentelekelelo luxhomekeke kwisolotya lokholo: lokuba uThixo akakho, okanye ukuba ukho, akaze angenelele kwizinto zoluntu. Ngokuqinisekileyo, intsingiselo epheleleyo yeBhayibhile ikukuba uThixo ukho yaye unomdla omkhulu kuluntu. Ukuba oku kuyinyaniso—yaye ubungqina bubonisa ukuba kunjalo—ngenene inxalenye enkulu yesizinzi sohlalutyo oluqatha lweBhayibhile namhlanje siyalambatha.
Ngaba Inzululwazi Yanamhlanje Iye Yayibonisa IBhayibhile Iyephosakeleyo?
Noko ke, kuthekani ngento yokuba inzululwazi iye yabonisa ukuba asinakuyikholelwa iBhayibhile? Inyaniso ikukuba, xa iBhayibhile ithetha ngezinto ezinokuthanani noko sikubiza ngokuba yinzululwazi, ubukhulu becala oko ikuthethayo kuyavisisana noko izazinzulu zanamhlanje zikufundisayo.
Ngokomzekelo, iBhayibhile inikela imiyalelo esebenzisekayo enxulumene nezempilo nezifo ezosulelayo. Incwadi ethi Manual of Tropical Medicine igqabaza isithi: “Akukho namnye onokuze angachukumiseki zizilumkiso ezavakaliswa ngenyameko ezingokwempilo zexesha likaMoses. . . . Kuyinyaniso ukuba ukwahlulwahlulwa kwezifo kwakulula gqitha—[njengoku] isifo esiyingozi, sasibizwa ngokuba ‘sisibetho’; nesifo esingapheliyo, esihambisana nokujaduka kohlobo oluthile, sasibizwa ngokuba ‘liqhenqa’—kodwa imithetho engqongqo ngokugqithiseleyo yokuvalelwa kwabantu abaneqhenqa kusenokwenzeka ukuba yaba yingenelo enkulu.”
Kwakhona, qwalasela inkcazelo yeBhayibhile: “Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.” (INtshumayeli 1:7) Oku kuvakala kufana nenkcazelo engomjikelo wamanzi efumaneka kwiincwadi zesikhokelo namhlanje. Imilambo ikhuphela amanzi elwandle, apho athi aguquke abe ngumphunga othi uguquke ube ngamafu agubungela umhlaba, aze awe njengemvula okanye ikhephu aze abuyele emilanjeni.
Ngokufanayo, izigqibo zeenzululwazi zokuba iintaba ziyakhula zize zidilike, kwanokuba ngaxa lithile iintaba zanamhlanje zaziphantsi kweelwandle zamandulo, zivisisana namazwi abumbongo omdumisi athi: “Ema amanzi phezu kweentaba. Kwenyuka iintaba kwehla izihlambo, aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.”—INdumiso 104:6, 8.
Omnye umbhali wathi: “Bonke ababhali beTestamente Endala bawugqala umhlaba njengosisithabazi, ibe maxa wambi bathetha ngeentsika ekwakucingelwa ukuba ziwuxhasile.” Noko ke, oko akuyonyaniso. UIsaya wathetha ngalowo “uhlala phezu kwesazinge sehlabathi.” (Isaya 40:22) Yaye uYobhi wathi ngaYe: “Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, axhome ihlabathi phezu kokungeni.” (Yobhi 26:7) Ukuchazwa komhlaba njengalowo uyingqukuva elengalenga esithubeni kungekho nto ibonakalayo ewuxhasileyo kuvakala kuyinkolo yezi mini ngokuncamisileyo.
Indaleko
Kuthekani ngokuphikisana phakathi kweBhayibhile nengcamango yendaleko?b IEncyclopœdia Britannica inikela le ngxelo: “Ingcamango yendaleko yamkelwa ngabantu abaninzi ngokugqithiseleyo kwizazi zenzululwazi.” Kodwa isebenzisa ulwimi olulula ngokwaneleyo ukuba lwalunokuqondwa kwisizukulwana sangaphambi kwesenzululwazi, iBhayibhile ifundisa ukuba ubomi babakho ngokudalwa nguThixo yaye iintlobo ezisisiseko ezahlukahlukeneyo zobomi azizange zizivelele nje koko zadalwa.—Genesis 1:1; 2:7.
Oonondaleko abahlukanga kubahlalutyi beBhayibhile. Banolweyiseko olunamandla ibe bathetha ngegunya. Kodwa abambalwa banyaniseke ngokwaneleyo ukuba bavume ukuba ingcamango yendaleko inawo amakhwiniba. Omnye uthi: “Umzekelo kaDarwin ongendaleko . . . , ngokusisiseko oyingcamango eyakhiwe ngokutsha engokwembali, . . . akunakwenzeka ukuba uqinisekiswe ngendlela zolingelo okanye ngokuqwalaselwa ngokungqalileyo njengokuba kunjalo ngenzululwazi . . . Ngaphezu koko, ingcamango yendaleko ichaza ngongcelele lweziganeko ezikhetheke ngokukodwa, imvelaphi yobomi, imvelaphi yobukrelekrele njalo njalo. Iziganeko ezikhetheke ngokukodwa ezinjalo azinakuphindaphindwa ibe azinakusekelwa kulo naluphi na uhlobo lombandela wokuhlolisiswa ngolingelo.” (Evolution: A Theory in Crisis, nguMichael Denton) Omnye uthetha ‘ngenyaniso engendaleko.’ Sekunjalo, walatha kwingxaki eyintloko engokungqina le “nyaniso” esithi: “Xa ukhangela unxibelelwano oluphakathi kwamaqela amakhulu ezilwanyana, alukho nje kwaphela.”—The Neck of the Giraffe, nguFrancis Hitching.
Kungakanani Abanokukwazi?
Ubungqina obuninzi bungendaleko buye baveliswa zizazinzulu ngomhlaba nezazinzulu ngezilwanyana zamandulo—izazinzulu ezenza uphengululo ngomhlaba kumaxesha amandulo. Iingxaki ezijamelene nazo ezi zazinzulu azahlukanga kwiingxaki izazi ngeenkwenkwezi ezijamelene nazo. Ngoncedo lwezixhobo ezahlukahlukeneyo, izazi ngeenkwenkwezi zikhangela kwimitha esuka kude ezinkwenkwezini, kwizijikelezi-langa, kumakroza, nakwiziqu ezikude ezinjengeequasars. Bezama ukusebenzisa le nkcazelo ifumanekayo, bavelisa iingcamango ezingezinto ezinzulu ezinjengobume beenkwenkwezi nemvelaphi yendalo iphela. Kunqabile ukuba babe nethuba lokuhlolisisa iingcamango zabo, kodwa xa bathe banalo, ngokufuthi bazifumanisa zingafanelekanga okanye zingachananga ngokucacileyo.
Isazi ngeenkwenkwezi esisebenzisa unomathotholo uGerrit Verschuur wabhala: “Uphando lwakutshanje olungeenkwenkwezi lwaseUnited States luye lwatyhila ukunqongophala okothusayo kolwazi lokwenene ngezinto ezikummandla wendalo ongasentla. Xa ukufuphi kuso, isijikelezilanga esinguMars singqineka sahluke ngokupheleleyo koko sinokukubona xa sisemhlabeni. . . . Akukho sazi ngeenkwenkwezi esasinokucinga kwangaphambili ukuba ummandla okuJupiter wawunokuba mhle ngolo hlobo. . . . Kothukwa gqitha xa izithathi-mifanekiso ezaziku Voyager zatyhila ukuba kuSaturn kukho izazinge ezidibeneyo, iinyanga ezishiyashiyanayo nezazinge ezincinane ezingaphezu kwe-1 000. . . . Okuyinyaniso ngemeko yasemajukujukwini kubonakala kuyinyaniso ngemizekelo yaselebhu eye yafotwa phantsi kokwandiswa okusoloko kuhambela phambili. Sihlandlo ngasinye siphonononga ngokusondeleyo kutyhileka inkcazelo engalindelekanga ngokupheleleyo eye yasidida neye yaguqula iinkolelo zethu zangaphambili.”
Izazinzulu ngomhlaba, ngezilwanyana zakudala nabanye abanikela “ubungqina” obuninzi obungendaleko, ngokufana nezazi ngeenkwenkwezi, bazixhalabisa ngeziganeko nezinto ezikude gqitha—kungekhona ngomgama kodwa ngeminyaka. Kanye njengokuba izazi ngeenkwenkwezi zixhomekeke kwimitha engacacanga esuka kwimigama engenakuthelekelelwa ukuze bafumane inkcazelo yabo, ezi zazinzulu zizezinye zinyanzeleka ukuba zixhomekeke kwimizila eye yasala ngengozi isuka kumaxesha akude kudala esijikelezi-langa sethu. Ngokungaphephekiyo, njengezazi ngeenkwenkwezi, nazo zifanele zibe zibethe ecaleni kwizigqibo zazo ezininzi.
Ngaba Unokuyikholelwa IBhayibhile?
Ngenxa yoko, akuyomfuneko ukuba abantu abacingayo bankwantyiswe ziingcamango zabaphengululi ezibonisa ukuba akunakuyikholelwa iBhayibhile. Noko ke, oku akuthi ngokunokwako kungqine ukuba unokuyikholelwa. Ukuze uyikholelwe, kufuneka wenze oko abahlalutyi abaninzi beBhayibhile bangakhange bakwenze—uzityhilele iBhayibhile, uze uyifunde ngengqondo ephangaleleyo. (IZenzo 17:11) Kwiminyaka eliqela eyadlulayo, umbhali wemidlalo yosasazo waseOstreliya, owayefudula engumhlalutyi weBhayibhile, wavuma: “Okwesihlandlo sokuqala ebomini bam ndiye ndenza oko ngokuqhelekileyo kungumsebenzi wokuqala walowo unikela ingxelo kokuthile, ndahlolisisa iingongoma zam. . . . Ibe ndakhwankqiswa, ngenxa yokuba oko ndandikufunda [kwiingxelo zeVangeli] kwakungelo bali nje ibe kwakungeyiyo intsomi yezinto zendalo. Yayikukunikelwa kweengxelo. Iingxelo eziphuma kumangqina okuzibonela nezivela kwabo babika oko bakuvileyo ngeziganeko ezingaqhelekanga. . . . Ukunikela ingxelo okuvakalayo, ibe eso songo sikwiincwadi zeVangeli.”
Sikukhuthaza ukuba ulandele umzekelo wakhe. Zifundele ngokwakho iBhayibhile. Xa uqwalasela ubulumko obunzulu beBhayibhile, indlela ezizaliseka ngayo iziprofeto zayo, nokuvisisana kwayo okumangalisayo, uya kwandula uqonde ukuba ayiyongqokelela nje yeentsomi ezingezizo ezenzululwazi. (Yoshuwa 23:14) Xa uzibonela ngokwakho indlela ubulumko beBhayibhile obunokubuguqula ngayo ubomi bakho ukuze uphile ngendlela elungileyo, akusayi kuthandabuza kwaphela ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo. (2 Timoti 3:16, 17) Ewe, unokuyikholelwa iBhayibhile!—Yohane 17:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Abafundi abaninzi beBhayibhile bayaqonda ukuba le ngcamango iphosakele, ekubeni iZibhalo zesiGrike, ezabhalwa ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, zinengxelo yenzaliseko yeziprofeto ezininzi zeZibhalo zesiHebhere, ezabhalwa ngokucacileyo kwiinkulungwane ngaphambili. Ngokomzekelo, inzaliseko yenkulungwane yokuqala yazo zonke iinkcukacha zikaDaniyeli 9:24-27 ibhalwe kwiZibhalo zesiGrike okanye ngababhali-mbali behlabathi.
b Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo yendaleko ngokuchasene nendalo, bona incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? eyapapashwa ngowe-1985 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Kunzima ngezazi ngezilwanyana zakudala ukucalula oko kwenzekayo kwixesha elikude eladlulayo njengokuba kunzima ngezazi ngeenkwenkwezi ukucalula ukubunjwa kwezinto ezikhoyo kwimimandla ekude esemajukujukwini